Intwazana yaseCorhana ifuna ukuba ngunobuhle waseMthatha

USibonelelwe Jama waseCorhana eMthatha nongenele uMiss Mthatha Junior 2020

INTWAZANA yaseCorhana eMthatha eneminyaka elishumi elinesibini ubudala, iphakathi kweentwazana ezikhuphisana ngesithsaba sikaMiss Mthatha Junior 2020.

USibonelelwe Jama, owenza uGrade 7 eFaith Primary School, ubongoza oontanga bakhe nabo badala ukuba bamvotele aphumelele olu khuphiswano lokucondoba.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa, uJama uthi ufuna ukufikelela kwabanye abantwana ukuze bakhuthazeke kwaye bazithembe ngokupheleleyo.

“Olu khuphiswano likhangela abantwana abancinane abafuna ukubonisa ngetalente yabo nabafuna ukuzithemba ukuze bavelise umntu ozithembileyo, ozithandayo, oqeqeshekileyo nokhathalayo,” kubalisa uJama.

Le ntwazana inqwenela ukubayiNzululwazi (Scientist) nonobuhle xa ikhulile.

“Ndiyintwazana enamaphupha amakhulu, ndikholelwa kakhulu kum kwaye andivumeli nabani andityhafise. Yiyo loo nto ndifuna ukukhuthaza nabanye abangangam balandele amaphupha abo,” utshilo uSibonelelwe.

Uthi uzibona ethwele isithsaba sikaMiss Mthatha Junior kulo nyaka kuba uzithembile, ukrelekrele, mhle kwaye akancami ngaphandle kokuphumelela.

UJama uthi uthanda imodeli uWinnie Harlow ngokuba ikhuthaza ukuba ubani angajongi ibala lakhe kodwa alwele oko acinga ukuba angaphumelela kuko. Abaphumelele kolu khuphiswano baza kufumana amabhaso afana neevawutsha, imali nesithsaba.

Olu khuphiswano beluza kubanjelwa eCircus Triangle eMthatha kule nyanga kodwa lahlehliswa ngenxa yeLockdown. Nangona nje umhla wokubanjwa kwalo ungekaziswa kodwa iminxeba yovoto isavuliwe.

Ukuba ufuna ukuvotela uSibonelelwe Jama ungacofa le link: http://pageantvote.es/pageants/2600, kungenjalo ukrobe ikhasi labo likaFacebook: MrMissMthathaJunior