Inesi ihlatywe yabhubha kumlo malunga neqabane

USAPHO lukaSiyasanga Timakhwe, oyinesi eyindoda ehlatywe yabhubha kwindawo ehlala amagosa ezempilo esibhedlele saseZithulele eMqanduli ngoMgqibelo, luthi aluxolanga kukubulawelwa unyana walo kumasango esibhedlele.

USiyasanga (34), waseMkhwezo eXhwili eMthatha, uhlatywe yindoda ekukholeleka ukuba ibikwancuma neqabane likaSiyasanga.

Ingxelo yeSebe lezeMpilo eMpuma Koloni idiza ukuba kungene ndoda ithile ngentsasa yangoMgqibelo (11 kweyoMsintsi) yankqonkqoza ngesandi esikhulu kwigumbi elihlala abasebenzi besibhedlele.

Umntu (umsebenzi wezempilo) ohlala noSiyasanga uye wayokusabela ze wavula ucango.

“Kurhaneleka ukuba le ndoda (umrhanelwa) ingene yakhangela le ntombazana (kwigumbi alala kulo uSiyasanga), ze kwaqala umlo – nto leyo ekhokelele ekuhlatyweni kwegosa lezempilo (Siyasanga),” itshilo ingxelo yesebe lezempilo ephondweni.

Siyasanga Timakhwe

Ugxa kaSiyasanga ufowunele iambulensi nethe yamleqisa esibhedlele apho athe waqinisekiswa njengobhubhileyo. Amapolisa athe afowunelwa ze wabe uyabanjwa umrhanelwa.

Usisi omdala kaSiyasanga, uNombhedesho Timakhwe, uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba esi sehlo asikazinzi kubo.

“Asikaziva kakuhle tu, kusekubi kakhulu. Ayikangeni le nto kuthi, kuba kaloku ngumntwana obemncinane lo – igqibelo likamama. Ebesaqala ukuziphangelela. Into ebuhlungu kakhulu kukuba akabhubhelanga elonwabeni, ubhubhele kumasango asemsebenzini,” kutsho uTimakhwe.

UTimakhwe uchaze uSiyasanga, oqale ukuphangela [Enrolled Nursing Assistant] eZithulele ngo2017, njengomntu obevulelekile kumntu wonke.

“Ebengumntwana onobubele, ohlala enoncumo futhi evulelekile kuye wonke umntu. Ebengenamntu mdala okanye omncinci, encokola nomntu wonke.

“Ubunokufunga uthi uzalwa ndim ngendlela avuleleke ngayo ebantwini ingakumbi ngokuya ebefunda esinaleni eSt Johns. Ebengumntwana ohlala efuna konwatywe kwindawo akuyo,” utshilo uTimakhwe.

UMphathiswa wezeMpilo ephondweni uNomakhosazana Meth udlulise amazwi ovelwano kusapho nakoogxa bakaSiyasanga.

“Amazwi omele emqaleni ngokuphulukana nomsebenzi wezempilo omncinane ngolu hlobo, ingakumbi ngexesha apho ilizwe likwimfuno yomnye nomnye ukuqhubeka nokulwa iCOVID-19. Ingcinga zethu zikusapho (lukaSiyasanga) ngeli xesha,” utshilo uMeth.

USiyasanga uza kungcwatywa ngomhla wamashumi amabini anesihlanu (25) kule nyanga yoMsintsi.