Imbali yaseNgcobo mayingacimi

Umphathiswa wesebe lezemidlalo, ulonwabo, ubugcisa nenkcubeko eMpuma Koloni uPemmy Majodina ekunye nabantwana ebebesonwabise abantu ngomxhentso eClarkebury UMFANEKISO SIYANDA: JANTJIES

UMphathiswa wesebe lezemidlalo, ulonwabo, ubugcisa nenkcubeko eMpuma Koloni uPemmy Majodina, uthi iinkquleqhu abazenzileyo bengurhulumente apho batyhile ngokusesikweni amatye wamagorha waseNgcobo, zenzelwa ukuba ingacimi imbali yale dolophu.

UMajodina ebethetha eClarkbury eNgcobo ngoLwesihlanu apho urhulumente wephondo ubudibene khona ukubhiyozela amafa namagugu eli lizwe.

Le ndibano yandulelwe kukutyhilwa kwelitye likaKumkani Vusani Ngubengcuka kaNdaba.

UNgubengcuka, owayezalwa nguKumkani Ndaba, yiKumkani yabaThembu ezalwe ngo1790 wabhubha ngo1830.

Yena uzala uKumkani Mthikrakra (namhla kuthiwa Mtirara), uMthikrakra ozale uKumkani Ngangelizwe, uNgangelizwe ozale uKumkani Dalindyebo, uDalindyebo ozale uKumkani Jongilizwe, uJongilizwe ozale uKumkani Sabatha (Jonguhlanga), yena uKumkani Buyelekhaya (Zwelibanzi), yena uZwelibanzi uzala uKumkani Azenathi (Zanelizwe), uAzenathi ozala uKumkani Onesisa (ozelwe ekuqaleni kwalo nyaka).

UMajodina uthi ukutyhilwa kwengcwaba likaKumkani Ngubengcuka eClarkebury kwanalawo wamagqala ezopolitiko, uGqirha AB Xuma noWalter Sisulu eNgcobo luphawu lokuba iNgcobo sokuze itshintshe nangeyiphi imini.

“Imbali yaseNgcobo mayingacimi, kuba le ndawo ikhuphe amaqhawe asenzele imbali eyaziwa lilizwe jikelele,” utshilo uMajodina.