Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Camagu khehle..ndikhulelwe futhi ngamawele..ndimane ukuphupha sebekhona abantwana ngathi omnye undilahlekile, ndimkhangele ndamncama, ngathi uvele wabaleka apho agcinwa khona kwashiyeka wamnye..

Ndiphinde ndiphuphe ndizele umntwana omnye, ndide ndiyamncancisa ubisi liphuma kakhulu futhi ndiyazibuza uphi omnye umntwana wam na? Ngokuzithoba tata ndinguSibongile, ndilithwasa lakwaRhadebe, ndisengunobhokhwe. Camagu! ndiguqe ngedolo ndibonisa intlonipho.

Kuphinde tata ndinelinye elindihluphayo, ndiphupha ndidada elwandle nomzala wam, xa ndithi amaza ayakhawuleza futhi nolwandle luye lusiza lonke, kodwa ndithe kumzala khawuleza phuma wena, waphuma nyhani wandilinda ngaphandle, uthe akuphuma lababhetele, xa ndithi mna ndiphantsi kwamanzi ndibone umntu egqitha kodwa ubonakala njengomntu otshone wabhubha kula manzi qha agqithe ngemilenze ngathi unabile tswii. Ndimjonge ndifune ukukhala, ndiphume ndinesingqala ndithi kumzala andiyithandanga ke into endiyibone phaya umntu ade abhubhe olwahlobo, angandihoyi, oko ndijonge emanzini ndilila ngathi ndithi uba bendimbonile ngendimncedile yhini! Camagu tata!

Impendulo: Camagu. Indaba yamawele ke inzima kuba kuninzi ekufuneka kwenziwe ngokwahluka kwamakhaya xa ethe umntu wazithwala.

Oku kuzakufuna abanikazi bekhaya kuba kuquka ukunika iingxelo kumanyange ekhaya. Zama ke ukuhlala phantsi nabazali okanye izalamane nikhangele oku.

Elesibini, nanjengoko kukhangeleka ukuthi wena ungumntu onobizo, kuyacaca ukuba umntu ogula ngaye ngumntu owabizwayo komkhulu kwaye uneemfuno zakhe eziliqela nemisebenzi engazange ibe kanti iyenziwa ingakumbi kumntu obizwe emlanjeni. Lonke ke elo xanduva luphoswa kuwe, ndingacebisa ke ukuba ukhe uyindlale le meko kwigqirha lakho elikunyangayo ukuze ukwazi ukufumana umkhombandlela. Camagu.

IPHUPHA: Molweni bantu badala, ndinguThina, umntwana osemncinci ona-22 yeminyaka, ndinguRhadebe, Bhungane uMthimkhulu, ndizalwa yinto yakwaKhasibe, Hlubi, Ndombana. Ndivuka nephupha apha liyanditya, ndiphuphe ndityiwa zizinja ezininzi, ziyandiluma, ubangasusa le ndiyijwile pha kude, kuza nezinye zilwa nam ziyandiluma, ndicela ukuchazelwa ngeli phupha. Enkosi.

IMPENDULO: Izinja ephupheni yiminyanya yekhaya, abantu abalele ukuthula. Xa zikuluma sube zikususa kulo nto ingalunganga uyenzayo, okanye kukho nto ilisiko ekudala wena uyibaleka ungafuni ukuba yinxalenye yabo.

IPHUPHA: Molweni. NgoDisemba bendiyokufaka unyana wam esuthwini. Ngoku ndiphupha ingathi siyagoduka njengoko sihlala eKapa, isimanga le ndlu ndipakisha kuyo impahla kuba sigoduka kumnyama, kodwa xa ndijonga phandle ezinye izindlu kumhlophe. Kukhanyisiwe. Enkosi.

IMPENDULO: Camagu. Indawo emnyama ephupheni ibonisa ukungabikho phakathi kwamanyange kwikhaya elo. Khumbula ukuba kubalulekile ukuba kuloo ndawo sikuyo sisoloko sizazisa izihlwele zethu ukuze zizokuhlala zisijongile. Yenza ke ekufanele ukwenze ukulungisa loo meko.

IPHUPHA: Tata, ndizingwe liphupha elinye, ndisoloko ndiphupha ndibulala intombi. Okokuqala ndaye ndabanjwa kwapha ephupheni, ndikhe ndahlala inoba intwe ngangonyaka ndingaliphuphi, liphindile ngoku kodwa akhange ndibanjwe kweli tyeli.

IMPENDULO: Kuyacaca ukuba kukho ingxaki esekhayeni efuna ukulungiswa. Le ngxaki isenokuba lisiko elifunekayo. Khumbula ukuba into yokubulala nentolongo asinto ikhangeleka intle kuthi mzontsundu, yiyo le nto kufuneka nomntu oye wenza ezo zinto angxengxezelwe abuye ahlanjwe ngokwesintu. Lungisa ke loo micimbi yekhaya ifuna wena, ukuze ungagaxeleki ezintweni.

IPHUPHA: Camagu! Ndinephupha elindithandayo, ndiphupha ndisilwa nenkomo ebomvu, ndiyibamba emaphondweni ndiyijije, ndothuke, elinye ndithanda ukuphupha isingcwabo sikatata wam owasweleka ngo-2002 kude kubekho nebhokisi. Awegqithi amane ebuya.

IMPENDULO: Camagu. Loo nkomo ngulo msebenzi kanye kaYihlo ofunekayo. Wenze ke ngokukhawuleza ukuze ube nokukhululeka kuba ungxamile kakhulu.

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer phaya okanye

usithumelele iphupha lakho kumnxeba kaWhatsapp wethu:

063 743 9538