Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Tata, ndicela ukubuza iphupha, ndiphupha ndihamba phakathi kwezinja, phofu ndihamba ze ndinganxibanga.

IMPENDULO: Izinja kaloku zizinyanya, kuyacaca ukuba abantu bakowenu bakunye nawe kodwa ke nawe akumele ukuba uyabalibala. Kumele noko umane usenza into nokuba ayiphelelanga ke kutshicwe egameni lakho phezu kwebhekile yesintu.

IPHUPHA: Sawubona. NgiseKZN. Ngicela ukubuza kusho ntoni uma ngiphupha umalume wami owake waboshwa wabhadla entolongweni ngama70’s, angimazi, ngangisemncane eboshwa waze wafela phakathi ejele. Ngibone ngathi ngithumela ingane esitolo iyothenga amakhandlela amabili amhlophe, emva kwalokho afike kumina ngqo ebusuku ngilele athi usejele ucela usizo. NGABE UFUNA UKUSIZWA NGANI MAYETHETHA NGOLU HLOBO? NGOBA MANGIZWA AKEKHO OWAYEYA KUMBHEKA EJELE ESAPHILA NGENXA YOKUGAGA KWAKHE. Ngicela ungicacisele. Enkosi.

IMPENDULO: Kumele kuyolandwa umoya wakhe khona ejele ubese ungeniswa ekhaya khona ukuze azoba yidlozi elikhona phakathi komndeni. Lokhu kumele kwenziwe yisangoma esiwazi kahle lo msebenzi.

IPHUPHA: Ndicela ukubuza lithetha ukuthini eli phupha. Andimazi utata wam zange ndambona, ndiphuphe ndibona imoto entle emnyama ndihamba nesihlobo sam, ngathi kwehlike umntu andileqe, athi ungutata wam. Uhamba nomnye usisi ofana kakhulu nam kodwa ndivele ndibabaleke, ndisoloko ndimphupha kodwa andikaze ndimbone.

IMPENDULO: Camagu. Elo phupha lizisa ithemba kuwe kuba kungekudala uza kuvela utata wakho okanye abantu bosapho lwakho. Ngoko ke ukuba unayo indlela khawuzame uye kulomama wakho emaxhantini akhona, ucele abantu bakhona bakukhulule ukuze ukwazi ukuhlangana notata wakho okanye izizalwane zakhe.

IPHUPHA: Camagu tata, ndiphuphe abantwana bam betyiwa zizinja, ndothuke ndibaleka ndiyobanqandela.

IMPENDULO: Camagu. Izinja kaloku zizinyanya, ngoko ke xa betyiwa zizo kuyabonakala ukuba izinyanya azixolanga ngokohlobo wena okanye bona abaqhuba ngalo ngokunxulumene nemicimbi yenu yekhaya, enye yezinto isenokuba niwatyeshele amasiko nezithethe zenu. Emveni kwephupha elinjena kuza ingqumbo eza kuniphathela amabhadi de nibe kanti nenza oko kulindelekileyo kwizihlwele zenu.

IPHUPHA: Xa ndilele ndinokuphupha abafazi abanganxibanga namadoda, bendibonisa imiphambili yabo. Okanye ndiphuphe ndisula umntwana ilindle, ndiphuphe ndihlaselwa ngemipu. Ingaba konke oku kuchaza ntoni?

IMPENDULO: Ubomi bakho nje bunezinto ezininzi ezihamba neembandezelo. Amaphupha ke ayakubonisa ukuba imeko yakho ayidalwanga koko yeyangabom, funa uncedo ke ngokukhawuleza kungekonakali kakhulu.

IPHUPHA: Molo tata, ndiseQonce. Bendicel’ukubuza xa uphuphe ubhabha, lithetha ntoni elo phupha?

