Ingxoxo noluntu ngundoqo wophuhliso, utsho uSodolophu

USodolophu waseMbhashe uSamkelo Janda ethetha noluntu ngentsuku ezilikhulu ekulawulo lalo masipala. Umfanekiso: Siyanda Zakhe

USodolophu waseMbhashe uSamkelo Janda uthi ukuze lo masipala uphucule izinga lokusiwa kweenkonzo eluntwini kufuneka uthi gqolo ukungqubanisa intloko nabantu ngeenjongo zokuphucula unxibelelwano.

 

UJanda ebethetha kwiholo lekholeji iKing Hintsa eDutywa ngoLwesine apho lo masipala ubuzokuthi thaca izinto osele uzenzile kwezintsuku zilikhulu ungenile kulawulo oluqale ekuthambekeni kwenyanga yeThupha.

 

Lo msitho ubuzinyaswe nangoosomashishini abaquka uMthetheli Ngumbela kwanoGcobani Livingstone Nogoduka. Obesakuba nguSodolophu waseMbhashe uNonceba Olga Mfecane ebewuzimasile naye lo msitho.

 

Lo kaJanda uthi enye yezinto oye wazenza lo masipala kukungqubanisa intloko nabathathi-nxaxheba balo masipala, ngokwezintlu zabo, ukuva izimvo zabo ngezinto abanqwenela ukuba zifanele ukukhokeliswa phambili ukuphucula uluntu.

 

Aba bathathi-nxaxheba baquka iinkokeli zezoshishino, iinkokeli zolutsha, abanini beeteksi, iinkokeli kwicandelo lezemidlalo, abahlawuli-nkonzo bomasipala, amafama, iinkosi kwaneemanyano zabasebenzi.

 

“Injongo yolu thethwano naba bathathi-nxaxheba kukuva izimvo neenkxalabo zabo malunga noMbhashe. Umasipala ngowabantu, kubalulekile ke ukuva kubo phambi kokuba siqalise ngomsebenzi,” utshilo uJanda.

 

Phakathi kwezinye zezinto ezenziwe ngulo masipala kwezintsuku zilikhulu ziquka:

 

-Ukusungulwa kweziko lokuvavanya abo bafuna iilayisenisi zokuqhuba

-Ukuphethulwa kwesoyi kwifama yamandongomane kumaJingqi kuGatyana

-Ingqungquthela yolutsha yezoqoqosho eDutywa

-Bomvana Heritage Day eXhorha

-Ukufundiswa koluntu ngamaxhalanga akuMsikiti.