Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Xa uphuphe imifuno eluhlaza yodwa ube usitya ipere, yonke into elapha iluhlaza, lithetha ukuthini?

Impendulo: Iphupha lakho lichaza ukuba ekhayeni kukho umntu ozakutshaba ze kuphinde kubekho umntu okhulelweyo okanye ozakufumana umntwana kwithutyana elingephi. Chosi

Iphupha: Ndiphupha ndibona iinyoka ezizindidi ngeendidi

Impendulo: Camagu mntomdala. Ukuphupha inyoka kusenokuchaza izinto eziliqela kodwa ndizakunika imeko zibembini.

Okokuqala: Kukho ukuphupha inyoka esisihlwele kuwe okanye emele izihlwele zakho njengesilo sekhaya, umzekekelo kubantu abaneziduko ezifana nooJola kwakunye nooBhayi nabanye. Uzakufumanisa ukuba kuxhaphakile ukundwendwela yinyoka kumathongo abo nethi izise umyalezo osuka kumanyange. Okwesibini kukuphupha inyoka njengento engahlambulukanga. Oku kubonakala ngendlela ithongo elo livela ngayo, isilo eso sivela ethongweni sisenza imikhuba. Ukuba kwiphupha lakho xa kunjalo kumele uxhalabe kuba asinto ize kakuhle leyo.

Iphupha: Ndiphupha indoda endandithandana nayo enguyise wabantwana bam ababini abangamantombi, neseyaswelekayo. Sasingatshatanga kodwa ndimphupha ehleli ezantsi kwebedi esithi ulambile mandimpakele.

Impendulo: Iphupha elinjalo lixhaphake kulowo unikwa umyalezo wokuba enzele umsebenzi lowo ungasekhoyo. Mhlawumbi umbuzo wakho ngowokuba umfi lowo uvela njani kuwe ningazange nizimanye ngeqhina lomtshato. Khumbula kaloku umfi lowo ushiye ihlumelo elingabantwana ababini naba sisiduko sikayise, kwaye eminyakeni ezayo useza kuthetha nabo ngqo. Into ekufanele ukuba uyenze kukuhlangana nosapho lukamfi ubabalisele ngephupha elo ukuze basebenze ngalo hayi wena. Ukhumbule ukuba lo myalezo uvela kuwe nje khange bawunanze kuqala ngoku banikwa elinye ithuba ngawe.

Iphupha: Ndiphupha singabafana abaninzi ingathi siya ebholeni. Mna ndikwiqela elingemva. Lithetha ukuthini?

Impendulo: Iphupha lakho alinantsingiselo ibheke phi, lelinye lamaphupha elingumkhomba ndlela kweliza kulandela.

Iphupha: Ndiphupha ndihamba nabanye abafana sisiya ebholeni singamaqela amabini. Mna ndikwiqela elingemva. Ingathi eli liphambili iqela lithe xa lindlula komnye umzi labetha izinja zalo mzi, kwaphuma abantu balo mzi basileqa sonke. Ndiphume ngeyam indlela ndangena ezindongen ndenyuke ngazo. Xa ndiphumela yangathi ndihamba phakathi kombona, ngaphaya ndibone iholo elikhulu kugcwele ngabantu becawe. Xa ndingena kukho ixhego elingqengqe phezu kwebhedi kufoliwe ngabantu abayobekwa izandla leli xhego. Xa ndijonga angqamana amehlo am nawalo, landikhweba, ndadlula kulo nginginya ifolileyo. Xa ndifika lindibeke isandla lakugqiba landincamisa ebunzi. Xa ndivuka kusasa ndinesbhaxu nyhani kula ndawo bendincanyiswe kuyo esiphele emva kweentsuku ezintathu. Ide yathi inkoskazi ukuba bendingalelanga ndlini ibingazukundikholelwa. Ndicela undicacisele ngalo.

Impendulo: Camagu. Wena unobizo lobuthandazeli kwaye le nto uyiphiwe yimimoya yabantu bakokwenu eyayisondele kakhulu enkonzweni. Zama ke indlela yokwamkela ubizo olo.

Iphupha: Ndiphupha umntanam uneminyaka eyi-8 enomngxuma entloko apha ngaphezulu entloko phakathi kweenwele. Xa ndiwuvula kuphume inyama ebomvu engathi ndiyitsala ngomlomo. Xa ndiyihlafuna ivakala ngathi yeyenkukhu, kodwa ngoku bendiyikhupha ibingathi sisihlunu senyama yenkomo. Ndimnkile nalo mntana ndayolala kwenye indlu kwakule lali. Xa ndiphindaa ndibona le nto kulo mntana ndiyazibuza ukuba ebengenayo nje kwenze njani? Ingathi kukho nomongikazi kule ndlu endithe kuye makathathe ucingo afowunele uyise walo mntwana. Kodwa sewaswelekayo ngo-2011, phofu nomntana lo asingowakhe. Andikhali ndiyangqurhuleka ndithi “yhini Bawo kunini ndafelwa ndenzeni mna?”

Impendulo: Camagu sisi. Nceda ngokukhawuleza uthabathe iintonga uye emntwini. Iphupha lakho liqulethe okuninzi kwaye lifuna uhlalutyo nzulu olufuna indlebe zakho wedwa.

– uMphilisi – The Healer (kuFacebook)