Inkundla igunyazise ubukumkani bamaRharhabe

INkosana yaMarharhabe uZolile Burns Ncamashe. Esi sizwe kulindeleke ukuba sibuyiselwe ubukumkani baso emva kokuphulelela kwidabi ebelikwi nkundla ephakamileyo kuMantla eRhawuti. Umfanekiso: Johnnie Isaac

INKUNDLA ephakamileyo yoMntla-Rhawuti isikhabile isigqibo esabhengezwa yiKomishini kaNjingalwazi Thandabantu Nhlapo sokuba akukho bukumkani kwisizwe sakwaRharhabe.

 Kwisigwebo esiwiswe yile nkundla ngoLwesibini, isizwe sakwaRharhabe siphinde safumana igunya lobukumkani baso.

 

Esi sigwebo senkundla siza emva kokuba iKomishini kaNhlapo yabhengeza kwinyanga yeKhala ngo-2010 ukuba akukho bukumkani kwaRharhabe. 

Le komishini yadiza ukuba ubukumkani besi sizwe buseNqadu kuGatyana apho ikhoyo iKumkani yamaXhosa uMpendulo Zwelonke Sigcawu.

 

Kodwa ngoLwesibini, emva kweminyaka emithandathu isenkundleni le nyewe, ubukumkani bakwaRharhabe bufumene isigunyaziso kwakhona. 


Ethetha kwiKomkhulu lakwaRharhabe eMngqesha eQonce osisithethi sesi sizwe uNkosana Zolile Burns-Ncamashe uthe: “Yimini yembali le kubukumkani bakwaRharhabe. Kudala siwulindele lo mhla kuba siyalazi isiko lalapha ekhaya.”

 

“Le Komishini kaNhlapo yenze impazamo enkulu kwisigqibo eyafikelela kuso sokokuba ubuRharhabe asibubo ubukumkani.  UbuRharhabe bubukumkani obuzimeleyo, abucuntsulwana kwenye indawo,” utshilo uBurns-Ncamashe.

Isizwe sakwaRharhabe sizakubiza indibano kwiveki ezayo apho siza kucacisela iinkosi zesisizwe ngesi sigqibo senkundla.