Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Umama wam uthi uphupha kusithiwa makabeyimvumisa angabi ngumxilongi. Apha ephupheni kukho utata uwombethe ingubo wasekhaya emaNtandeni.

Impendulo: Imvumisa kaloku kubantu besiNtu yindlela yokuzama ukufumana undonakele. Kodwa ke apha kwiphupha eli yingxoxo le engawe ngekumele ukwenze kubizo lwakho. Bayakucacisela ke ngoku isakhono sakho wakube ulamnkele ubizo ukuba wena uzophuhla kakhulu ekukhangeleni umhlola apho ungakhoyo kunokuxilonga umntu ngokwenyama. Ukhumbule ke ukuba kukho iindidi ezininzi zamagqirha nezibalasele kumabakala-ngamabakala. Wena ke uphiwa imvumisa. Yilandelele ke lo nto.

Iphupha: Umama ukwaphupha kusithiwa mna mandinyuke intaba.

Impendulo: Entabeni zininzi izinto ubani anokuzizuza kukho izihluma mhlabeni ezifumanekayo ukunceda uluntu. Xa kuthwa nyuka intaba kufunwa wena uzikhangele okanye uzibhence ukhangela ukuba umoya namandla akho ehliswa yintoni na? Kanti ke ukuya kwakho kuloo ntaba uyokuzuza into ezakunceda ususe ezo zinto zixabileyo endleleni yakho. Camagu!

Iphupha: Ndiphupha ndiphakathi kwamanzi maxesha onke

Impendulo: Sonke singabantu umnombo wethu osemanzini. Emanzini kulapho sifumana khona impilo kwaye iindawo ezinamanzi njengemifula, amalwandle nemilambo kukwalapho kuhlala khona imimoya yabantu bethu abangesekhoyo nababegxile ekunyangeni uluntu.

Xa uphakathi kwamanzi ke oko kutsho ukuthi, wena ungomnye wabo. Kumele ke uzame ukuphanda indlela wena onxulumene ngayo naba bantu. Chosi!

Iphupha: Ndiboniswa ndinikwa ingoma yamagqirha okanye eyenkonzo.

Impendulo: Yingoma yakho leyo intonga yakho ozosimelela ngayo. Yithathe ke kuba yokunceda phambili mhla ngenqaba.

Iphupha: Ndiphuphe ndihamba ehlathini ecaĺeni kwedama ndibone intini ihleli kule ndlela ndihamba kuyo isuke xa ndikufuphi iyongena emanzini kuvele kubekho ilizwi elithi thatha nalu ufele lakho ulale kulo ndime ndibheķabheke ndibone ixhego libe ĺiphinda le nto lithi kuthiwa thatha nali ufeĺe lakho ulale kulo ndalithatha xa ndilijonga ngathi librown liphinde libengathi yingwe ndimke ndihambe * ďifike kwindawo enamagqabi omthi omileyo egamtria ndothuke * ďihamba kuwo ndiphethe elo fele

Impendulo: Camagu. Wena unikiwe amandla ngabantu bakowenu bekumele uhlanganise ke amathile niye ecaleni kwelo dama ububoniswa ngalo ukuze niyocenga ezo zihlwele ukuze zitsho ukuba yintoni kanye eziyifunayo ngawe. Ukanti ke ukuba ungumntu omhlophe imfukamo kulo ndawo iyakukuphilisa kakhulu. Chosi!

Iphupha: Ndihlala ndiphupha umama ngathi sisazakumngcwaba kodwa samngcwaba.

Impendulo: Ugqibele nini ukuya kubona idlaka likamama wakho? Kwaye ingaba umama lowo namkhulula ngendlela efanelekileyo na?

Namenzela okwakuyimfanelo kuye? Khumbula ukuba imimoya yezalamane zethu ayingeze yalala ukuthula ncam xa kukho iizinto ekumele ziqhoshwe likhaya. Khangelani ke apho niphose khona.

Iphupha: Ndihlala ndiphupha ngathi ndiwufumene umsebenzi xa ndilungiselela ukuya khona kuvele kulahleke iyunifomu ndishiywe lixesha.

Impendulo: Yiya emaxhantini akowenu ucele bakuphe umsebenzi. Musa ukusebenzisa intloko ukuthamba. Ukufumana kwakho umsebenzi kuxhomekeke kwizibambathiso ozenzayo nezihlwele zakho. Hlanganisa ke amathile nilungise eso siphene.

Iphupha: Ndihlala ndiphupha amakhehle noogogo endingabaziyo, xa ndiphupha bona ndiphupha into eninzi ngexesha elinye kuse sendingasakhumbuli yonke into.

Impendulo: Kunzima ke ukucacisela iphupha lakho kuba nawe njengoko usitsho uye uphuphe into eninzi ngaxesha nye de nawe ulibale. Kunzima ke nokucalula ngamaxhego nabo gogo kuba ayicaci eyokuba uba- phupha besenza ntoni. Masithembe iphupha lakho lobuya futhi kwaye licace. Chosi!

.KHUMBULA ukuba unephupha orhalela ukuba lichazwe, thumela umyalezo ngombane ku: isibhalo@inl.co.za okanye ngeposi ku45 Devereux Avenue, Vincent, East London, 5247 okanye ngefeksi ku: 043 721 1564.

Ungasindwendwela kuFacebook (Ilisolezwe) okanye uTwitter (@ilisolezwe) usishiyele umyalezo. UMphilisi iyafumaneka nakuFacebook phantsi kwegama uMphilisi – The Healer.