Intombi ibulele indoda yayo!

Umama wexhoba uZoleka Pholo kunye nommelwane owubone kuqala umlilo Umfanekiso: Buziwe Nocuze

Ludandathekile usapho lwakwaPholo ePhilippi Browns Farm eKapa kulandela ukubulawa konyana walo yintombi ebethandana nayo nengumama womntwana wakhe.

UZoleka Pholo noneminyaka engamashumi amahlanu anesibini ubudala nongumama wexhoba, uxelele I’solezwe ukuba kunzima ukwamkela ukuba unyana wakhe ubhubhile.

“Ingathi kuza kuthiwa kuyaxokwa unyana wam usaphila kuba bendincokole naye ngaphambi nje kokuba atshiswe netyotyombe lakhe sisinqandamathe sakhe.”

Uqhube wathi ngoMgqibelo kufike umtyholwa ezokucela umntwana ukuba ayokulala kuye, ngenene uye wavuma kuba engacingelanga nto.

“Umzukulwana wam uyathanda ukulala noyise kakhulu, umtyholwa lo uyiqondile ukuba xa eza kutshisa unyana wam kungenzeka abe elele nomntwana, yilo nto efike wazomcela ngoMgqibelo kuba esazi ukuba ufuna ukwenza obu busathana,” utshilo uPholo.

Uqhube wathi umtyholwa lo ungumntu okrwada kakhulu kuba ngobusuku bangoMgqibelo umthuke kanobom.

“Indlela andithuke ngayo ngoMgqibelo ushiye angalaziyo, ndiyavuya njengokuba ebanjiwe kwaye umnqweno wam kukuba angakhutshwa kuba ungumntu ongafanelanga ukuhlala nabantu.”

Umzukulwana wakhe nongunyana womtyholwa uneminyaka emibini ehlala naye ngenxa yempatho engekho ntle kwicala lomtyholwa.

“Ndikhathazekile emphefumlweni, isikhalo sonyana wam sisahleli ezindlebeni zam ngento eyenziwe ngabom.”

USylvia Gobile nongumakhelwane ophume kuqala ngethuba kusitsha ityotyombe lakwaPholo, uthe umtyholwa ungumntu obefika abathuke kwaye akahloniphi.

“Ebeqhele ukundithuka kuse phandle, isizathu soko kukuba ndacebisa umama wexhoba ngento amakeyenze ukuze afumane umzukulwana wakhe kuba wayengamphethanga kakuhle,” utshilo uGobile.

Uqhube wathi bazamile ukuwucima umlilo kodwa uye wabohlula. “Sizamile ukusindisa ubomi bakhe kodwa indlela ubunamandla ngawo umlilo uye wasohlula.”

USolulele Pholo noneminyaka engamashumi amathathu ubudala nongumninawa wexhoba, uthe bekusemva kwentsimbi yeshumi elinanye ebusuku ngethuba esiva ubushushu obungaqhelekanga.

“Ekuqaleni iye yangathi ndiyaphupha kodwa ndothuswa lilizwi lomkhuluwa wam ngethuba ekhala ecela uncedo,” utshilo uPholo.

Uqhube wathi umtyholwa akaqali ukuzama ukutshisa ubhuti wakhe nendlu nanjengoko wayekhe wazama.

“Ekuqaleni wabhaqwa xa kanye wayeqala ukufaka amaphepha etshisa ubhuti wam, zange siyicinge into yokuba angaphinde azame ukwenza ukungcola okunjalo.”

Uqhube wathi sele etshiswa nendlu nje ubhuti wakhe uqale wahlaselwa ngumtyholwa kwindawo ebeziphumlele kuyo.

“Umkhuluwa wam ebendixelele ukuba uhlaselwe ngumtyholwa ngesitena kodwa khange ambethe koko ukhethe ukubuya azokulala, kulapho amxelele khona ukuba uza kumtshisa netyotyombe nto leyo angakhange ayithathele ngqalelo,” utshilo uPholo.

Othethela icandelo lezomlilo eKapa uJemaine Carelse, uthe izicimamlilo ebezisuka eGugulethu zikwaze ukuwucima emva kwemizuzu engamashumi amane umlilo.

“Ngethuba kucinywa kufunyanwe umzimba wendoda ebulewe ngumlilo,” utshilo uCarelse.