Inkokeli

Zinqabile iinkokeli kwimihla esikuyo, kugcwele abalawuli nabaphathi bona bakhokelisa okwalowo ubathumileyo. Njengomthunywa, umphathi ufunjathiswa imiyalelo nemiqathango, ahlale kuyo angagungqi.

Umlawuli okanye umphathi uva kamnandi kukubizwa ngesibizo esimchazayo ukuze azeke nakuthathatha ukuba nguye umphathiswa.

Inkokeli ayibekwa iyazalwa, ayityunjwa iyazityumba. Ayidingi kubizwa ngagama labuthunywa nakumiselwa miqathango yobuthunywa kuba ayithunywa iyazithuma. Inkokeli ayidingi kumiselwa; abo ibakhokeleyo bayingqina ngaphandle kwamathandabuzo, bayithobele, bayithembe.

Enokuba ithe yamiselwa, yabizwa ngegama lobunkokeli, ayizigwagwisi kwaye ayikholiswa kukubizwa kuthiwe kuyo ‘nkosi’, koko ngabakhokelwa ngokwabo abathi bayiphakamise ze bayibize ‘nkosi’. Ubunkokeli abufundwa, umntu uzalwa nabo.

Inkokeli ayikhathalele kucengwa ngamibengo ukwenza umsebenzi wayo, koko isuka ngentumakalelo yenze oko imele kukwenza. Inkokeli yokwenene ayiphili ngamabhunga, umcimbi ngamnye iwuphatha ngokohlobo etyhilelwa ngalo.

Amabhunga kuyo ngawokwenza ubandakanyo lokuqala namavukela-ntloko ukuze ifumane eyona nto imele kwenziwa yakuba iqubisene nomcimbi.

Kungade kube lihleli ibhunga, laza lamisa elikumisayo, kodwa lakufika ixesha lokuba yenze umsebenzi wayo inkokeli isuka yenze loo nto, kungakhathaliseki nokuba oko kungokwezimiso zebhunga okanye ngakumbi kusini na.

Izigqibo ezithathwa yinkokeli yokwenene iba zezayo hayi ezabantu abayingqongileyo, ukuze uxanduva lwemiphumela iluthathele kuyo ingagxeki abanye. Izigqibo zenkokeli azisingisi kokona kukholisa uluntu koko zisingisa kokona kufanele uluntu, kungathaliseki nokuba luyakholwa na lona okanye alukholwa. Ngumphathi owenza intando yoluntu, hayi inkokeli.

Uluntu alusoloko luyazi into elifaneleyo, kwaye alusoloko luyahlula into oluyifunayo kuleyo luyidingayo. Inkokeli ke ikholo ukwahlulela abantu bayo phakathi kwezidingo neemfuno, ze ikhokelise izidingo ngaphezu kweemfuno.

Umzekelo womahluko phakathi kwemfuno nesidingo: ubani unokumangalela omnye kuba efuna kwenzeke okuthile kuye okanye kulowo ammangalelayo, kwaye oko kungenanto yakwenza nokudingekayo nokufanelekileyo. Yinkosi ke ethi ikhangele ze igwebe njengoko kudingeka nanjengoko kufanelekile, ingakunanzile oko kufunwa ngummangali.

Inkokeli yokwenene ihamba ecaleni kwezisemva emhlambini wayo, hayi ecaleni kweziphambili; ngumphathi nomlawuli ohamba neziphambili.

Oku ukwenzela ukuqinisekisa ukuba umqokozo wokutsala uqine kuso sonke isipani sakhe, akukho zigoxileyo kungekho nezibulaleka ngokungafanelekanga kuzo.

Ngokwenjenjalo ukuphathisana kusebenza ngendlela egqibeleleyo, umsebenzi wabiwe ngokufanelekileyo njengoko ubani athi afanelwe ngako.

Inkokeli yokwenene iyalifunda ibandla elikhokeleyo, ilazi ngokugqibeleleyo, ilungiselele ulowo njengoko kumfanele. Imamela wonke ubani kwibandla, elowo imnike ithuba njengoko kumfanele. Izigxeko nezonyeliso ayizibethi ngoyaba, ezivakalayo nezibubuhaya; izifumbatha esifubeni ikhangele ukuba ingathini na ukulungisa ukudala uzinzo emhlambini.

Ngumphathi nomlawuli ohamba nabahambayo kwakunye nabangqinelana naye nabamthandayo, inkokeli yona ibathanda bonke kwaye ayakhi butshaba naye nabani na emhlambini.

Inkokeli yokwenene ayisoloko ixhalabele ukuhlamba igama layo kwizityholo nezigxeko ezifumanayo. Ayisoloko ikhangela ukuzithethelela nokuthethelelwa. Iyahlala, izinze, inonelele. Yimisebenzi yayo eyithethelelayo ilungise neengqondo zabagxeki nabatyholi.

Naxa lithe lafika elo thuba lokuvela kweyona nyani nokuhlambeka kwegama layo, ayikhangeli kulungisa abo bebeyityhola beyigxeka.

Ihlala phakathi kwabagxeki bayo ngathi akuzange kwenzeka nto, izame kangangoko ukuthintela ukuba kungabuyi kuvele izityholo nezigxeko ezikwafana nezo. Abagxeki nabatyholi bazilungela bengalungiswanga mntu, belungiswa yimisebenzi nezenzo.

Inkokeli yokwenene ilwelwa yimisebenzi yayo. Yimisebenzi yayo ethi izohlwaye izaphuselane zingabuyi ziphukaneke. Inkokeli iyawanqanda amaphakathi akufuna ukuyilwela nokuyikhusela, ithembele kwimisebenzi yayo.

Kazi zingaphi na ke iinkokeli? Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba