Imithi ekukholelwa ukuba yeyamathamsanqa ngamaXhosa

AmaXhosa entlalweni nasempilweni yawo anemithi akholelwa kuyo ukuba yimithi ethamsanqeliswe ngamathongo, izihlwele, abantu abalele ukuthula.

Le mithi bayayisebenzisa xa bezicamagushela becela amatarhu kwabaphantsi.

Nantsi eminye yale mithi:

Ikhala

Eyona mithi ityalwa ngamaXhosa ngumthi wekhala kuba kusenziwa ngawo iyeza lesisu kunye neyeza lamathambo aqaqambayo. Umthi wekhala kubiyelwa ngawo iintlanti namangcwaba.

Umhlontlo

Umthi womhlontlo ngumthi ophuma incindi engathi ngamasi, utyalelwa amawele, apho amawele athi abone ngawo ubomi bawo; amawele ahlanjwa ngeengcambu zalo mthi ukuze impilo yawo ibe ntle. Kuthiwa xa kukho into eza kwehlela elinye iwele kubonwa ngomonakalo kulo mthi wawo. Naxa elinye liza kuqhuzuka kubonwa ngokuwa kwalo mthi.

Impepho

Lo mthi usisihlahla esikhula ehlathini, ezixhotyeni nasemaweni. Impepho le iyakhiwa aze umntu ayiqhumise endlwini xa usapho lwakhe lulala. Lo mthi ngowokwenza ukuba umzi womntu ungangenwa yimimoya emdaka nemibi; umntu imenza aqine angagilwa zizithunzi abone mhlawumbi sel’egxothelwa unobenani emsebenzini, okanye athi emile asuke awe geqe phantsi esidlangalaleni. Impepho abanye abantu bathi izulu xa liduduma babase impepho ngeenjongo zokuba izulu, umhlekazi ungadlali emzini.

Umathontsi nomabophe nothuvane

Iingcambu zale mithi ziyaxutywa zikhandwe, aze umntu ahlambe ngalo mxube esenzela ukuba abe nentlahla nesidima angathatyathwa lula, laa nto ithi umntu ndisuke ndamjonga amehlo agqobhoza. Kwakhona le mithi ibalekisa imimoya emibi yenze futhi umntu angangenwa lula zizifo. Umhlonyane: Lo ngumthi ekwenziwa ngawo iyeza lomkhuhlane, umntu uyawusela okanye afuthe ngawo okanye agabhe ngawo xa enefiva, akhuphe ixakaxa nesimnyama. Lo mthi kwakhona utyalwa phakathi kwamahlahla obuhlanti wenze imfuyo yomntu yande.

Ubulawu

Ubulawu ngumthi othile owaziwa ngokuba liyeza labantu beso siduko. Ubulawu obu kuthiwa bundidimbini, kukho ubulawu obubomvu kuphinde kubekho nobulawu obumhlophe. Ubulawu obu busetyenziswa ngabantu bekhaya babuphehle xa benemicimbi, abanye abantu kweminye imizi bade bahlambe ngabo xa befuna impilo phakathi kwekhaya. Amagqirha xa ethwasa ayabusebenzisa, kwafuthi xa sele umntu eligqirha uyabusebenzisa ukuze buhlale bumncedisa ekugcineni kwakhe ingubo yokugula. Iintombi zekhaya zithi zihlanjwe ngobulawu khon’ukuze zibe nentlahla zende, zifumane amasoka aphuma kwimizi efumileyo efuye iinkomo nedimbaza izisele. Xa umntu ehlamba ngobulawu ungena ebuhlanti eme kanye phaya emthonyameni, aze agalele wonke loo mxube entloko uze uzihlele ugqibe wonke umzimba. Umntu ke uhlamba ngentelezi ngokuhlwa ebuhlanti okanye ekuseni lingekaphumi ilanga, kanye emva kokuphuma kwekhwezi lesibini. Umntu ohlamba umntu ngobulawu iba yinkulu yekhaya okanye umafungwashe, udadobawo xa umntu elibhinqa.

