Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Ndiphupha ngathi ndihleli nosisi wam owasweleka kwingozi yemoto kwiminyaka elishumi elinesibhozo. Ingathi zange asweleke qha oko wayelele esibhedlele, lo nto uncumile. Eli phupha lifika kum emva kweveki ezimbini ndimenzele idinara.

Impendulo: Ingxaki esinayo uninzi lwethu kukunganaki imimoya yabantu bethu asele belandulele eli. IsiNtu sichaza ukuba izihlobo zethu ezingasekhoyo zibaluleke kangangoba zidlala indima enkulu ekusikhuseleni kwiintshaba zethu, nakwimimoya engendawo.

Impazamo kuthi kukubalibala besakuhamba, sigqibele mhla siyokubabeka emadlakeni. Iphupha lichaza ukuba udade wenu ufuna ukukhunjulwa ngokwehlobo enenza ngalo nilikhaya xa nikhumbula izalamane zenu kwakunye nohlobo lwesiNtu xa nikholelwa njalo. Hlanganisa abantu bekhaya nibone ukuba ningenza njani.

Iphupha: Ndiphuphe ndihleli nesthandwa sam edlelweni eliluhlaza kuneenkomo ezintlanu ezohlulelene kabini, ezinye zikude.

Impendulo: Khumbula sisi ukuba esintwini ukuze ubuhlobo babo bathandanayo bamnkelwe ngamanyange ekhaya, kufuneka bazimanyile ngokwesiNtu, ngokunjalo kuphume nelobola.

Ibiyinto engamnkelekanga ukuba isibini esithandanayo, sibe ndawonye kungekalandelwa sithethe sokucelwa kwentombi nokukhupha amakhazi. Ngoko ke zamani ukuqoshelisa lo mba kuba iphupha libonisa njalo.

Iphupha: Ndiphupha ndinikwa into engathi ngumxoxozi kodwa incinci ngokulingana nenqindi lam. Ndinikwa nenye into engathi ngamandongomane ngutata endingamaziyo. Bendicinga ukuba ngamayeza, qha andiyazi ukuba ngamayeza antoni.

Impendulo: Lo tata ngumntu wakowenu ongasekhoyo, uzama ukukupha izinto, ekwazise amathamsanqa kuwe. Kodwa ke le nto iyokwenzeka xa uthe wamenzela izinwe zakho umzekelo: Ukusila ibhekile okanye naluphi na uhlobo enikholelwa kulo kowenu.

Iphupha: Ndiphupha ndimdaka ndinganxibanga zihlangu ndivukuvuku, nangona ndivasa andiwafuni amanzi angenamagqabi, ndiyakhwaza ndifune wona emanzini wam okuhlamba. Ingaba ithetha ukuthini le nto?

Impendulo: Lingqale nqo kuwe elo phupha, kunezinto ezibamba impumelelo yakho, ngoku kufanele uzikhucule kwezo zinto zinjalo. Amagqabi lawo amele intlambululo ngokohlobo lwesiNtu.

Iphupha: Ekuqaleni bendikade ndiphupha ndingena emanzini kodwa andide nditshone ndonke ngokungathi ndiyabhabhatizwa. Aqhubeka la maphupa ade afika kwelo kuba ndibone iintsimbi ezi mhlophe neziluhlaza. Ngenye imini apha ephupheni kufika umama othile endingazange ndambona wandifaka ibhengile eyenziwe ngofele le bhokhwe, wandinxibisa kwisihlahla sasekhohlo esithi le nto izokukhusela. Ndakhe ndaphupha ndibona iinyoka ezimbini ezimnyama zibophene kwidrowa yamayeza egumbini lokulala likamama.

Impendulo: Wena uyagula, kwaye ingulo yakho yeyokufa okumhlophe. Ngamagama acacielyo wena unobizo lobugqirha. Izihlwele zakho zikutyumbile ukuba uphilise isizwe. Iphupha lakho lenyoka yimimoya oyiboniswayo engalunganga nekutsalela ngasemva. Isisombululo sayo yonke ke le nto kukuvuma wamnkele ubizo olo.

Iphupha: Kwiveki edlulileyo bendisahleli kule fleti ndirenta kuyo. Ezinzulwini zobusuku ndiphuphe kubhonga inkomo ngeziithonga ezimbini.

Impendulo: Hamba uyokwenza imisebenzi yakowenu. Izinto zakowenu ziyakulandela kwaye ngoku bakunika ithuba lokugqibela ukuba usabele.

Iphupha: Ndinombuzo endinawo, ngephupha endimane ndiliphupha. Ndiphupha ndibhabha phezulu.Le nto imana indehlela rhoqo, inoba lithetha ntoni?

Impendulo: Ukuphupha ubhabha ephupheni kusenokuthetha iizinto eziliqela nangona ngamanye amaxesha likwazi ukuthetha into elungileyo. Ukanti liyakwazi nokuthetha iinto embi mandikunike ke kwimeko zombini.

Okokuqala: Ukubhabela phezulu kakhulu unge usesibhakabhakeni – kutsho ukukhululeka kwiingxaki okuzo kukho nto ibhadlileyo ozoyizuza.

Ukanti okwesibini: Xa ubhabha kanzima umane usiwa kanjalo – khawuleza ufune uncedo kuba uthiwe mbhe yimbophelelo yemimoya yobumnyama. Camagu!

– isibhalo@inl.co.za