INXEBA! Isilonda esinobuzaza esiviwa sisizwe sakwaXhosa, nobu ethe ethe bomcimbi wolwaluko

Umfanekiso ogciniweyo kaNakhane Toure, ongumdlali kulo mboniso, esamnkela iwonga.Umfanekiso: Sharon Seretlo

Ukufa kwamakhulu amakhwenkwe endleleni eya ebudodeni linxeba elinobuzaza kumakhaya amaninzi kwaXhosa.

Le lahleko ingaka ikwadityaniswe nokwenyeliswa kwakunye nokujongelwa phantsi kweli siko lolwaluko, siko eli elalisenziwa kwantlandlolo sisizwe sakwaXhosa (nezinye izizwe kumazantsi eAfrika kwakunye nezinye iintlanga kwihlabathi jikelele) apho amakhwenkwe esiwa ebudodeni.

Into yokuba izizwe zikhwele zizehlela ngezinyembo nentswela- lwazi nangokutolikwa kweli siko lookhokho ngendlela yasentshona, ibangela intandabuzo nokungakhuseleki kwesiko lolwaluko, sisilonda esinzulu ezizweni zamaXhosa.

Kule ntsuma-ntsumane yokubhentsiswa nokubekwa elubala kweemfihlo zolwaluko, ezifanele amadoda kuphela, yongezelelwe ngesinye isihelegu esombeswe ngehlazo, kwahlikihlwa ityuwa enxebeni.

Ezi ziganeko zingumandlalo womboniso bhanya-bhanya ongu- “Inxeba” kaJohn Trangove, osiko lakhe likude lee kwelamaXhosa. Lo mboniso bhanya-bhanya uvuselelwe yincwadi ebhalwe nguThando Mgqolozana, waza waguqulelwa kumdlalo webhanya-bhanya nguMalusi Bhengu kunye noJohn Trengove lo.

Kudliwano-ndlebe ngalo mboniso, uTrengrove uzichaza njengeveza-ndlebe kwimicimbi yezithethe zamaXhosa, kodwa asilolixa lokuqala efaka impumlo yakhe kwimicimbi yolwaluko.

Omnye wemisebenzi yakhe ungabonwa kumboniso “Ibhokhwe”. Ingathi unesakhono sokuqhwaya udushe nanjengomnye wabalinganiswa uKwanda, kumboniso “Inxeba”.

UKwanda lo ulimele ikhankatha lakhe uXolani ukuba makaziveze esidlangalaleni ukuba uthandana namanye amadoda.

Uthi kuXolani makaqine njengendoda kanye olu hlobo adla ngokutsho kuye xa esiva iintlungu zobukhwetha. Kucace gca ukuba uyathanda ukubuxhokonkxa ubudoda bamaXhosa ngokudibanisa ukuthandana kwesini esinye nolwaluko.

Ude athi, “Ilixa lifikile ukuba amadoda athandana namanye mawabonwe esidlangalaleni kwiibhanya-bhanya kwilizwekazi le-Afrika ngokubanzi.

Kulo mboniso “Inxeba”, uXolani (Nakhane Toure) olikhankatha likaKwanda (Niza Jay), inkwenkwe ekhangeleka inobubhetye-bhetye; uthandana nelinye ikhankatha uVija (Bongile Mantsai), indoda enomfazi nabantwana.

Nangona la makhankatha mabini eyifihla into yokuthandana kwawo, kodwa akayifihli into yokuba bangoosaluka ababezizihlobo besakhula.

Ekuhambeni kwethuba buyazicacisa ukuba obu bubhetye-bhetye bukaKwanda ukuba bungantoni, ezibonakalisa ukuba uyazingca ngokuthandana namanye amadoda, kwindawo apho amakhwenkwe asiwa ebudodeni; nto leyo eyenza ukuba amphathe mantsantsa uXolani ngobubhetye-bhetye kuba engakwazi ukuzibonakalisa esidlangalaleni ukuba ungubani, kanye kanye.

Le yantlukwano ngobudoda nothando phakathi kwala madoda ndibona ukuba ngoyena ndoqo walo mboniso. Kuyacaca ukuba obu bugagu bukaKwanda buyingozi kuVija, kuba ukuziveza kukaXolani kuthetha ukuba naye uzakuba selubala.

Mhlawumbi oku kuvezwa akuzukuphelela ebakhwetheni kodwa kuluntu ngokubanzi. Kwaye eli nyathelo isenokuba sisiphelo sobukhankatha nesonka kuVija.

