Imbali ngelali yakwaMpundu

ilali yaseMpundu Umfanekiso: Siyanda Zakhe

IMpuma Koloni liphondo elinee lali ezininzi kakhulu apho ezinye zazo zinamagama amnandi okanye atenxileyo kodwa ilali yakwaMpundu eMonti yenza ubani ashiyeke ehleka okanye angalikholelwa ukuba ingaligama le ndawo eli.

Liyinyani elokuba ilali ebizwa ngokuba kukwaMpundu ikhona kwingingqi yaseNxarhuni eMonti.

Kutshanje I’solezwe lityelele le lali ukuva oyena nobangela wokuba ibizwe ngeli gama. Wonke nje umhlali esidibene naye kule ndawo uqale ahleke phambi kokuba asabele ukuba yintoni kanye le siyibuzayo.

Abahlali bale lali baxelele I’solezwe ukuba baye bahlekwe ngabanye abantu bezinye iilali xa bebiza igama lelali yabo – kwaMpundu.

Umhlali esiqale sabuza imbali yeli gama uthe: “Mna ndeva ukuba eli gama lisukela kubantwana balapha abangamantombazana ababesiya esikolweni benganxibanga iipenti. Ndicinga ukuba lisukela apho eli gama lelali yethu.”

Kodwa ixhego lakwaMpundu uMkhwepha Madosi (85) ukuphikisile oku, esithi yena akwaziyo kukuba eli gama lisukela mandulo ngethuba amadoda ale ndawo ayetyelele kumzi onomcimbi kwilali ekufuphi ekuthiwa kukwaNkone.

“Kwakuxhelwe inkabi yenkomo kwaNkone ze amadoda elicala lethu anikwa impundu yesibindi phakathi kwenyama ababeyabelwe. Kuthwa lavela njalo eli gama lale lali yethu,” utshilo uMadosi.

Kwisibindi senkomo, impundu luhlobo oluthile oluyincakama eyenza ukuba abahlinzi bakwazi ukusohlula phakathi.

Ukanti notatomkhulu esincokole naye welali ophantse wantananganye noMadosi, uMhlophe Mfene ungqinelene noMadosi nangona nje naye eqale ngokuhleka nje phambi kokuba aphendule.