Isivumbampunzi

Ngumthi lo othi utyalwe phaya ngasemazantsi obuhlanti emthonyameni phakathi kwamahlahla. Isivumbampunzi esi sigxotha imimoya emibi nemdaka phakathi kwekhaya; isivumbampunzi sigxotha nezirhubuluzi, iinyoka phakathi kwekhaya. Imfuyo yomntu siyenza yande.

Intelezi

Lo ngumthi oligaqa onamagqabi asixwexwe aluhlaza anamabalana amahle amdaka bubomvu. Intelezi ifumaneka emaweni, ezixhotyeni nasemahlathini, aze umntu ayikhe ahambe aye kuyityala kwakhe ngasemaxhantini obuhlanti. Intelezi yenza umntu abe nentlahla, umzi wakhe wande kuzalwe abantwana, kwelinye icala ibe imfuyo isanda. Umntu uyazihlamba ngentelezi akuyi kufuneke nkulu okanye umafungwashe. Umntu ukha amagqabi ayo intelezi okanye agrumbe isigaqa sayo asichifize ngembokodo yokukhanda amayeza emva koko ayigalele ebhekileni yamanzi abandayo. Xa ehlamba ngayo ungena ebuhlanti eme kanye phaya emthonyameni aze agalele wonke lo mxube entloko uze uzihlele ugqibe wonke umzimba. Umntu ke uhlamba ngentelezi ngokuhlwa ebuhlanti okanye ekuseni lingekaphumi ilanga, kanye emva kokuphuma kwekhwezi lesibini.

Umnquma nomthathi

Le mithi mibini isetyenziswa njengezitya zokuphakela kumasiko anamahlamvu kwimizi ethile yamaXhosa. Amaceba omthi womthathi ayabaswa naxa kukho imicimbi efunisa ukuba kubaswe kojiwe intsonyama yomkhono wasekunene wenkabi yomcimbi, mhlawumbi kulo mlilo kugalelwe necuba lesiXhosa ngeenjongo zokuncazela abaphantsi ukuba nabo batshaye. Umthi womnquma ogosogoso wenziwa intonga yokugxotha izulu lingadlali emzini. Le ntonga iyakhiwa ize ixhonywe entungo emqadini ide ibemyama ngumle, le ntonga ithi xa izulu liduduma ibekwe apha emnyango kunye nezembe lekhaya. Abanye abantu baqhumisa nempepho. Mandulo zingekabikho izibane zepalafini nezombane ezifike nomLungu, abantu bamandulo babezilayita izindlu zabo ngokubasa umthathi kuba uvutha ixesha elide.

Umphafa

Izizwe zabantetho isisiXhosa zisebenzisa umthi womphafa ukubuyisa umntu oswelekele emazweni, mntu lowo elingasaziwayo ingcwaba lakhe. AbaNtsundu kule mihla bathi xa bephuthuma umntu elingasabonakaliyo ingcwaba lakhe, esele laduka, bambuyise ngokomoya. Basebenzisa ihlahla lomphafa baye ngakuloo ndawo kucingwa ukuba ingcwaba likuyo. Emva koko kubuywa nalo, kuze kwakufikwa ekhaya elo hlahla linikwe ibhokhwe, ukuba ilitye, kuyaqinisekiswa ukuba ubuyile. Le nto yeli hlahla bayayenza nokuba alaziwa kwaphela apho likhoyo ingcwaba.

Umnga

Lo mthi unameva ahlabayo. Kukhiwa amasebe awo abekwe phezu kwamangcwaba ukuze amangcwaba angagqushi iinkomo. Abafazi bayawubeka nangasegoqweni apho kuthe kwaqhushekwa khona umntwana ongakhange alunge. Yonke le nto yenzelwa ukubonisa ukuxabiseka kwezinyanya phakathi kwekhaya.