Omnye wabalinganiswa endinomdla wakhe nguRhadebe uyise kaKwanda. Indima yakhe inentsingiselo eninzi, nangona engaveli kangako kulo mboniso.

Ingathi koku kunqaba kwakhe okwenza umdla omkhulu- ukungabikho ebomini bukanyana wakhe. Mhlawumbi inxeba elikhulu nakuRhadebe, yinto yokuba unyana wakhe eneliso lamanye amadoda, linxeba elikhulu, nto leyo elihlazo eluntwini.

Izijwili zehlazo kumakhaya anabantwana abathandana nesini esinye asiyonto ifumaneka kumaXhosa kuphela, esi simbonono sifumaneka kwihlabathi jikelele. Ingathi ubukhulu becala ezi zijwili zicaca ngamandla kwizizwe ezisalandela amasiko azo nangakumbi ezilalini.

Ingathi uRhadebe akafuni ukuhlazwa nguKwanda phakathi kwamanye amadoda, nto leyo yenza ukuba alunikele kuXolani uxanduva lokufundisa uKwanda ubudoda, kuba uzakumbhatala kakade. Ndinenkolo yokuba uRhadebe akayazi ukuba uXolani yena kuqala ukwathandana namanye amadoda. Okulandelayo ngoyena nobangela wokuba ndibhale eli khasi.

Ndihlangene nomxholo walo mboniso, <> kwingxoxo kaFacebook, ngalo mboniso. Ingxoxo eshushu kakhulu, malunga nokunyathelwa nokujongelwa phantsi kwamasiko nezithethe esintu, ingakumbi ulwaluko.

Kweli cala likhalela ukungahlonitshwa kweli siko ngamadoda namankazana angamaXhosa, ze kwelinye icala ikwangamaXhosa ubukhulu becala amanina, nelinye iqaqobana lezinye izizwe zabamnyama nabamhlophe.

Kubalandeli besiko lolwaluko babona ngasonye ukuba lo mboniso uvinjelwe ukuze ungaboniswa kuMzantsi Afrika uphela, ngenxa yomonakalo nempembelelo enokuba nayo kumakhwenkwe akhulayo, nakumakhaya amaninzi ngakumbi oomama.

Ngendlela endibona ngayo, ingathi ininzi impembelelo yasentshona (abelungu) kweli cala lingavumelaniyo nolwaluko. Xa sikhumbula iintlekele ezikhankanywe ngaphambili njengomandlalo wale ngxoxo kwakunye nokubhentsiswa kwesiko lokwaluka, kuze kudityaniswe nokulalana kwamadoda- umbono olihlazo, kuninzi lwabantu abangamaXhosa; ayingomnqa kum ukuba le ngxoxo ibeshushu ngolu hlobo.

NanjengoMxhosa okholelwa kwisiko lolwaluko, kubelula ukuthatha eli cala labalandeli bolwaluko, kwaye nam ndivumelana nokuvinjelwa kokupapashwa kwalo mboniso ‘Inxeba’. Nto leyo ethetha ukuba andikhange ndibe nawo nomdla wokuwubona lo mfanekiso.

Andizokuyifihla into yokuba izisongelo nokugrogriswa kwabadlali kulo mboniso ngomnye woonobangela wokuba ndibuyise unyawo kule ngxoxo, kuba nam ndikwangumdlali weqonga.

Mhlawumbi, omnye woonobangela benguqu kwindlela endiwujonga ngayo lo mba, ziinkumbulo zemifanekiso olwaluko, ezigcwalise amajelo kawonke-wonke, kwaye sekulithuba le mifanekiso ijikeleza kula majelo lo mboniso ungekenziwa.

Eminye yale mifanekiso ibonisa elubala iimfihlo zasebakhwetheni ezifanele amadoda kuphela, ize eminye ibonakalise abakhwetha abathathe imifanekiso namabhinqa angabelungu.

Kodwa, akukho nomnye kule mifanekiso obonakalisa ukulalana kwamadoda okanye ulalwano konke konke. Sekunjalo, andinakutsho ukuba ayifumaneki konke konke. Olu lwazi lwenze ukuba ndibe nemibuzo emininzi malunga nokugrogriswa kubadlali kulo mboniso.

