Kubethana izimvo ngokurhoxa kukaGerrie Nel

Umfanekiso ogciniweyo kaGerrie Nel
Kubethana izimvo kumaqonga onxibelelwano kulandela ukurhoxa emsebenzini komtshutshisi ophezulu wombuso uAdvocate Gerrie Nel.
 
Iindaba zokurhoxa kwale ndedeba kumsebenzi wayo zivakale ngoLwesibini. IGunya-Bantu lezoTshutshiso likungqinile ukurhoxa kukaNel, lisithi imbalelwano yakhe uyifake ngoMvulo.
 
UNel kudizwe ukuba uzakuba yinxalenye yecandelo lokulwa ubuqhophololo kwiAfriforum; umbutho owaziwa ngokulwela iimfuno namalungelo egcuntswana.
 
UNel, ekukholeleka ukuba uzakuzithi thaca kwinkomfa yoonondaba ngoLwesithathu izizathu zokurhoxa kwakhe, ugqame kakhulu eluntwini ngethuba emele umbuso kwityala lembaleki uOscar Pistorius.
 
Abantu kumaqonga onxibelelwano bakubona ngeendlela ezahlukeneyo ukurhoxa kukaNel.
 
Obesakuba yiNkulumbuso yaseRhawutini uMbhazima Shilowa ubhale kuFacebook wakhe: “Kudala ndimhlonipha uAdvocate Gerrie Nel, osebenzele umbuso. Kufanele itshintshe lo nto ngenxa yokuba esiya kwiAfriforum? Akukho nto igwenxa ayenzileyo, utshintsha nje umsebenzi.”
 
U-Adriaan Basson ongumhleli kwaNews 24 ubhale kuTwitter wakhe: “Kubi futhi lusuku olubi ukubona umtshutshisi ozinikeleyo nothandwayo uGerrie Nel eshiya iNPA eyokuzibandakanya nombutho othanda iyantlukwano njenge-Afriforum.”
 
UTlou M kuTwitter wakhe uthe: “Kutheni nisothuka ngokurhoxa kukaNel esiya kwiAfriforum. Ungumntu omhlophe naye.”