Intsokolo kumawele abedibene ngeentloko

Bekuqhwatywa izandla emva kotyando olube yimpumelelo lwamawele waseDutywa azalwe edibene ngeentloko. La mawele atyandelwe eRed Cross eKapa.

Kodwa ngoku emva kolo chulumanco, unina wabo, uNtombikayise Tyhalisi (31) udibanisa amabonandenzile ukuze baphile aba bantwana.

UNtombikayise Tyhalisi ekunye namawele akhe uMinentle noSukoluhle UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

UTyhalisi akanabazali futhi unabanye abantwana ababini (intwazana, 8, nenkwenkwe, 3) ukongeza kula mawele. Ngenxa yoku, uthathe ikhadi lesibonelelo sikarhulumente (Child Support Grant) laba bantwana babini badala wayokuboleka imali ezalayo.

Ngenxa yoku, uTyhalisi akayirholi imali yesibonelelo de kube ngeyeDwarha xa sele ehlawule yonke imali kamatshonisa.

“Kunzima ukuphila, andisebenzi futhi andinabazali. Ndithe ndakubuyela ekhayeni ndaqonda ukuba mandiyoboleka imali ezalayo ngekhadi laba badala babini kuba amawele akarholi imali yesibonelelo. Utata wabo ukhe wazama wafaka iR300 izihlandlo ezithathu kodwa waphinda wathi cwaka. Ndimfowunele ndisithi abantwana abanakutya, wafaka iR200,” utshilo uTyhalisi ebalisela I’solezwe lesiXhosa kowabo eDrayini eDutywa.

Intsokolo kaTyhalisi iqale kweyoMqungu kulo nyaka ngethuba eyokubeleka eGcuwa, engazazi ukuba ukhulelwe amawele, ingakumbi lawo adibene ngeentloko.

Ekuqaleni ngethuba ebelekelwa eGcuwa la mawele, unina wawathiya amagama elithi Siphosethu nelithi Amahle. Kodwa emva kotyando eRed Cross, uwathiye magama wambi, uMinentle noSuku Oluhle (Sukoluhle).

“Ndandingayazi ukuba ndikhulelwe amawele, ingakumbi adibene ngeentloko. Ndandicinga ukuba ndikhulelwe umntwana omnye mna. Apho ndandihlukuhla khona, kwikliniki yaseThaleni, zange ndijongwe ukuba ndikhulelwe abantwana abanjani.

“Into eyenzekileyo ndazibona ndinengxaki apha ngaphantsi ze ndasiwa ekliniki eDutywa, nalapho oomongikazi bandidlulisela kwisibhedlele saseGcuwa besithi asiqhelekanga isisu sam. EGcuwa ndafika ndacujwa ndafakwa kwiSkeni, kodwa andizange ndixelelwe ukuba abantwana banjani. Ngelo xesha iinyanga zam zazisibhozo,” kutsho uTyhalisi.

“Ndiphindele eGcuwa emva kweenyanga ezilithoba, ndabeleka ngeSkere. Oomongikazi bothuka kakhulu xa kuvela amawele ingakumbi adibene ngeentloko. Nam ndothuka kuba ndandingayazi ukuba ndikhulelwe amawele. Emva kokothuba ndaba nentliziyo ebuhlungu, ndizibuza ukuba ndiza kubakhathalela kanjani aba bantwana kuba andinabazali futhi andiphangeli.

“Ndandingayazi nokuba uncedo ndiza kulufumana kanjani, ndicinga ukuba inokuba baza kuhlala bedibene ngolu hlobo. Babengandiniki themba tu, kodwa ndaqiniswa ngoonontlalontle noomongikazi. Emva kokubeleka eGcuwa, ndathunyelwa eFrere eMonti. Abantwana bafika bagcinwa ndaweni ethile. Kwakunzima ukubancancisa kunzima nokubanxibisa.”

UNtombikayise Tyhalisi ekunye namawele akhe uMinentle noSukoluhle kwakunye nabanye abantwana bakhe ababini UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

UTyhalisi uthi intlungu yakhe yokusokola ithityazwe ngoomongikazi noonontlalontle baseFrere naseRed Cross.

“Ibhegi yam igcwele qhu ziimpahla ebendingayazi nokuba ndiza kuzithenga ngantoni. EMonti ndathengelwa nezihlangu ngamagosa kuba ezam andizazi nokuba ndazishiya ngenxa yokuxakeka kwengqondo ngaba bantwana.”

Ebalisa ngomhla wokohlukaniswa kweentloko zabantwana bakhe, uTyhalisi uthe: “Zange ndilale la mini yokohlukaniswa kwabo, ndizibuza ukuba baza kuphila kusini na. Yhoo, ndivuye kakhulu xa ndibona bebuya bephilile emva kokohlukaniswa kwabo.”

UTyhalisi uhlala ezihlobeni ngenxa yemeko yekhaya lakhe. “Ndicela ukulungiselelwa ikhaya lam kuba ndiyakuthanda ukuhlala ekhaya kodwa amandla andinawo wokulungisa ikhaya lasekhaya.”