Enye yezinto ezazindivuyisa nangakumbi kukuba andizange ndive ukuba lo mboniso uzakuboniswa apha eNorway, nto leyo yandenza ndaziva ndikhuselekile kwisihendo sokufuna ukuzibonela. Nanjengoko bendichazile ukuba izisongelo nokugrogrisa kube negalelo ekubuyiseni kwam inyawo kwingxoxo nge-iNxeba, ngelishwa okanye ngethamsanqa, kumnyhadala wemiboniso bhanya-bhanya yasemazantsi- Film from the South Festival, iNxeba, libe lelinye lemiboniso kuludwe lwemiboniso kulo mnyhadala. Ekuqaleni ndizamile ukutshitshiliza ndisithi andifuni kulibona iNxeba.

Ndithe xa ndithatha izigqibo zokuya kulibukela, ndathi kuzakubangcono ukulijonga ngeliso lomdlali weqonga okanye umgxeki wemifanekiso bhanya bhanya, ukwenzela ukuba ubuXhosa bungabina mpembelelo kwizimvo zam kulo mboniso.

Ndiye ndagqiba ekubeni mandijonge imbonakaliso yamaXhosa namasiko nezithethe zawo. Ngolu hlobo bendizama ukuzenza umntu ozikhusela ngokusebenzisa ikhondom, nangona ndikrexeza.

Ndiye ndamangaliswa yindlela owenziwe ngayo lo mfanekiso, nto leyo engenanto yakwenza nomxholo okanye isiko lolwaluko, ubuchule bendlela owenziwe ngawo lo mboniso.

Umzekelo, ukungangxengwa kolwimi lwesiXhosa kulo mboniso. Kaloku ndiqhele ukubona imidlalo yesintu kumabonakude kuSABC, kusetyenziswa ubukhulu isiNgesi nangona umboniso ungesiXhosa, isiZulu, isiSotho okanye isiVenda.

Indlela abadlali ababonise ngayo intembeko yokunamathela kolu lwimi, kunendlela ezidla ngokuphathwa ngayo iilwimi zesintu kwezebhanya-bhanya nakumabonakude.

Ndizakube ndilixoki xa ndisithi andikhange ndihendeke, xa ndibona abakhwetha kumdlalo bhanya-bhanya, kodwa ndiyithandile imbonakaliso yokuhlonitshwa neqhayiya abanalo abantu abalithandayo eli siko, nangona bendimana ukubamba amazinyo xa izinto zisondezwa nganeno.

Ndinamava wokubonakalisa ukungakhathali kwabayili bezambatho, ngakumbi kumabali angabantu abantsundu njengomdlali weqonga, kumboniso bhanya-bhanya- The Cold Harbour, apho ndandixoxisana nomyili wezambatho ngokungakwenzi kwakhe ukuphanda ngabalinganiswa abantsundu xa kulinganiswa nabamhlophe.

Ubuchule nobuhle bendlela eboniswe ngayo imimango neziphaluka zibe ngumtsalane ondenze ndalibala ukuba ndinezimvo ezibetha-bethanayo ngalo mboniso.

Le mifanekiso isuke yandikhumbuza ikhaya nobuhle belizwe lethu, uMzantsi Afrika. Ukusetyenziswa kwekhamera yenye yezinto ezindithathe ngommangaliso njengesixhobo sokubalisa ibali.

Ndithe ndisathatyathwe bubuhle bendawo, kumzuzu olandelayo ndithe ntla ngemifanekiso ephazamisayo yamadoda elalana, okomntu obethwe ngempama. Okanye mandithi ukulalana kwamakhankatha esemsebenzini.

Umbuzo endisenawo ngulo: ingaba ndothuswe kukulalana kwamadoda, okanye into yokuba ngamadoda angamaXhosa yeyona nto indiphazamisileyo?

Into endiqiniseke ngayo yile yokuba indonyanyise ngakumbi ngamakhankatha alalana esemsebenzini, kuba impilo yabakhwetha ixhomekeke kumsebenzi wabo nangendlela abaziphethe ngayo. Le mifanekiso ngomnye woonobangela wokubhalwa kweli khasi.

Ngelam, elona nxeba linobuzaza zezi ndawo zokulalana ebakhwetheni, kunokuba amadoda amadala akhethe ukuba ‘zizitabane’.

Ngokomgaqo, indoda ezakuphatha abakhwetha ayivumelekanga ukuba isondele kwimicimbi yesondo, nokuba ibizakube ilele nomfazi wayo.

