Indlu entsha kusapho lwendoda yengubo eluhlaza yaseMarikana

Amalungu eAMCU ngethuba lomngcwabo kaMgcineni Mambush Noki kuTwalikulu eMqanduli UMFANEKISO: BOXER NGWENYA

 

Intlungu yosapho lakwaNoki yokubhujelwa ngunyana wabo, uMgcineni “Mambush” Noki, izakuthomalala kulandela isigqibo semanyano yabasebenzi iAMCU ezakutyelela olu sapho eMqanduli ukunikeza ngokusesikweni indlu entsha eyakhiwe yiAMCU.

 

Iinkokeli zeAMCU, ngokukhokelwa ngumongameli wombutho uJoseph Mathunjwa, zizakutyelela eTwalikulu eMqanduli ngoMgqibelo, umhla wamashumi amabini anesine, ukunikeza ngokusesikweni indlu entsha kusapho lakwaNoki.

 

UNoki, ekunye noogxa bakhe abangamashumi amathathu anesithathu, badutyulwa basweleka ngamapolisa eMarikana eMntla Ntshona kwinyanga yeThupha ngo2012, apho babekuqhankqalazo befuna imivuzo engcono kwiziphathi-mandla zalo migodi yomba isimbiwa esixabisa kunene sePlatinum.

 

Into eyathi yenza ukuba uNoki adume ukogqitha abanye abasebenzi ngelo xesha, yayiyingubo yakhe eluhlaza awayeyixwayile ngelo thuba lomzabalazo walo matshantliziyo.

 

Emva kwaloo mbubhane, imanyano iAMCU yathembisa ngokujongana neemfuno zeentsapho zamaxhoba aseMarikana. Esi sithembiso, siza kuzaliseka ngoMgqibelo nanjengoko usapho lakwaNoki kulindeleke ukuba libelelokuqala ukuxhamla kolu lwakhiwo lwezindlu lwengxowa-mali yeAMCU.

 

Le manyano ithi zonke iintsapho zamaxhoba aseMarikana zizakuxhamla kolu lwakhiwo lwezindlu.

 

UMathunjwa kulindeleke ukuba enze intetho ethe qabavu kumsitho ozakubanjelwa kwisikolo samabanga aphantsi saseTwalikulu, apho kulindeleke ukuba athi thaca nezinye zezicwangciso zeAMCU ezijoliswe kwiintsapho zamaxhoba aseMarikana.