Ingathi ubuntu bethu buphuncukile

Enye yezinto ekufuneka ingene kwiintloko zabantu ngumba wokuba iMedia ayingomshini nje oziqhubayo nosoloko unyanisekile; uqhutywa ngabantu.

Abo bantu ngabantu abahlala nathi apha ekuhlaleni. Ngoko ke nabo abanokusoloko beyichana. Apho siya khona kukulo mba wokugxothwa kukaMongameli Jacob Zuma.

Xa uchwechwela kwamanye amajelo eendaba uphuma uqinisekile ukuba uMongameli Zuma lo uzakugxothwa.

Oonomathotholo, amaphephandaba, oomabonakude nomnatha wonxibelelwano kugcwele uluvo olufanayo.

Kanti ukuba umntu uyasondela kulo kaKhongolose asabele kakuhle ukuba kuqhubeka ntoni uyakuphuma noluvo olohluke mpela.

I-ANC le ingathi izama ngandlela zonke ukuqinisekisa umanyano. Nekomiti embaxa yeANC, le ibidibene apha eMonti izolo, ithe gqi isithi akayi ndawo uMongameli Zuma njengoMongameli wesizwe.

Kufuneka sizibuze singabantu ukuba sifikelele nini na apha, njani kwisigaba sokusoloko sigxotha kwanto okanye kwamntu esingavumelani naye? Ingaba nyhani yeyona ndlela yokuphila leyo? Awuyithandi into ephekwe ngumfazi wakho? Qhawula loo mtshato! Awonelisekanga ziinkonzo ozifumene kwivenkile othenga kuyo rhoqo, makugxothwe lo ebekuthengisela! Njalo-njalo! Kutheni na sesingabantu abasoloko bekhanuka ukugxothwa kwabanye.

Ikhona nje into etshintshileyo ngobuntu bethu singabantu. Kule veki siphisa ngenkomo pha eNgqamakhwe.

Khange azibambe kwa ukuzibamba oyiphumeleleyo; uthe isafika “ndizakuthengisa ndenze ezinye izinto ngale mali yayo!” Phambi kwababantu bamjiza ngale nkomo. Asinakumgxeka. Sithi abo!

Ikhona nje into etshintshileyo kumAfrika. Asixabisanga mfuyo, nkcubeko – sixabise imali kuqala. Asazi ke ukuba xa sisiya siphuncukana kangaka nobuni bethu, nobuntu bethu sakukwazi njani ukubuya umva sifundisane umonde nezona zithethe ezisenza aba bantu sasingabo.