Iminyaka eyi32 esasaza uBra Mthura

UMthuthuzeli Scott weSABC ekunye noRefilwe Masemola, uMlawuli wezoNxibelelwano kwaSAB & AB InBev Africa UMFANEKISO: UTHUNYELWE

“Wayinika uWillie le Roux, wath’ogqiba wayinika iPhimpi (Makazole Mapimpi), iPhimpi laqabela phezu ko22 [metre line], balinqanda phezulu. Lath’ogqiba [iPhimpi] lathi hayi mntwanam uyandinambuzelelaandinakhwekhwe, andinarhwayibhane, sundonwaya emqolo.”

Le yindlela uMthuthuzeli Scott ebebekela ngayo abaphulaphuli boMhlobo Wenene FM umdlalo weQuarterfinal phakathi kweJapan noMzantsi Afrika kwiNdebe yeHlabathi yoMbhoxo ebibanjelwe eJapan, echaza ncakasana indlela aphume ngayo emadodeni uMakazole Mapimpi owazuza iTry.

Kutshanje uBra Mthura, nanjengoko ebizwa uScott, uwongwe ngeHall of Fame kumawonga akwaSAB wabezeendaba abakwezemidlalo. Eli wonga linikwa abantu abagqibeleleyo kwimisebenzi yabo.

UScott uqale ukusasaza imidlalo kunomathotholo kwiSABC ngo1987. Wazalelwa eKaladokhwe kodwa bafuduka belusapho baya eSada eWhittlesea, nangona nje esithi uzwelidala okanye ukhayakhulu wabo usekhona eKaladokhwe. Uthi ngoku sele engumakhi nomhlali eRhawutini.

“Eli liwonga elithetha inkuthazo kum, kuba ke andijonganga msebenzi esele ndiwenzile – ndijonge umsebenzi endiseza kuwenza. Lo nto ithetha ukuba eli wonga lindifaka umfutho nenkuthazo ukuze ndiqhubeke nangakumbi nomsebenzi ebendiwenza. Abanye bathi bakufumana amawonga anje ubone indoda ithoba umgangatho ithi ‘hayi mna ndigqibile, ndifumene elona wonga lakhe lalikhulu,” utshilo uScott.

UScott mininzi imidlalo ekudala eyisasaza, neye ishiye uninzi luncoma ingakumbi ngoku sele kukho namaqonga onxibelelwano. Kodwa lo mdlalo wamagqibela kankqoyi weNdebe yeHlabathi yombhoxo ebibanjelwe eJapan ngomnye wemidlalo onconywa kakhulu luluntu ngenxa yesakhono sakhe sokuthatha umphulaphuli ambeke ebaleni – ekwenza oko esebenzisa ezaziqhulo zakhe.

“Mininzi imidlalo ekudala ndiyisasaza, kunzima ukuyikhumbula yonke. Ndikhumbula imidlalo yeNdebe yeHlabathi ka2010 kwibhola ekhatywayo. Kukho umdlalo owawuseFNB Stadium ngo2010 iArgentina idlala, andisakhumbuli nje ukuba yayidlala nantoni. Kodwa lowo umdlalo ndathi ndiphuma kuwo nje ndabe ndiqonda ukuba ndiwubethile. Kwankqu namagqibela kankqoyi weNdebe yeHlabathi yebhola ekhatywayo ka2010, phakathi kweSpain neNetherlands, ndeva nje ukuba bendisencotsheni.

“Ndikhumbula iNdebe yeHlabathi yombhoxo ngo2007 eFrance, nayo lo Ndebe yeHlabathi ndakwazi ukuzobela abaphulaphuli, ndayibeka phambi kwabo iFrance. Nalo mdlalo weQuarterfinal (iJaphani noMzantsi Afrika) kwakunye namagqibela kankqoyi (uMzantsi Afrika neNgilane) weNdebe yeHlabathi yoMbhoxo kulo nyaka. Yeminye yemidlalo endivele ndithi ndigqiba nje ndibe ndiyazi ukuba hayi ndiyibethile,” kutsho uScott.

UScott uthi iwonga leHall of Fame ulinikela kongasekhoyo iNgxilimbela yaseMaXesibeni, uZingisile Mathiso. “Ndingaqala ndiyinikele kwiNgxilimbela ngaphandle kwamathandabuzo. Ndisebenze kakhulu nala nkosi,” utshilo uScott, ekwathi ukwayinikela nakubaphulaphuli boMhlobo Wenene FM.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za