Ubunzima balo mbandela, uba nobunzima xa amakhankatha elalana aphinde ayokudibana nabakhwetha, bobona bungozi. Ngokwembono yam ingathi lo mkhuba uXolani noVija banamava apha kumsebenzi wobukhankatha, nto leyo endenza ixhala malunga nokukhethwa kwamakhankatha.

Ingathi kukho imizila engacacanga kweli bali, nto leyo eluxanduva kubazali nabalandeli besiko lolwaluko. Ingathi ubukhankatha kula madoda mabini nokwenza kwabo umsebenzi owanelisayo yindlela yokuqinisa ukuthenjwa kwabo, abe kwelinye icala efumana ithuba lokudibana kungekho kurhanela batha ngalo mkhuba wabo.

Ingathi into yokuba uXolani sisitabane okanye uVija unemikhuba yokulalana namadoda ayibakhathazi abazali okanye uluntu, ukuba amakhwenkwe abuyela ekhaya ephilile engumqaba-qaba, xa bengayazi.

Nantsi enye yemibuzo ejikeleza iingcinga zam: Leliphi ikhankatha ongalikhetha ukuba ubunoonyana abazakwaluka, indoda esisitabane, enamava, engenabakhwetha bayo bonzakala esuthwini okanye ukufa; okanye ikhankatha elimava anokwenzakala nokufa kwabakhwetha, kodwa ingesositabane?

Ingathi eyona nkxalabo yamaXhosa ilele kulo mda ungacacanga, kumba wesiko lobudoda nobutabane.

Kulo mboniso, iNxeba, ndixhaliswa nguVija, kuba ingathi ngumlinganiswa osisirhalarhume kwezesondo, ethafa laso lokuzingela kusebakhwetheni, amaxhoba ibe ngabakhwetha.

Ngendlela endibona ngayo, umsebenzi omhle wobukhankatha wenza ukuba athenjwe luluntu, ngaphezulu koko abe nesizathu sokukhe amshiye umfazi nabantwana. Mhlawumbi ulala nezini ezibini (bisexual).

Inokuba yilo nto uKwanda ebonakala enobungozi kuye, nangona engathi uyamrhalela. Yilo nto obu bugagu bukaKwanda buyingozi obunokonakalisa ubomi bakhe, ngaphezu kokuba lixhoba.

Nangoko ndizamile ukuxoxa ngeyantlukwano nempixano yezimvo zala macala mabini ngesiko lolwaluko, kwanenzondo yamaXhosa anenkolo kwisiko lolwaluko, ejongiswe kumfanekiso iNxeba; ingathi kusekude engqinibeni macala omabini.

Ubuchule nobukrele-krele bababhali beNxeba, ekudibaniseni eminye yemiba e-ethe ethe eyadlula izizwe ezintsundu kweloMzantsi Afrika; aba babhali bakwazile ukwakha abalinganiswa esinokubacaphukela siphinde sibenovelwano lwabo ngaxesha linye.

Njengombukeli, eli bali liphumelele ukundenza ndilibale ngobuXhosa nobudlelwane bam kwisiko lolwaluko, lindinike ithuba lokunambitha le ntsomi ngela xesha.

Indlela owenziwe ngayo lo mboniso uphumelele ekundenzeni ndizifanise nabanye babalinganiswa kwiziganeko ezithile apha ebalini.

Ndiyabuncoma ubuchule bababhali nomlawuli walo mboniso ngokuchukumisa ababukele ezintliziyweni ngendlela abasebenzise ngayo izixhobo abanazo.

Ibali kwakunye nabadlali bandenze ndabona amanye amanxeba ekufuneka enyangiwe. Mhlawumbi umsindo ojoliswe kulo mboniso njengokunyhasha nokunyelisa isiko lesintu iyakwenza bamphose oyena nobangela obiza iimpukane eziluhlaza kweli siko.

*UBuntu Pupa ngumdlali weqonga wakuKomani osibhalela ephesheya, eNorway, apho ahlala khona nomfazi noonyana ababini. UPupa ukwangumbhali wemibongo nezeqonga ozingca kakhulu ngobuzwe nangamasiko esiNtu.

**Umboniso lo ufika kwiisinema zaseMzantsi Afrika kweyoMdumba 2018 kwaye ukuwatyunjwe kwiimbasa zeeOscars zaseMelika ezakubanjwa ngomhla we-4 eyoKwindla 2018.