Imbelukazi yaseKomani ijonge intshinga kanobuhle

UKhayakazi Koto ongenele uMiss Bachelorette SA 2019

UKUQABELA ngaphaya kweminyaka engama40 akuthethi ukuba ubani akusekho galelo anokulenza ehlabathini.

La ngamazwi wenenekazi laseKomani, uKhayakazi Koto, ongenele ukhuphiswano loonobuhle uMiss Bachelorette SA.

UKoto, 39, uphakathi kwamagqiyazana alishumi elinesithandathu nakwindawo ephezulu kolu khuphiswano.

UMiss Bachelorette SA ukhangele amanenekazi aphakathi kweminyaka eyi25 ukuya kuma50 angatshatanga, nokuba angakanani na ngomzimba nangokobude.

UKoto uthi wabona olu khuphiswano ngebhaqo kuFacebook, waya kwi-website yalo, wafumana iinkcukacha zokungenela waze akaphozisa maseko.

“Ndiyavuya kwaye ndiyazingca ngokuba kwiTop 16 nanjengoko ndiyinxalenye yeqela lamanina amahle nakrelekrele.

Kum oku kuthetha ukuba elowo nalowo unamandla nendawo emhlabeni yokufezekisa oko akufunayo. Kusisikhumbuzo sokuba ukubangaphaya kwama40 eminyaka akuthethi ukuba akukho galelo onokulenza ehlabathini,” kutsho uKoto kwincoko nephephandaba I’solezwe lesiXhosa.

Amabhaso olu khuphiswano aquka isixa semali eyiR100 000 kwaneemveliso zobuhle.

UKoto uthi abaququzeleli bakhangela umntu ozithembayo oza kulandela imisebenzi ayinikiweyo yesisa, ukuxhasa nokuthengisa amashishini aphethwe ngabantu basetyhini, ukukhangela inkxaso eza kuxhasa wena njengongenele ukhuphiswano nokuthengisa amatikiti olu khuphiswano kwaneevoti ozifumeneyo.

UKoto, ongumama kwintwazana eneminyaka eyi-11, uzalelwe eLady Frere waze waya kukhuliswa ngumakhulu wakhe Ezibeleni kuKomani.

Emva kokufunda eUWC eKapa uye wasebenza kwisikhululo sikanomathotholo sasekuhlaleni iUlwazi, eDe Aar kuquka neTakalani Community Radio eAliwal North. UKhayakazi ukhe wasebenza njengomqulunqinkqubo kwi-trufm nakuMhlobo Wenene.

Eli gqiyazana, esele lisebenzela iSebe loBudlelwane bezangaPhandle neNtsebenziswano ePitoli likwangumsasazi eUbuntu Radio.

UKoto uthi ukhule engengomntu ozithembe kakhulu kwaye engazange azibone njengomntu omhle, ngoko ukungenela oonobuhle zange ibe yinto anomdla kakhulu kuyo.

“Kodwa ngo2002 ndakhe ndazothusa ndangenela uMiss Umhlobo Wenene FM nalapho ndajika kwiTop 5, ndabe ndiyagqibelisa.”

Uthi uyazingca ngokumela iMpuma Koloni kolu khuphiswano. “ Kuba kaloku iphondo lethu kwixesha elininzi lijongelwa phantsi nangabantu abangazange balibona ke phofu. Yindima yam okanye yethu ukuba senze konke okusemandleni ukuligqamisa, siliphuhlise, silibeke emagqabini.

Ukuze uKoto abuye nayo intshinga kaMiss Bachelorette , thumela umyalezo weSMS othi MBSA Khayakazi ku33282. Ungavota kangangoko ufuna!