Imbali yeenkonzo zabantsundu

IIcawe nje ngamaqela azimeleyo azinakho ukulungisana kuba iyileyo icawe imi kuba ikholelwa ekubeni yiyo yodwa ebhaqe okanye etyhilelwe icebo likaThixo ngoluntu.

Ezikrelekrele iinkokheli zamabandla azithandi ukuba ibhentsiswe le nyaniso ibanga ukuba kubekho amahlelo ngamahlelo ebuKristwini, zithanda ukwenza ngathi zikholelwa okwenene kwingcamango ethi zisengela thungeni linye.

Iicawe zingawenza umbutho wazo wokugcina ukhuseleko lwamakholwa kwinkitha yeengcuka ezambethe iimfele zegusha phakathi komhlambi kaKristu owahlulwahlulwe wangamaqela ngabantu ababona ubizo lukaKristu ngeendlela ezahlukeneyo, nabazizihiba ezinjengokumkani wakudala waseBritani uHenry VIII, nabo bathi bezibiza ngegama lobuKristu babe bengayamkeli inyaniso ethi alikho elinye igama phezu komhlaba naphantsi kwelanga elimisiweyo ukuba sisindiswe ngalo.

Abo ke ngabathi xa befundisa bafundise ukuphakanyiswa kweziqu zabo kunobuThixo-buntu bukaKristu emhlabeni noBuntu-buThixo bukaKristu ehleli ngasekunene koyise.

Xa inkokheli ifundisa abalandeli bayo ukuba iTestamente entsha bubuvuvu nje babantu abamhlophe. Abalandeli bayo ngamaKristu aluphi uhlobo. Ivangeli kaYesu Kristu unyana kaThixo ifumaneka kwiTestamente entsha kuphela. Soze uhlangane nobuKristu kwitestamente endala, nguYehova uThixo wabantu bakhe owazikhethela bona phakathi kweentlanga ufumane nokholo lobuYuda. Kholo olo lungenathemba lamazulu amatsha nomhlaba omtsha, oluthembisa qha ngokuthatha ilizwe lamaKanana linikwe amaSirayeli nokuphila kakuhle emhlabeni ngokugcina umthetho kaYehova ngomlomo ka Mosisi.

Abantu abanjengamaNazareth Baptist Church (Shembe) abangayifihlisiyo into yokuba kwela bandlakazi labo uYesu akangeni ndawo njengoko engengomZulu ngomnombo, owabo umthetheleli ingumseki webandla uIsaiah Shembe, hayi uKristu. Abalandeli bakaShembe ngamaKristu na?

Ngaluphi uhlobo?

Kunokuthiwa ngamaKristu na ngenxa yokuba igama lenkonzo yabo linoNazareth?

Inkokheli nebandla layo engamaziyo uMoya oyiNgcwele de ingoyiki ukufundisa ibandla ukuba yona ngokwayo inguye uMoya oyingcwele, ingonjani umKristu? lona ibandla alikhokeleyo lelakhe na uKristu? Ngokwezibhalo zobuKristu uMoya oyiNgcwele asinguwo umoya ococekileyo, koko sesinye seziqu ezithathu zoThixo omnye.

AngangumKristu njani na umntu obanga ukuba unguThixo?

Abalapha eAfrika abantu bayamangalisa ngokuthanda ukukholelwa lula kwizinto ezibubuvuvu kwaneenkani zabo xa bexelelwa izinto eziyinene. Kwincwadi yakhe, Ingqumbo Yeminyanya, uGqirha AC Jordan ukhala ebuza esithi, “ kazi oonoNgqawuse aba boze baphele nini kule Afrika.” Ngathi kum abakazokuphela.

Urhulumente unomsebenzi wokukhusela abantu kuzo zonke izihange zazo zonke iintlobo nokuba zixabiseke kangakanani na ebantwini abalunge njengehobe kodwa bebuswele ubulumko benyoka.

Isela lisela nokuba linguPastor okanye iBishop okanye uMphathiswa ebuRhulumenteni. Amasela nezidlwengu akahloniphi cawe nasikolo. Ngoko ke urhulumente akukhonto amele ukuyoyika ekukhuseleni abantu nakweyiphi na imeko yobomi.

Abantu abaninzi abamisa iinkonzo bazimisela ukuzityebisa ngemali yabakholwayo. Lo nto icace njengekati ehlungwini. OoPastor aba besenza ezi zinto bazenzayo nje benziwa kukukhanyelwa yinto yokuba abantu abahluphekayo nabagulayo bayabatyebisa kakhulu abantu abanamaqhinga. Umahluko kukuba oopastor abaninzi bona abacikidekanga, banamaqhuqhutye baye beyingxamele kakhulu le mali yezihlupheki nezikwabakazi.

Umongameli waseRuwanda uPaul Kagame yena ujonge wajonga wenza umthetho wokuba umntu ongafundiswanga izifundo zokholo lobuKristu (Theology) akanako ukumisa nkonzo eRuwanda kwakhona.

Eyona nto mna endibona ukuba ingalungisa ububhanxa obuninzi obuqhubeka phantsi kwegama lubuKristu kukuba urhulumente amilisele ugcinoncwadi zeemali, zento yonke yamakholwa nokuba loo ndibano iphakamisa uKristu, nokuba iphakamisa umntu endaweni kaKristu. Nokuba iphakamisa usathana.