IMPENDULO: Camagu. Elo phupha litsho impumelelo ezayo kwicala lakho kuba amawenu eza kuvuza. Akukho mntu uza kuma phambi kwakho kobo bungangamsha uza kubufumana, kodwa nawe funeka ungalibali apho uphuma khona nokuba ungubani. Uzumane uzikhumbula izinyanya zakho ngohlobo ababesenza ngalo ooyihlo.

IPHUPHA: Molweni tata, ndiphupha ndihleli nomntu ngasedamini phantsi kwemithi, ingathi ndiye ndagibisela ilitye kweli dama emva koko kuvele ajikeleza amanzi edama kwaphuma enye intlobo yentlanzi esicaba enomsila, inombala omnyama, ukuba uyayazi, savele sabaleka nalomntu bendihleli naye sathi nca ngodonga kwabe kengoku sekukho nabanye abantu, qha le nto ithe xa iphumile yaleqa mna, ayahoya nomnye umntu, kuthe xa ndingathi ndiyayishiya yajika yayinyoka emnyama, ndiye ndabona ivenkile ndangena kuyo, ndafika kukho omnye wabahlobo bam, sazama ukuvala ibugler gate esemnyango, le nyoka yabe sele ifika sele ijika isiba ngumntu ongomnye umhlobo wam wasebumelwaneni, uthe xa engena apha evenkileni sajijisana naye nge-gate sendisoyika ngamandla ke ngoku, ndavele ndothuka. Bendicela unditolikele tata, andilazi ukuba lithetha ntoni. Enkosi.

IMPENDULO: Kuyabonakala ukuba kukho ungquzulwano kwimeko yakho yobomi, oku kusenokubangelwa zizinto eziliqela. Ndiyacebisa ukhe uyokuwuvumisela lo mba.

IPHUPHA: Chosi tata, ndicel’ukubuza xa uphupha uhamba nezinja ezintlanu, ezi zinja azikhangeleki zifuna ukutya kodwa kuthiwa zinobungozi, azifuni kwanto esondela kuwe litheth’ukuthini?

IMPENDULO: Vuya wena kuba izinyanya zakho zinawe, kwaye zikukhusele kwizinto ezininzi ezizama ukudodobalisa.

IPHUPHA: Nicela ukhe nditolikelwe eli phupha mhlekazi . Ndibona ngathi ndikumasimi asekhayeni lam lokuzalwa, kukho umthi omdala omileyo pha, ngoku ecaleni kwawo kuhleli umfundisi woyame ngawo. Apha phambi kwakhe ngathi kukho ingcwaba, kukho umntu olombayo ngezembe, lo mfundisi umbukele, xa ndibuza kumntakwethu ukuba kwenzekani phaya makanqande, uthi mandimyeke la mntu uyayazi la nto ayenzayo. Ingathi kusenjalo ndibona sendisemzini wam ngathi nalapho sisemasimini kukho umngxuma omde wengcwaba, ecaleni kwawo kuhleli amadoda endingawaboniyo ukuba ngoobani ombethe iingubo akhedamile, thina apha emzini sifolile kuthwa masiyogalela icuba kunye nemali eyisilivere, xa kufikwa kum ndizogalela aphakamise iintloko ndigalele, phambi kwam kuhamba unyana wendodakazi nguye ondiphe imali bendingenayo, emveni koko ndothuke.

IMPENDULO: Amaphupha akho angemeko yokungaxoli kwamathambo abantu bakowenu, kungenzeka ukuba balele apho banganakwanga khona, ukanti iphupha eli lingabuya lichaze ukungaxoli kwemimoya yezihlwele zakho ngenxa yemisebenzi engxangileyo efuna ukwenziwa.

IPHUPHA: Ndiphuphe ingathi ndihleli. Apha phezu kwentloko yam kundandazela iimbuzane. Xa ndiziphekuza, zisuke zonde ngam. Kuloo mphekuzo ndibulale enye, isuke ifike apha phantsi ijike ibe nguqongqothwane omnyama omkhulu.

IMPENDULO: Lungisa ukuhlala, akukuhlanga ebomini bakho.

UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538

www.umphilisi.co.za