UMakinana unceda abantwana besikolo eMonti!

Usomashishini umnu. Mandla Phakamile Makinana ngethuba ephisa ngezinto zokudlala eLujiza Public School namhlanje. Umfanekiso: Pedro Mapelo @I'solezwe lesiXhosa

Abantwana besikolo samabanga aphantsi, iLujiza Public School, kwilokishi yaseDuncan Village, abakwazanga ukuzibamba ngenxa yemincili emva kokuthiwa jize ngezipho ngusomashishi owaziwayo umnumzana Mandla Phakamile Makinana ephelekwa ngunkosikazi wakhe uSive Phakamile Makinana njenjikalanga yanamhlanje.


Umsitho lo bekuphiswa kuwo ngeempahla zemidlalo ebantwaneni besikolo ubuzinyaswe ngabefundisi bakwalizwi, iinkokeli zaseBuffalo City, iinkokheli zombutho olawulayo i-Anc nabantu belokishi yaseDuncan Village.

Lo somashishini, odume ngokunceda abantu abangathath’intweni kweli phondo leMpuma Koloni, uphise ngebhola, amaphini wokudlala iqakamba, izikipha zebhola yomnyazi, ezeqakamba nezebhola ekhatywayo kulo msitho ebubanjelwe eLujiza Public School.


Ukufaka isandla apho kuswelwe [kuhanjwa nzima] khona yinto yakhe umn. Makinana – kwaye yonke lo nto uyenza enganyekanga nzazo. “Ndikhule ndisokola ngoku andifuni ukubona omnye umntu esokola. Injongo yam kukususa abantwana kwiziyobisi,” utshilo okaMakinana ngethuba ethatha nentatheli yeli phephandaba. Kweli phulo lakhe lokunceda abantwana, utat’uMakinana usebenzisene nesebe le African Bank elisedolophini eMonti.


Isekela nqununu, umnu. Siphiwe Ngwendu, nguye owamkele izipho egameni lesikolo nabantwana abaphiwe izipho.

“Sichulumance kakhulu kwesi sikolo emva kokuba utat’uMakinana ethe wasikhumbula ngokusipha izinto zokudlala. Abantwana bazakutsho basikhuthulalele isikolo. Siqhuba kakuhle kwezemidlalo, nangoku kwiveki ephelileyo abantwana bethu bebedlala,” Ngwendu.

Njengokuba zivuliwe izikolo kulo nyaka mtsha, kwezi nyanga zimbini zizayo kulindeleke kuqale imidlalo yezikolo kulo lonke ilizwe. Abantwana besi sikolo bazakuya kuyo betshintshile.