Intombi kaTutu itshatile

Oyintombi kanguBhishop osele esidla umhlala phantsi, uDesmond Tutu, uMpho Tutu uthe wazimanya ngeqhina lomtshato, ezimanya nonesini esinye naye uMarceline Furth kwilizwe laseNetherlands eSouth Holland kutshanje.

UMpho nongumfundisikazi uye wababamba umtshato wabucala apho bebezibophelela ekunye nalo sisi nabathandene ixesha elide.

Iingxelo zithi esi sibini kulindeleke ukuba sizokubhiyozela umtshato waso eKapa ngenyanga ka- Meyi kulo nyaka sikuwo.

Lo mtshato wothuse uMzantsi ngokokubona kumakhasi onxibelelwano anamhlanje uFacebook kwakunye noTwitter.