Indoda ena-43 idlwengule intombazana ena-5

Amapolisa aseMsobomvu kufuphi naseGcuwa abambe avalela indoda eneminyaka engamashumi amane anesithathu (43) ngezityholo zokudlwengula intombazanana eneminyaka emihlanu kwenye yeelali zaseGcuwa.

Isithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha uthi le ntombazanana idlwengulwe kwilali yaseMarhambeni eZazulwana eGcuwa.

UManatha uthi umrhanelwa ebehamba nale ntombazana besuka emlanjeni, apho unina wexhoba ebehlamba impahla khona.

“Endaweni yokukhapha umntwana baye ekhayeni, umrhanelwa urhuqele ixhoba kwihlathi elikufutshane apho athe walidlwengulela khona,” utshilo uManatha.

UManatha uthi lixhoba elixelele unina ukuba lidlwengulwe yile ndoda.

Umrhanelwa bekulindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi waseGcuwa kule veki.