Intlungu yesikolo saseMqukwana

Ilizwe loMzantsi Afrika lilizwe elihle nabantu balo. Ilizwe loMzantsi Afrika lilizwe elikhuthaza umakulinganwe kwiinkalo ezahlukeneyo zobomi, nkalo ezo zibandakanya imvelaphi yomntu ngamnye, amasiko, iilwimi, imontlalo, imfundo, umthetho, kwezemidlalo, njalo njalo.

Ngokwenkcazo karhulumente wesininzi, kulindeleke ukuba kuwo onke la mabakala, kugqame kwaye kuzinziswe ukulingana kweenkonzo neenkqubo kungakhethe bala nabuqu bamntu.

Khawundincede ke mntwan`omhle, mntwan`ontsundu, khawuhlale uphole engqondweni, uzikise ukucinga ngendlela ekuqhubeka ngayo kwezi nkalo ndizikhankanya ngentla apha.

Emva kokucingisisa ngazo, ukhangele ukuba ingaba ngenene inkululeko nedemokhrasi zize nomakulinganwe kusini na kweli loMzantsi Afrika.

Kulo mhlomlo ndivumele ndiqwalasele kwinkalo enye kwezi zingentla, inkalo yezemfundo. Sazi sonke ke mawethu ukuba imfundo yeyona nkalo isisiseko sobomi bempumelelo esizweni.

Ngokweentetho zamandulo, amaciko ayevakalisa ukuba imfundo le sisitshixo sokuvula iingcango zophuhliso ebomini.

Mve nobawo owayengumbhali obalaseleyo wesizwe sethu, ubawo uCitashe Wawuchophe kwezinye iintetho zakhe noluntu xa wayesithi, “Iinkomo zenu zimkile zidwesha zakuthi! Khaniye kuzihlangula! Ixesha lemfakadolo liphelile! Okuseleyo kukuba nithabathe usiba nephepha, nihlanganise ngazo ezizweni!”

Le ntetho isulungekileyo kabawo uIsaac Citashe Wawuchophe yayigxininisa kwindima enokuthi idlalwe yimfundo ekuphakamiseni isizwe.

Ikwaveza nokuba phambi kokufika kwemfundo eyeza nephepha, i-inki nosiba, thina mzi kaNtu sasinemfundo yokwakha umntu ngeziyalo, mfundo leyo yayigxininisa kubuntu nasekuxatyisweni kwemfuyo nomhlaba, kuba xa umntu lo enobuntu, enemfuyo nomhlaba, thina maXhosa sasiqonda mhlophe ukuba lowo sisityebi sanaphakade.

Inyani engenakuphikiswa ke yeyokuba mhla zemka iinkomo ngabula ubawo uCitashe nobawo uRubusana, kumhla kwanyanzeleka ukuba sisondele ngakumbi emfundweni, sayame kuyo ukuze sibe nokucezela kude endlaleni.

Ingxaki inye ke ngoku, nangoku sesikhethe ukuthembela kwimfundo ukuze kube nokuphuhliswa isizwe kugxothwe neekati eziko, kubuhlungu kakhulu ukuqaphela ukuba imfundo yomntwana ontsundu ayinikwa xabiso lilinganayo nemfundo yomntwana wasemzini.

Ngexesha lengcinezelo eyanyanzeliswa yabethelelwa nguntamolukhuni owayeligosa lezemfundo phantsi korhulumente wocalucalulo, umfo owayenganalusini ngakumntu ontsundu, uVelevutha, umntwana omnyama kwakuqinisekiswa ukuba unikwa imfundo efe amanqe neza kumlungiselela ukuba agobe phantsi komntu wasemzini ubomi bakhe bonke.

Uninzi lwethu ke lube nethemba xa kusithiwa sikhululekile kuloo makhamandela engcinezelo. Satsho ngazwi linye ukuba phantsi kwalo uvotelwe sithi urhulumente, inene imfundo yabantwana bethu iza kuba semgangathweni ofanayo neyabo basemzini.

Ilishwa ke lelokuba siya sifumanisa ukuba xa sasinelo themba, sasiziqhatha kuba umhla nezolo, kuvakala ukuba izikolo abafunda kuzo abantwana bethu azikafumani kuxabiseka nakulungiselelwa kufanayo nezo bafunda kuzo abantwana basemzini.

Kungenxa yesi sizathu ke abanye babazali kwaba bantsundu, bekhetha ukuthumela iintsana zabo kwezi zikolo zilungiselelwe ngokugqibeleleyo, phofu noko kulungiselelwa kwazo kusenziwa kwangabanye bethu bantwana bomgquba abakumasebe emfundo kumaphondo ohlukeneyo. Phofu besilindele ntoni? Ngubani onokukhathalela izikolo abangafundi kuzo abakhe abantwana? Ngubani onokungasihoyi isikolo sasemzini xa abakhe abantwana befunda kweso sikolo? Mamela ndikuxelele mlesi kodwa ndingagqibi, koko ndivakalisa udandatheko kweyam intliziyo nje. Kukangaphi sisiva kumaziko osasazo ukuba kukho izikolo ezingenabo ootitshala bezifundo ezithile, kangangokuba abantwana bade bawugqibe unyaka bengakhange bafundiswe tu kweso sifundo? Xa kuthethwa ngezikolo ezinezifundo ezingenazititshala ucinga ukuba ziyabandakanyeka izikolo zasemzini? Unotshe, le ngxaki ikwizikolo zethu kuphela, hayi ngokubangelwa ncam kukungakhathali kweenqununu nabahlali, kodwa kungenxa yokuba amanye kumagosa ezemfundo arhuqa iinyawo ekukhathaleleni izikolo zabantwana bethu xa kuthelekiswa nezo zabantu basemzini.

Mna nabafundi bam sothuke kakhulu, bambi bawa, bafa isiqaqa xa besindwendwele izikolo kula mandla weBholani, saze safumanisa ukuba kwenye yeelokishi zalapho, kukho isikolo saseMqukwana esinabafundi beBakala le-12 (aba baqalisa ukubhala iimviwo zokuphela konyaka), abangakhange babe natitshala wesiNgesi, uLwimi Lokuqala Olongezelelweyo ukusukela ngoJanyuwari ukuza kuthi ga kuSeptemba.

Eli linyala neshwangusha elingasoze lenzeke kwisikolo sasemzini! Kutheni kusenzeka into embi kangaka kwizikolo zethu bantu bantsundu?

Ndiyabuza bazali, ndiyabuza magosa ezemfundo, zinkokheli zokuhlala, nani bahlali ngokubanzi?

Ingaba senziwa nakungakhathali kwethu ngemfundo nekamva labantwana bethu? Hayi mandoyiswe!