Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Ndinomzukulwana onephupha azibona engumkwetha kanti yindoda. Lonke ixesha esoluka amakhwenkwe liyamfikela eli phupha. Ibangwa yintoni lo nto?

IMPENDULO: Oku kusenokuchaza izinto eziliqela kodwa eyona iphambili kukuba kukho nto ithile eyaphosakalayo kwisiko lakhe lokwaluka okanye ukungaxoli kwezinyanya kwindlela isiko elo lenziwa ngayo. Ngamanye amaxesha oku kungachaza nentwaso kubanye abantu.

IPHUPHA: Camagu tata, ndinguNyati eMt Frere. Ndiphupha ndihleli nabantu basekhaya abangasekhoyo amatyeli amaninzi, okwesibini ndiphupha ndisesikolweni kodwa andisafundi.

IMPENDULO: Lungisa imicimbi yabantu bakho abangasekhoyo ngokwesiko lekhaya, ukanti isikolo sona sichaza ubizo.

IPHUPHA: Camagu tata, ichazani into yokuphupha ubetha umzali wakho , emva koko kuvel’ iindaba ahamba ezithetha ngawe ebantwini.

IMPENDULO: Kuyacaca ukuba zininzi izigigaba enihleli phezu kwazo nilikhaya – zamani indlela yokuqhaqha amabholo ngenjongo zokubuyisa uzinzo noxolo kwikhaya elo.

IPHUPHA: Molo bawo, ndiphupha kufika amagqirha ekhaya athi azokudidiyela, xa sizama ukuwanqanda, athe awabuyi ngamva kulo msebenzi. Lithetha ukuthini bawo, ndicela undincede kulo.

IMPENDULO: Ngumsebenzi lowo ofunekayo kwaye ngumsebenzi womntu ongasekhoyo owayeligqirha.

IPHUPHA: Ndicela ukubuza, ndiphuphe ngathi kunomthombo wamanzi ecaleni kwendlu yam, acwengile, ndathi sele ndizowasela. Ndothuka.

IMPENDULO: Kukho okuhle okuzayo kuwe nosapho lwakho.

IPHUPHA: CAMAGU TATA, NDICELA UKUBUZA, XA UPHUPHA UTHI UZIHAMBELA UBONE UMNGXUNYA ONEMALI ENGAMAPHEPHA ODWA, ENYE IFAKWE KWI-ENVELOPE KWAZE KWANCUNTSWA IFOLOKHWE. LITHETHA UKTHINI.

IMPENDULO: Izinto zakho zibotshiwe, impumelelo yakho ibanjiwe, ngenxa yezizathu eziliqela.

IPHUPHA: Camagu tata, bendicela ukubuza xana uphupha ubulisa umntu umazi, angavumi, asuke akujamele ngamehlo. Ithetha ukuthini lo nto.

IMPENDULO: Akukho moya wobuhlobo kuye lowo uyingozi kuwe.

IPHUPHA: Ndiphuphe ndifikelwa yintombazana, andisayazi ibisithi siyaphi, sihambile, xa sekudala sihamba yathula yahamba phambili, ndalandela de safika kumanzi amaninzi, sehla ngelikomkhulu de safumana indawo enamanzi amancinci, sawela, xa ndibuza uba siyaphi ngoku, ithi masihambe sesikufuphi, sahamba kwindawo ebuntlango safika kwangahambiyo awona maninzi kakhulu, yema le ntombazana ndabuza sizakuthini, ayaphendula yajika, ndathi ndakuyilandela yaphela ndisalandela, kwavela inkungu yavala andabona kwale ndawo besiwele kuyo, ndazama ukuyithekelela ndabona uba ndiyatshona, ndabuya umva, ndothuka ndikulo ngxaki.

IMPENDULO: Wena sabela ubizo uyeke ukwala kuba kuninzi okuhle obekelwe kona usakwamkela.

IPHUPHA: Makhosi ukuba ndiphuphe inyoka enkulu, ithetha ukuthini.

IMPENDULO: Camagu. Into eye incedise umhlalutyi kwiphupha elinje kukwazi ukuba inyoka leyo uyiphuphileyo ibisenzani kwaye ndingathanda ukukhumbuza ukuba asiyiyo yonke inyoka ephupheni ehlola umoya omdaka ngamanye amaxesha isenokuba lundwendwe lwezihlwele zakho.

IPHUPHA: Camagu, ndinephupha elindihluphayo, ndiphupha idama ngaphesheya kwalo kulo Tatomncinci wam ongasekoyo wenza indlu yezinti, xa ndiwela ndisiya kuye kukho ithole lesilwanyana sasemanzini, ndithe xa ndisibamba satshona khona emanzini, ndisamangele njalo kuthi gqi umalume wam ophilayo yena eleqwa ngumhlambi weenkomo kwakweli dama! Ndiye ndothuka.

IMPENDULO: Lungisani imeko yekhaya lenu kuba kuyacaca ukuba kukho umsebenzi ohlanganisa nina nomlambo umz: Imfukamo zamani ke ukuyowusabela lo mcimbi ngokukhawuleza.

IPHUPHA: Camagu! Ndiphuphe ndihleli notata wam ongasekhoyo sincokola sihleka. Ingaba lithetha ntoni?

IMPENDULO: Khumbula, abantu bakho abangasekhoyo ngokwesintu sakowenu kuba abo sele belandulele eli kuthi basaphilayo baluncedo kwaye bayasikhusela, isintu silapho.

IPHUPHA: Camagu tata, ndicela ukubuza ngephupho lam, ndimana ndiphupha ndisecaleni kwamanzi amileyo, ngaphezulu kukho imizi neflower emhlophe, camagu.

IMPENDULO: Khawukhe uyokuwusabela kabanzi lo mcimbi kuba kuyacaca ukuba nilusapho lwabantu abanokufa okumhlophe. Inye ke indlela yokufumanisa iinkcukacha kukuyokusabela kwabanolwazi.

IPHUPHA: Ndinephupho eliphindaphindayo lihamba ngolu hlobo: Ndiphupha ngathi ndizokungcwatywa ndiphila, ngathi ndiqala kutata ndiyokuvalelisa avume utata uba ndihambe, kodwa yena akasaphili utata, liqhubekile iphupho iintsuku zambini zilandelelana, xa ndizongena emngxunyeni bendikwa umkhono wekati ndingene ndiphethe wona. Ndithe xa ndizongcwatywa okwesithathu abe la mangcwaba ndisecaleni kwawo ebhalwe amagama am. Ndiphindile ke ngoku ndaphupha ngathi siyokwemba imingxunya kweminye imizi emithandathu apha elalini. Ingaba ithetha ntoni le nto?

IMPENDULO: Camagu. Iphupha lakho liqulathe umyalezo ongxamileyo ngawe nemeko engentlanga ophantsi kwayo ngalo mzuzu nenokuba ngumkhokela ekudodobaliseni impilo yakho. Ukuba awuwunanzi lo myalezo usenokuphulakana nempilo yakho ngokukhawuleza. Ndichwethe ecaleni okanye ufumane uncedo kufutshane kuwe ngokukhawuleza.

IPHUPHA: Camagu, Ndiphupha iinyosi zindibhuza, ndaphinda ndaphupha yayi1 yandibhuza ndothuka.

IMPENDULO: Kukho umsebenzi ofunekayo ekhayeni, kodwa ke funeka uye emntwini ochazayo ukuze ufumane iinkcukacha ezigcweleyo.

UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538