Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Mna ndicela ukubuza: Ndiphuphe ndisiya enkonzweni, kodwa xa ndifika apha kunxitywe amahiya (uhlobo lwempahla), kwakungenwa kule nkonzo, kuse kukhaliswe impempe ndiyokuwa. Ngoku ndiphantsi, ndiwubone umzimba wam nanko umka ngathi uyabhabha kodwa ndilele, xa ndivuka kuvakale ilizwi elithi iinwele zam eziphothiweyo (dreads) azenzi ngxolo. Ngaba lalithetha ukuthini? Camagu!

Impendulo: Camagu Mhlekazi. Into ekumele siyazi singabantu kukuba asidalwanga ngokufanayo, abanye bohlukile kwabanye abantu ngokwendlela abaphiwe ngayo ukuphila.

Wena ke kuyacaca ukuba unohlobo oluthile ophiwe ngalo ngabantu bakowenu, olo hlobo ke kukuphilisa isizwe. Zama ufune umntu onokunceda ukuba ufumanise kakuhle okumele ukwenze ukuphuhlisa isiphiwo eso sakho, kuba iphupha eli lichaza ukuba ixa lifikile lokwamkela ubizo lwakho.

Iphupha: Mhlekazi ndiphuphe ndisenzela utata iti, engathi ndimane ndimbuza ukuba uright na. Njengokuba ephunga nje yangathi iye yamcaphukisa lo nto, ebuza kutheni ndibuza yena yedwa ndingababuzi abanye; uye wakhangeleka enomsindo, khange siphinde sithethe, wasweleka ngo-2002 ndinguMbongiseni.

Impendulo: Ewe kumele aze abe nomsindo emathongweni ingakumbi xa nina nilikhaya ningekamenzeli impungo leyo ayicelayo. Umntu ongutata esakuselweka uyakhatshwa aphinde abuyiswe kanjalo.

Ukanti sele nizenzile zonke ezo zinto uyabuya acele nempungo (ibhekile yesintu – ngokwakuthi bantu baphilayo) nithi ke nakumpha anibuyekeze naye. Camagu!

Iphupha: Camagu! ndinephupha bendicela undihlalutyele lona: Elokuqala, ndiphupha ndibanjiwe ngamapolisa, ukanti mna andingomntu wenza izinto ezimbi.

Elesibini: Ndiphupha ndiphethe umpu, ndiwudubulise lo mpu, ndive ngesikhalo komnye umzi kuthiwa ndibulele umntwana. Ingaba lithetha ntoni apha kum? Camagu!

Impendulo: Lungisa ukuhlala mntakwethu. Imimoya emdaka iyakuchwechwela. Zama ukufuna uncedo ngokukhawuleza ungekade ugaxeleke engozini.

Iphupha: Ndiphupha ingathi ndihlala kwindlu egumbi linye kunye nobhuti wam nomzala wethu, kodwa kengoku kugcwele impahla phantsi naphezu kwebhedi.

Andiqinisekanga nokuba ivela kothulwa ecingweni kwisini na, ivulekile i-wardrobe nenye iyajinga, xa ndingena emnyango athi ubhuti kum, khawuleza uwuvale umnyango kukho inyoka inemibala emnyama nebomvu.

Kanye xa ndigqib’ okuvala, ndayibona isuka kwela cala lakhe iqabela pezulu kwempahla isiza kum ingxamile.

Ndikhwele phezulu kwebhedi ndakhala, nangona bendisephupheni ndibuvile ubushushu bayo, ingathi indiphungile kwelicala lasekunene ngenxa yoko ndothuke ndinovalo.

Ndiphupha umama wam endinika iimpahla ezintsha, ingathi uyazipakisha kuba ndilungiselela ukuya eKapa emngcwabeni, into eyothusayo sisaya kulo mngcwabo.

Impendulo: Lungisani izinto zakowenu nabantwana bakowenu. Ixananazile imisebenzi efuna izihlwele, ziyazama ukunikhusela kodwa amandla awekho ngenxa yokuba niwatyeshele amasiko asekhaya, imisebenzi ingxangile, aniyenzi nangona ninawo nje amandla. La maphupha ke omabini asisilumkiso kuni.

Iphupha: Ndicela uncedo ngala maphupha: Ndihlala ndiphupha ngezinto ezihambisana nokufa. Umzekelo, ndiphupha amadlaka, iibhokisi, amatye amadlaka, izidumbu okanye ndizimase imingcwabo njalo njalo.

Impendulo: Kukhangeleka ukuba kukho ungquzulwano kuwe ngaphakathi, oku kusenokubangelwa zizinto eziliqela. Enye yazo xa kukho: Ukungaxoli yindlela umntu omaziyo owahamba ngayo

Okwesibini: Xa kukho imimoya engaxolanga yekhaya yabantu abangcwatywa ngendlela engamkelekanga kubo. Zama ukudibana neemboni ukuze ikuncede usombulule le ntsinda badala.

Iphupha: Camagu! Bendithanda ukwazi ukuthi kuthetha ukuthini xa uphupha imifula neentaba

Impendulo: Kuxhomekeke kokwenzekayo kule mifula neentaba. Umzekelo, ukuba wena uphupha uhlala kuyo, kukhona ekumele ukulungise ngokuhlangene nawe nendlela ozelwe ngayo, kuquka nesiduko sakho ukuba siso ngenyaniso na njalo-njalo.

Kodwa ke iinkcukacha ezigcweleyo uyakuziva xa uthe wathabatha iintongo kulo mba. Camagu!

KHUMBULA, ukuba unephupha orhalela ukuba lichazwe, thumela umyalezo ngombane ku: isibhalo@inl.co.za. Ungasindwendwela kuFacebook (ilisolezwe) okanye uTwitter (@ilisolezwe) usishiyele umyalezo. UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook phantsi kwegama “uMphilisi -The Healer”