Ingxabano ngomzimba womfi waseZCC

Uluntu lulahla umhlaba ngethuba kungcwatywa uMandla Nyezi umfanekiso: Mpumelelo Nogada

Unyhamnyheko oluzibone luphakathi kwalo usapho lakwaNyezi, eMqanduli kwilali yakuGengqe kothuse intlaninge yabantu basekuhlaleni nakwiindawo eziyingqongileyo.

Oku kulandela emva kokufunyanwa komzimba womkhonzi waseZCC nowalahleka eMoria ngomhla we-4 kweyoMsintsi kulo nyaka. Umzimba kaMandla Nyezi ufunyenwe ngakwindawo yokulahla inkunkuma kumasango aseMoria sele itshoba lilele umbethe ngomvulo weveki ephelileyo.

Ingxelo yekhaya ithi umzimba ufunyenwe sele umoshakele kwaye akukhange kubekho ndlela yokuba usiwe kwiziko loqhaqho zidumbu ukuze kuhlolwe unobangela wokusweleka kwakhe lotata.

Ujijiswano phakathi kosapho luqale kwakufika umzimba wale nkonde kwindawo yongcino-zidumbu eMqanduli.

Kuvakala ukuba amalungu osapho ohluke kubini, ixhego eli belinendlu enkulu kwakunye nesithembu.

Ukungavisisani ngendawo yokungcwabela le nkonde inemizi emibini kunye nekhaya layo elikwakule lali kudale isankxwe kolu sapho nalapho kuthiwa umfazi wokuqala ongenakuchazwa ngelokumkhusela uthe wagunyazisa ukuba makungcwatyelwe kwakhe ebeka izizathu ekuquka kuzo ukuba nabantwana kweli khaya kwanokuba ngumfazi ofike kuqala ekhayeni esithi kusesikweni ukuba ibenguye ozakungcwaba umfi.

Ukanti nomfazi omcinci naye ongenakuchazwa ngelikhusela igama lakhe, uvakalise ukuba naye unelungelo lokungcwaba indoda yakhe kwaye akanako ukuyakuzila komnye umzi enomzi wakhe naye.

Le ngxoxo-mpikiswano ikhokelele kwisivumelwano sokuba umfi angcwatyelwe ekhayeni lakhe, njengeyona ndawo ifikelelayo kuye wonke ubani onqwenelela ukulindwendwela.

Esi sigqibo sishiye usapho lwendlu enkulu lubambe ongezantsi kuba beselihlabele mgama kumalungiselelo esingcwabo, kunye nengcwaba elo besele lombiwe nto leyo inyanzelise ukuba liphinde liditywe.

Ngethuba lesifihlo nebesingoMgqibelo esiwushiyayo eliphehandaba lizibonele ngokwalo ukuba eneneni izinto azingemntaka’Ngqika phakathi kwale mizi mibini. Oku kudizwe kukuba sibone inkonzo yesifihlo iqhuba kwiindawo ezimbini ezahlukileyo ngaxesha nye kube kungcwatywa umntu omnye.

Ingwevu yelikhaya engumkhuluwa womfi, ibibonakala ngokuhlukuzelisa intloko ukungahambisani nesi senzo. Ithethe yathi “Andinako ukuthetha okwangoku kuba sisiphithi phithi ekhapha nangaphaya (esolatha umzi wendlu encinci noxa engawubizanga) kukho enye inkonzo njengokuba sikwenye nje. Kusafuneka sithethe sisodwa kuba impendulo yam kweliphepha iyakubangela enye iyantlukwano.”

Ngenxa yokumoshakala komzimba ukhawulezile ukufihlwa. Inkonzo yomlindo yenziwe sele kufihliwe ze kwathyilwa ilitye ngomhla wesifihlo xa kuqukunjelwa inkonzo yalenkonde emangcwabeni. Umfazi omncinci wale ndoda ufike ekhatshwa sisithuthi nangamalungu osapho.

Emva kotyhilo-litye sibonakele siqhwitha kwakhona isithuthi sisingise apho besivela khona. Ngenxa yokunqongophala kwabantu bokuzityanda igila ngelokunika ingcaciso kulentsinda-badala, umqhubi wesithuthi okwalilungu losapho uhlebele I’solezwe ukuba ixhego ngoku belisaphila belixabise ukuhlala kulendlu incinci nto leyo ilukuhle ingqondo yabantu babona kufanelekile ukuba kungcwatywe kwindlu encinci. Le ndedeba iqhube yathi le nkosikazi yesibini ithe ayinako ukuyakuzila emzini womnye umfazi naye engumfazi efana naye.

Le mbambano ineziphumo ezibi ezingafanelekanga, ngenxa yomninimzi ongakwazanga ukwenza ubumbano phakathi kwamalungu osapho lwakhe.

Usapho luphela luxabana ngezinto ebezimele ukuba zilungiswe ngumninimzi esaphila ukuze kungabikho bantu bazakukhombana ngeminwe xa ethe waxwaya itasi zakhe waya kwantsonga-nyawana.