Imvumi yeMaskandi ibulela abalandeli bayo

U-100% esamkela iwonga lakhe Umfanekiso: uthunyelwe

Imvumi yomculo wemaskandi uBhekizenzo “100%” Mkhandaniso uthi ukuphumelela iwonga kumawonga eSouth African Traditional Music Achievements (Satma) kumnike ifuthe lokuqhubela phambili nangakumbi.

UMkhandaniso, wakuNtshangase eMbizana, uphumelele kwiiSatma ngengoma yakhe ethi

“Uyabethe * -Leveni”, kwaye uthi le mpumelelo ibingekhe yenzeke ngaphandle kwabalandeli bakhe.

“Oku kubonisa ukuba umculo wam unawo umyalezo ofikayo eluntwini ingakumbi abo bangabathandi bemaskandi. Ndiziva ndivuya kakhulu ngummangaliso ndithi ndiqala ndibe sele ndiphumelela.

“Ndizibona ndingcono, ndiphezulu xa ndikwazi ukuba ngomnye wabantu abakwaziyo ukuchongwa bamele iphondo leMpuma Koloni,” itshilo le mvumi.

UMkhandaniso uthi ukhulele kwiilali ezidume kakhulu ngomculo wemaskandi kungoko waba nomdla wokuba naye mhla waphumelela ibanga lakhe leshumi uyakuzenzela igama kumculo onje.

UMkhandaniso sele ekhe wangena nakwigospile phambi kokuba abekwimaskandi.

Uthi nguye yedwa kowabo oculayo kodwa inkxaso kubazali bakhe nakuluntu uyayibulela.

Le mvumi ithi igama elithi 100% lavela emva kokuba wathi waphumelela ibanga lakhe leshumi, eliphumelela emagqabini, ukwathi wakhula beshunyayezwa ngemfundo ebalulekileyo kungoko wasebenzela u100% kwibanga lakhe leshumi.

Uthi ukuphumelela iwonga leSatma yimpumelelo yakhe yokuqala ezimbalini.

abongile.ginya@inl.co.za