Iminyaka eyi-7 ejele kuMfundisi odlwengulileyo!

INKUNDLA yaseMotherwell eGqeberha, imthe nka! iminyaka esixhenxe enkolonkoloza entolongweni uNyawontle uLuthando Matodlana, emva kokulahlwa lityala lokudlwengula igatyana lomfana eGqeberha ngo2013.

UApostle Matodlana, 44, wayeneminyaka engama35 ngethuba exhaphaza ngokwesondo ixhoba, 31, nelalineminyaka engama22 ngoko.

Kuthiwa umtyholwa nexhoba badibana kwiqonga lonxibelelwano, uMXit ngeyoMqungu ngo2013.

OnguMlomo kumapolisa ala ngingqi, uCol Priscilla Naidu, uthi ixhoba ladlwengulwa ngethuba lityelele uMatodlana endlini yakhe phakathi kweyoMdumba neyoKwindla ngo2013 .

“Emva kokuthetha ngokulehleleyo kwiqonga lonxibelelwano ngo2020, ixhoba lacetyiswa ukuba livule ityala. NgeyeDwarha ku2020, uMatodlana wanqakulwa wavalelwa, kodwa wabuya wakhululwa ngebheyile,” kutsho ingxelo kaCol Naidu.

Kwiveki ephelileyo, lo Mfundisi wenkonzo iGod Is Love Ministry ufunyenwe enetyala lokudlwengula, waze wachitha ixesha entolongweni.

UBrigadier Thandiswa Kupiso, onguMkomishinala oliBambela kwiSithili iNelson Mandela, uncome etyibela umsebenzi weMotherwell Family Violence Child Protection and Sexual Offences Unit ngokuqinisekisa ukuba umtyholwa uza kubhadla entolongweni.

“Esi sigwebo sinika ithemba kumaxhoba oxhatshazo ngokwesondo lokuba ubulungisa buyenzeka nokuba kusemva kwexesha elingakanani, beqinisekisa ukuba abo bangabaxhaphazi ngokwesondo abazimeli ngapha kwamagama abo. Sikhuthaza amaxhoba oxhatshazo ngokwesini ukuba aphumele elubala ngezenzo zoxhatshazo,” kongeza uKupiso.