Imemelela intsebenziswano njengesisombululo somhlala-phantsi iPSC

IKOMISHINI ejongene neenkonzo zoluntu iPSC (Public Service Commission) iphakamise ngelithi makubekho intsebenziswano phakathi kwamasebe karhulumente, kwakunye nearente ejongene neemali zomhlalaphantsi zabasebenzi bakarhulumente.

Oku kulandela emva kophando noluqhutywe yile komishini ngeengxaki zemali yomhlalaphantsi ezingabhataleki kwangethuba. Le komishini idize ukuba abanye balinda kangangeminyaka elishumi phambi kokuba ziqosheliswe izicelo zabo, nangona bewafake onke amaxwebhu afanelekileyo.

Kwiinyanga ezimbalwa ezidlulileyo eli phephandaba lakhupha ingxelo ngoVelile Mdebuka owayelipolisa, esele lisidla umhlalaphantsi noweyehleli emlindweni iinyanga ezilishumi ingaphumi imali yakhe yomhlalaphantsi. Imanyano yeetitshala iNAPTOSA ibike ukuba kukho ingxaki yonxibelelwano phakathi kwamasebe karhulumente nabantu abalinde iimali zomhlalaphantsi.

Ilungu lesigqeba seNAPTOSA uKhwezi Dalasile uthe, “Ngelinye ixesha ufumanisa ukuba kubakho iingxaki kwiinkcukaca zelungu elifake isicelo, kodwa iofisi yesekethe ingathintani nelungu elo ukuze loo ngxaki isonjululwe, ivela xa ililungu eliphinda liqonde xa imali ingaphumi.”

UDalasile uthe iingxaki ezininzi zikubasebenzi abebesebenzela urhulumente ngexesha lamaphandle, abasebenzi abakhe banengxaki zemitshato, “Umzekelo xa ubutshatile waphela loo mtshato, uphinde utshate kuyathanda ukubakho ingxaki,” uqhube watsho uDalasile. Ukwathe kubanzima kakhulu xa ilungu losapho lingasekho.

UDalasile uthe, “Kwakungcono ngela xesha urhulumente wayekade ekhupha isiqinisekiso segalelo lomntu kwingxowa yomhlalaphantsi, susela oko yathi yayekwa kwabakho obo bunzima.” Nemanyano emele abasebenzi bakarhulumente iNEHAWU ikwadize umceli mngeni kubasebenzi ababefudula besebenzela oorhulumente bamaphandle.

Unobhala wale manyano eMpuma Koloni uMiki Jaceni uthe, “Eyona ngxaki sinayo ikakhulu ngabasebenzi ababekhe bayekiswa ngethuba kuthatha urhulumente wentando yesininzi. Abasebenzi bakarhulumente waseCiskei ababeyekisiwe baphinda babuyiselwa baba nengxaki xa sele bethatha umhlalaphantsi kuba kuvela isikhewu sexesha xa befaka isicelo somhlalaphantsi.”

UJaceni uqhube wathi, “Sikwiphulo lokuthethathethana nomphathiswa weenkonzo zoluntu ngelizama ukunika ingqwalasela kulo mba.” IPSC ibike ukuba ngokomthetho ziinyanga ezimbini ixesha ekufanele ukuba kuqosheliswa ngalo intlawulo yepenshele.

Le komishini yenze iziphakamiso ngenjongo yokuza nesisombululo. Iphakamise ukuba i-arente ejongene nomhlalaphantsi wabasebenzi bakarhulumente iGPAA mayiqokelele uluhlu labantu abangekayifumani imali yomhlalaphantsi emva kwexesha elide belindile.

Ikwabongoze amasebe karhulumente ngelithi isebe ngalinye malifake amagama wabo bangekafumani mhlalaphantsi. Le komishini ikwabongoze isebe leenkonzo zoluntu ngelithi malisungule uqeqesho elijoliswe kubasebenzi abaphethe imithombo yoluntu ngesicwangciso sokunika isisombululo kumhlala-phantsi. IPSC ikwayalele intsebenziswano phakathi kweGPAA, amasebe karhulumente nebutho lerhafu uSARS ikuba kuqhutywe iphulo lokufundisa uluntu ngolwazi olumayelana neemali zomhlalaphantsi.

Ikwathe amasebe karhulumente, anamasebe kwamanye amaphondo, mawasebenzise ii-ofisi ezikumaphondo lawo ukuze kubekho inkonzo ekhawulezileyo yokuhlawulwa kwabo bathathe umhlalaphantsi.

Ikwaphakamise ukuba amasebe karhulumente mawaphucule unxibelelwano lweekhomputha libe kumgangatho ofanayo noweGPAA, kwaye makubekho nonxibelelwano ngokuqhubekayo kwiimali zomhlalaphantsi zabo bafake izicelo.