Indibano leyo yamakholwa mayisebenze nesebe likarhulumente, mazithi ezo zidibene, zikhangele iimali ezirholwa ngamakholwa ukuba zenze umsebenzi ezirholelwa wona, zingatyebisi iinkokheli zamabandla abe amalungu amaninzi wona eyimiqhokro kukubhitya.

Iinkonzo zabantu abamnyama, inkoliso yezokuqala, zaphuma kwezabamhlophe abamisi bazo bekhalazela imali, ukusetyenziswa kwemali ngabefundisi abamhlophe, kukhalazwa ngabefundisi abamhlophe namakholwa amhlophe ngobuhlanga bebala obenza ukuba amakholwa abe ngabazalwana noodade xa bengaphakathi kwesakhiwo setyalike kodwa ngaphandle kwaso abamhlophe babezinkosi ( Masters), abamnyama babe zizicaka (Servants).

Kwakukhalwa yimidaka ngokuba, njengoko ibandla lamaKristu-jikelele linobizo( mission) lokuphakamisa intlalo yoluntu ngokubanzi, wona awaseMzantsi Afrika amabandla athumela imali phesheya kolwandle iyokuphakamisa iimbedlenge nezihlupheki zase-Europe.

Mhlawumbi abefundisi abamhlophe babeyithumela eEurope imali ngezizathu esingenakuzigweba singenalwazi lupheleleyo.

Into ebonakalayo yile abefundisi abamhlophe bazakhile izikolo nezibhedlele besakhela bonke abantu. Sakhelwa ooLovedale, ooSt Matthews, ooClarkebury, Healdtown, Shawbury, Marrianhill, Kilnerton, Bethel, njalo njalo.

IWilberforce eseEvaton yona yakhiwa libandla labamyama (AME) laseMelika (USA).

IOhlange Institute yona yakhiwa nguMafukuzela, Dr John Dube, unyawontle nomongameli wokuqala weANC. IFort Hare University yakhiwa ngo1916 ngamadoda, uhlobo lwamadoda athi ukuwachaza uMqhayi “yimidondosholo, amathole anyongande kukudlelana! Amadoda antliziyo zingaziwayo, amadoda angathunywa ngazicengo namibengo”, izinto zooRubusana, ooJabavu nooMbeki namanye amathandazwe amafanankosi omthonyama.

Amabandla abantsundu abizwa ngesiNgesi ngokuba ziiIndependent Churches kudala ekho kwaye maninzi, anamalungu ayintlaninge. Umzekelo yiZion Christian Church (ZCC),

Nazareth Baptist Church (Shembe Church) neBantu Church of Christ (eyaziwa ngokuba nguSigxabhayi) zininzi nezinye ezinkulu ngokwaneleyo, kukho netlaninge yezincinci ngokuphoxekileyo.

Into efanele ukubuzwa nokuqondwa kwezi nkonzo zabantsundu, ezikhokelwa ngabantsundu zingabonisa ngantoni na zizingce ngantoni na kwicala lokuphakanyiswa kwentlalo yabantu abantsundu.

Ziphi iiCollege nezibhedlele ezakhiwe ngemali yamalungu ezi nkonzo? Ziphi iikretshi ( creches) neekliniki ezakhiwe zezi nkonzo.

UYesu wayengakholwa tu ngabasweli-kuqonda. Abasweli kuqonda ke ziziyatha.

Xa omnye umfundisi nenkokheli yamaYuda, uNikodimo, waxakana nengcamango yokuguquka ngokuthi umntu azalwe ngokutsha, uYesu wamangaliswa yintswelakuqonda yomntu ofundisiweyo nenkokheli. Uthi “ungumfundisi wakwaSirayeli nje awuzazi na ezi zinto?” UYesu wamchazela uNikodimo ukuba umntu umelwe kukuthi azalwe ngokutsha ngamanzi nangoMoya. Waphinda uYesu wambonisa umfuni wolwazi onguNikodimo ukuba “Inene, inene ndithi kuwe sithetha esikwaziyo, singqine esikubonileyo, nisuke ningabamkeli ubungqina bethu.”

Ulwazi lubalulekile ebuKristwini. UYesu noPawulos bayayigxininisa into yokungafuneki kobuhesheheshe enkonzweni. UPaulos yena ovunywa nanguPetros ukuba nguye oyichana ngaphezu kwabo bonke indlela yokholo lobuKristu nenjongo kaThixo, uthi elukholweni lobuKristu masikhule sidlule ekudleni amasi, sidlulele ekudleni ukudla okuqinileyo. Uthi ke masikhule elukholweni sibe ngabadala, hayi iintsana.

UYohane, ingwevu eyaye ingeyona encinci ngokuzalwa kubapostile bakaYesu, ubhala kwincwadana yakhe yokuqala kwezimbini athi “Ke siyazi ukuba unyana kaThixo ufikile wasinika ingqondo ukuze simazi oyinyaniso. Sikuye ke oyinyaniso, kuye unyana wakhe uYesu Kristu. Nguye lo uThixo oyinyaniso, nobomi obungunaphakade.”

Ugqibela ngokuthi “ bantwana zigcineni kuzo izithixo”.