‘Ingaba singakuculela, bhasi?’

Abazali bam bobabini babe ziimvumi. Umama wam wayebizwa ngegama elithi Toki, Yena nomama wam -igama lakhe yayinguSarah – benabantwana abalithoba: UMonti, uMzikhulu, uJapan, uVelile, uVuyiswa uThemba ibe ndim, iphinde ibenguLindiwe, uBrenda – uBrenda Fassie owaziwayo nodume kakhulu, Zange ndatshata.

Ndandiselubhacweni kwaye kwakungekho xesha lakubonana namntu uthandana naye ngelo xesha, Asikukuba ndandingenamdla wokuzimanya ngeqhina lomtshato.

Ndazibandakanya ngamandla emzabalazweni. Ndaya kufunda kwisikolo samabanga aphezulu apho kwabakho uvukelombuso ngo-1976 ndaza ndanyanzeliswa ukuba mandiyeke ukufunda,

Ndingomnye wabavalelwayo. AmaBhulu ayecinga ukuba asinakulwenza lonke olu qhushululu lungaka xa sisonke ngaphandle kokuba siphenjelelwe ngabanye abantu abadala.

Kodwa sasingenafuthe lezopolitiko ngelo xesha; ngaphandle kokubhangisa isiBhulu njengomyalelo wezifundo.

AmaBhulu asityhala; ngokwenyaniso onakalisa yonke into. Ngokwengqiqo yawo ayesithi thina singabantu abaMnyama kwaye abanakuxelelwa ngabantu nangabafundi abaMnyama indlela yokuphatha ilizwe. Indlela amaBhulu ahlangabezana ngayo novukelombuso avula amasango okufunyanwa kwethu njengamalungu amatsha eANC kunye nePAC.

Babefuna abantu abanezakhono zobunkokheli. Ngelishwa nangethamsanqa, Ndandingomnye wabo. Khumbula, ngelo xesha ndandise yindodana esakhulayo ndikwisikolo samabanga aphezulu.

Ndandisazi ntoni? Ndandisazi kwaLanga, eKapa naseBellville, kuphela. Yayi ziindawo endandijikeleza kuzo mna. Emveni koko iPAC yafumana mna.

Bandifundisa ngomzabalazo; ngoMandela, uSobukwe, uSisulu nabanye. Ngoku amaBhulu aqalisa ukusileqa. Kwafuneka ukuba sibaleke sizimele: Kwafuneka ukuba sihlale ngaphandle kweentsapho zethu.

Umbutho waqalisa ukucinga ukuba ngoku ubomi bethu busemngciphekweni. Umbutho onjengePAC, owawuyimfihlelo, wawusithumela imali esuka eDar Es Salaam sikwelinye ilizwe. Kwaqeshwa ikhumbi.

Ngelo xesha kwakukho iqela lomculo elalibizwa ngokuba yiSkape. Kwikhumbi kwakufakwe ibhanile ebonakalisa umahluko wokuba siliqela elenza ntoni na nophawu (logo) ebhalwe Skape.

Ilizwe lethu salinikela umva ngomhia we-19 Julayi ngo-1977. Sahamba eKapa saza samiswa kufuphi naseBloemfontein. Kwaphuma iBhulu labuza iphephamvume lokuqhuba. Sasithanda ukudlala ngeengqondo zawo: ‘Ewe, bhasi, ewe bhasi’. Babeziva behloniphekile kuthi njengabantu ababalulekileyo.

Sabaxelela ukuba sisingise kwelaseRhawutini ukuya kushicilela estudiyo. Besithanda ukuthetha izinto ezinjengokuthi, ‘Singakuculela bhasi?” Babeyithanda loo nto. Babethetha nathi ngesiBhulu. Ikhombi yasehlisa eSoweto. Saya kuzifihla kwindiu ekhuselekileyo iiyure ezintlanu ukuya kwezintandathu.

Kwaza kwafika enye ikhombi esuka eSoweto nayo yayinebhanile ebhalwe Skape kumacala omabini. Sawela umda ophakathi koMzantsi Afrika neSwaziland kwindawo eyohlukileyo engenabantu bagadayo kwibhoda.

Kwisithili esasinezindlu nje ezimbalwa kwakukho umama omdala owayenceda umbutho. Wasipha ukutya. Ndandiqala ukubona ungquphantsi ebomini bam. Khumbula, ndiyinkwenkwana esuka kwilokishi esedolophini. Kwakungekho bhedi, kungekho fenitshala.

Sathathwa sasiwa eManzini saza senza udliwanondlebe ukuqwalasela ukuba ingaba sasiziimbacu zezopolitiko ngokwenyani kusini na. Bathi bakhukholiseka ukuba ngokwenyani siziimbacu zezopolitiko, basibuza ukuba singabowuphina umbutho, sathi singabePAC. Iqabane elawela ngexesha langaphambili laza kusithatha. Lasithatha lasisa kwihlomela ledolophu eManzini apho iPAC yayinendlu khona. Ukusuka phaya sahamba saya eTanzania. Ndandiselubhacweni, iminyaka iyi-17. Ndabuyela ekhaya ngo-1992.

*Le ncwadi ipapashwe ngabakwaFanele, abaphantsi kukaJacana Media kulo nyaka kwaye sele ifumaneka kuzo sonke iivenkile ezithengisa iincwadi kweli.