Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Camagu Tata, ndibulisa ngokuzithoba, ndiphupha ingathi kungene iNgonyama ekhulelweyo eyadini yam kodwa okufani andiyoyikanga, yayokulala apho inja zam zilala khona Tata, into endothusileyo yabeleka ithole elinye lengonyama elihle libumhlophe yagqiba yafa apha eyadini, ndazama ukuyivusa ayavuka, ngoku ndaxakana nelithole lengonyama, ndazama ukulityisa alatya, ndilincancisa, kuthe kusenjalo xa ndigalela igazi likamama wayo esityeni, ndabeka ecaleni kwalo lanukisa alatya , kwas’ke kwathi gqi umyeni wam wangena egeyithini ngemoto ephethe ikati, la kati yaya nqooo kwela gazi, latsiba eli thole londa ngale kati, laphela lisela eligazi emva koko ladlala nezinja zam eziziPitbulls, ndeva kushawuta abamelwane besithi ndifuye izinja eziyingozi ngoku ndifuya nengonyama, ndiphume ndishawutisa uba ndithini ngoba alinamama kwaye liselincinci, umama walo usandul’ukufa, ndiye ndothuka emva koko , ndicela ukutyhilelwa Tata. Lithetha ukuthini?

IMPENDULO: Eli liphupha elimele ukuchulumancisa kuba libonisa ubungangamsha onabo. Kodwa nangona kunjalo nje kuyacaca ukuba zikhona izinto ekufuneka uziqoshelisile zosapho. Umzekelo, umsebenzi oquka ukuhlanganisa zonke izihlwele okanye amanyange ekhaya elo ukuze kungabikho kusilela ekujongene imicimbi yakho kuba kuyacaca ukuba wena wonyuliwe ukuguqula impilo yosapho lwakho. Camagu.

IPHUPHA: Camagu, ndithonga abantu basemzini wam abaswelekayo ngathi ndiyokubabona, ubawozala nomazala kunye nodadobawo, ngathi utata ndiyamanga uncumile ndimbuze nempilo, ingaba ithetha ukuthini lo nto kuba ndohlukana nonyana wabo besaphila kwakukudala ngoko. Camagu!

IMPENDULO: Ingxaki yethu bantu basaphilayo kukwenza izinto ngokukhokelwa yimvakalelo yethu, singacingi ngomonakalo okanye ifuthe eliza kubakho ngenxa yezigqibo zethu. Kuyacaca ukuthi abantu okanye izihlwele zomfana zange zaxola yindlela ekwenzeka ngayo phakathi kwenu nobabini. Zama ke xa uphinde wanephupha elinje uvuke ubabuze ukuba myalezo mni abazama ukuwuthumela kuwe mabacacise kuba bayayazi imeko yakho. Kodwa ke ukuba nguwe unobangela wokohlukana nonyana wabo bohlala bekuvelela rhoqo ude uxolise. Chosi!

IPHUPHA: Camagu tata! ndicela undicacisele eli phupha lithetha ntoni, ndiphupha umakazi wam ongasekhoyo esithi mandibhale izinto ekufuneka zikhona kumsebenzi ozakwenziwa nguMakhundi apha ekhaya, ndilibhalile eliyeza ingathi uthe yinqwebeba, kuthe kusenjalo, athi kum ebezile izolo kum ebusuku ezondithatha wafika ndingekho esithi ndifunwa ngabaphantsi, ndithi kuye mna bazakuthini abantwana bam xa bendifuna abaphantsi, ndithi kumama wam angavumi ngam ndihambe, umama wam abuze kumakazi uzakuthini yena xa mna ndithathwa ngabaphantsi kweli phupha, ibindim nomakazi nomama wam.

IMPENDULO: Camagu. Kuyacaca ukuba wena ungumntu onenkani okanye utshikilela isiphiwo osinikwayo. Nawe uyakwazi ekumele ukwenze nanjengoko iphupha eli libonisa ukuba kudala kuthethwa nawe. Enza ke le nto ifunekayo bengekakuthathi abaphantsi.

IPHUPHA: Camagu tata, ndicela undicacisele ngeli phupha, xa usoloko uphupha umyeni wakho ingathi uyakushiya uyokuhlala enkazaneni ithetha ukuthini lonto ? Uphinde umphuphe umbetha, umbethela ukumbona ecofa ifowuni konwatyiwe nentombazana, ndicela undicacisele kuloo ndawo, ndaphinda kule veki iphelileyo ndithonga ndinxityiswa umqhele lo uthandunxitywa ngamaZulu.

IMPENDULO: Wena unesiphiwo sokwazi ukubona izinto ngobunjalo bazo, yiyo ke lo nto uthwaliswe umqhele lowo kuba lowo ngumfuziselo womntu obonayo.

IPHUPHA: Camagu tata! Ndingu Anathi Patiwe eCentule, ndinephupha elindiphethe kakubi, ndisoloko ndiphupha ndinosana oluncinci zange ndabanaye umntwana mna, ndicela undicacisele.

IMPENDULO: Lungisa ukuhlala. Asiphupha lihle elo. Zama ukudibana noncedo lwesintu ngokukhawuleza.

IPHUPHA: Nali iphupha ngo-2 emaxesheni, ndibona utamkhulu ongummelwane apha ekhaya undinika umnqwazi uthi ndiwugcine, xa ndiwujonga lo mnqwazi ngaphakathi uthungelwe imali, kukho iiplastiki zakwa fnb zigcwele zii-R200. Ndiyibe mna le mali. Lithetha ntoni na elo phupha?

IMPENDULO: Camagu, iphupha lakho lichaza ukulunga nokuvuleka kwezinto. Ukuba ubungumntu obenze isicelo sento ethile kumanyange, ngoku uzakuphenduleka. Chosi!

* Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer phaya okanye

usithumelele iphupha lakho kumnxeba kaWhatsapp wethu:

063 743 9538