Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Camagu! Tata ndicela ukubuza lithetha ntoni eli phupha, ndiphuphe ingathi ndiphethe amasi, ndigalelele omnye umtshakazi, ingathi ndithenge amasi futhi, emva koko ndaphupha abantu abasekhaya endabagqibela kudala, mna ndingumama.

IMPENDULO: Camagu. Kuyacaca ukuba kukho ingxubakaxaka okanye ukungaxoli kwezinyanya zakho malunga neemeko zasemzini wakho, oku kusenokubangelwa yilobola engazange iphelele okanye iziphoso xeshikweni wena usamkelwa kumzi lowo wamathile.

IPHUPHA: TATA NDIPHUPHA NDINIKWA IOVOROLO NGUMAKHULU WAM ONGASEKHOYO NERIFU, KHAWUNDICACISELE.

IMPENDULO: Umakhulu wakho kuyacaca ukuba kukho okuhle afuna ukuzisa kuwe. Ukuba ungumntu ongafumani msebenzi iphupha lakho linika ithemba ekubeni ikhona ingqesho ezayo, ukanti ukuba usengqeshweni ngoku lindela ukuba unganyuselwa okanye ufumane umsebenzi ongcono. Kodwa ukuze konke oko kuhambe kakuhle nawe thambisa intliziyo kamakhulu wakho ngokwesithethe okanye isiko lakowenu xa uqhagamshelana nezihlwele zakho.

IPHUPHA: Molo tata, ndiyindoda, ndiphupha ndihamba phezulwana xa ndifuna, iminyaka mi-6 ndiliphupha, elinye ndake ndaphupha ndinegusha ezininzi zisethafeni.

IMPENDULO: Iphupha lakho libonisa ubungangamsha wena oza kuba nabo kwizinto ezininzi, ukuba wena uneshishini lindela okuhle kodwa kulo.

IPHUPHA: Ndiphuphe ndibon’amaqonya emthin’ekhaya, ndikhe ndaqala ndawaphazamisa namalovane; elinye ndilothul’emthini ngepheph’ebendilishwabanisile ndagibisela ngalo.

IMPENDULO: Kuyacaca ukuba apho ekhayeni lakho ninemisebenzi emininzi exabileyo nekudala nimane nithembisa ngokuba niza kuyenza. Iphupha elinje ke lizama ukunikhumbuza ngekumele nikwenze.

IPHUPHA: Ndicela ukubuza xa uphupha ubanjwe ngamadoda kumzimba wangasentla nasemilenzeni bekuthena, wothuke sebegqibile?

IMPENDULO: Kaloku ukuthena kuphelisa ubudoda emntwini, atsho kengoku umntu aphelelwe sisidima. Iphupha elinje liza njengesilumnkiso kulowo ulibonileyo sube kukhona nto oyenzayo engazixolisiyo izinyanya zakho. Le nto isenokuba ngumbulo okanye ukutyeshela amasiko akowenu. Zama ke ukhe uzibhence ukuze uzokufumana umkhombandlela.

IPHUPHA: Camagu bawo, ndicela ukucaciselwa eli phupho, ndiphuphe umhlobo wam ephethe ama-apile amakhulu aluhlaza, wandipha kodwa khange ndide ndilitye, ndothuka.

IMPENDULO: Iphupha elinjalo ukuba ungumntu obhinqileyo lichaza ukuba uzithwele ze ukuba uyindoda likuchazela ngeqabane lakho okanye umntu osondelelyo kuwe ozithweleyo.

IPHUPHA: Xhego lam, ndicela undicacisele ngephupha elimane lindivelela. Ndiphuphe ndichola imali eninzi, eyalapha emzantsi naphesheya, ndihamba necoloured endisebenza nalo, kubonakala ingathi sisemsebenzini, ndixelele eli coloured ukuba nalo lithathe imali, libonakala ingathi liyoyika, ndathatha istaki semali ndalinika, ndaqhubekeka ngokuthatha ezi ziqhuma zemali, kwathi gqi inja yaza ibaleka izondiluma, ekubonakala ukuba igadiswe le mali, ndakhawuleza ndatsiba iyadi ndamka nday’endlini andabuyela emsebenzini, ndafika ndabala le mali ingamaphepha ininzi, ndava kunkqonkqozwa, ndakhawuleza ndafihla imali ndayokuvula ucango, kwathi gqi abafana abamnyama endiphangela nabo bencumile kucaca ukuba bavile ngeli coloured ukuba ndichole izitaki zemali, bangena bahlala, ndothuka. Andiqali ukuphupha ndichola izitaki zemali kudala inoba ngunyaka wesithathu ngoku.

IMPENDULO: Camagu. Asilophupha libi eli koko lizisa ithemba kuwe. Kuyacaca ukuba kwizinyanya zakho kukho abo bafuna ukuzisa amathamsanqa kuwe, koko babanjwe kukuba nawe awusivuli isandla. Ukuba ungakhe wenze into nokuba ayiphelelanga ukuthambisa iintliziyo zabo kungatsho kuvuleke ezindleleni zakho.

IPHUPHA: Molweni bantu abahloniphekileyo besintu. Ndisoloko ndizingwa liphupha lokusoloko ndisesikolweni ndonwabile, kubhalwa neemviwo kodwa mna eyam intliziyo ibalihlwili kuba ndisuka ndingabhali nje abanye bebhala okanye ndingayazi kwale nto ebhalwayo, ndilale ndivuke abanye behambisa amaphepha, libabuhlungu ke eli phupho, elinye ndizingwa ngabakuthi abangasekho ndihleli nabo, nale into ingandiphathi kakuhle xa ndisothuka.

IMPENDULO: Camagu. Isikolo ephupheni sisigaba esitsha sobomi kulowo uphuphayo. Umzekelo – xa ungumntu unesiphiwo sobugqirha iphupha elikumila kunje sube lizama ukubonisa ukuba ixesha lisondele lokuba uvume ubizo olo. Ukanti isenokuba lulo naluphi uhlobo lobizo ekufuneka ululandele ngaphandle kobugqirha.

IPHUPHA: Ndinephupha elindikhathazayo, Ndaphupha kukho iqhuma engalweni, xa ndilicofa libe buhlungu, lasuka langathi liyashukuma kukho into efuna ukuphuma kwaxobuka inyama kwavela inyoka emdaka. Xa ndizama ukuyitsala uba iphume kum, yona iyazitshonisa apha kum enyameni yengalo ndothuka ebuthongweni, ndinombilini futhi ndisoyika ngokungathi ibisenzeka nyhani le nto.

IMPENDULO: Kuyacaca ukuba kukho ingxaki emzimbeni wakho kwaye ngxaki leyo ebangela ukuba impilo ibe nkenenkene, ndiyacebisa ukuba ukhe undwendwele umntu oncedayo ngokwesintu ukuze akwazi ukukhucula loo nto ikuwe.

UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538