Inkxaso koomama nootata baseBuhlanti

“Sinyamezele into esingayaziyo nokuba iza kusithatha isibeke phi na. Kodwa akukho kwenza njani kuba ke kukwasindiswa iimpilo zethu kule ntsholongwane yekhorona nangona silala sipheke oomabonandenzile.” Lawo ngamazwi kaNonkqubela Gobinduku okhulisa usapho lwakhe ngemali yokoja eBuhlanti eBeach Front eMonti.

Amazwi kaGobinduku nongusihlalo wabasebenzi baseBuhlanti aza emva kokuba uMasipala oMbaxa iBuffalo City ethe wabonelela ngeepasile zemifuno umntu ngamnye ekubeni bapheke oomama kwakunye nootata abaphila ngokojela uluntu inyama eBuhlanti.

Uthi kubuhlungu ukuhlala nje ube uqhele ukuzisebenzela kwaye ekwathi bacela nolunye uncedo eluntwini.

“Yeyona ngeniso yethu leya yaseBuhlanti, iintsapho zethu zixhomekeke kuthi ngala ngeniso. Akumnandanga ukungena ebhedini ube kusasa ungazazi uzovuka utyeni,” utshilo uGobinduku.

Utsho ebulela ngesibonelelo abasifumeneyo kumasipala nangokuthi bacingwe, esithi umahluko siwenzile kumakhaya abo nangona esithi la mifuno sele iphelile ithathe nje iintsukwana.

Uceba oyiNtloko kuPhuhliso lezoQoqosho eBCM, uMzwandile Vaaiboom, uthi abantu baseBuhlanti yaba ngabokuqala ukuchaphazeleka kwintlekele yokumiswa kweentshukumo kweli.

Uthi balandela kwikhwelo elahlatywa nguMongameli uCyril Ramaphosa elokuba kungenziwa zintshukumo into engangeentsuku ezingamashumi amabini ananye nesele zongeziwe ngoku ngeenzame zokunqanda ukunwenwa kwale ntsholongwane.

“Aba mama nootata aboja phaya abanayo enye ingeniso abanayo ngaphandle kokwa koja. Bakhulisa abantwana babo, baxhomekeke kula ngeniso nokuba balale betyile ixhomekeke phaya ngoku abanayo enye indawo. Kungoko baye baba ngabokuqala ukufika ezingqondweni saqokelela imali sabazamela imifuno oku kokuba bongeze bakwazi ukulala betyile,” utshilo uVaaiboom.

Uthe baza kuqhubekeka bengumasipala ukunceda nabanye abantu abazukuphelela kwaba kuphela. Ukwahlaba ikhwelo nakwabanye oosomashishini ekubeni babancedise ngokuthi kuncedwe uluntu lwaseBCM olungathathi ntweni.

Abasebenzi baseBuhlanti bebonke abaxhamle kwezi pasile bangamashumi amathandathu anesixhenxe.

Aba basebenzi bathi bebenalo ithemba lokuba bangabuyiselwa nabo emva kokuba kuye kwabuyiselwa oomama abathengisa imifuno neziqhamo ezitalatweni.