Iphi idyasi katat’ omkhulu?

Le nyanga singena kuyo yoMsintsi yenye yeenyanga ezinika umdla, inengxoxo eyoyikwayo ngabanye, abanye besenziwa lulwazi.

Yinyanga yezinto ezililifa kwilizwe loMzantsi Afrika nabantu balo ngokubanzi. Zininzi ke izinto ezililifa emntwini, kodwa amaxesha amaninzi lukhokelwa ngabezopolitiko beluxelela ukuba zintoni ezililifa kwisizwe.

Idyasi katatomkhulu wam owabhubha ngo1897, ililifa ngaphandle kwamathandabuzo, ngaphambi kokuba ndifune ukuhlonipha nokunika imbeko izinto ezililifa ezingasondele kuyaphi kum njengesiqu.

Kungoko sikubuza ukuba ingaba iphi ke idyasi katatomkhulu wakho, ilifa lakho? Xa kuthethwa ngala mafa wekhaya amanye ayaxabanisa kakhulu, ngenxa yoku asithandi kuthetha ngawo.

Umhlobo wam oyindoda emhlophe ngeyeSilimela kulo nyaka undiqhayisela ngedyasi, athi yekakhokho wakhe, kwaye inxitywe zizizukulwana ezine zekhaya lakhe.

Uthi le dyasi yathengwa ngukhokho wakhe ekutyelelo kwelaseJamani phaya ngo1899, wayishiya kuyisemkhulu wale ndoda, yanxitywa nguyise wale ndoda, ngoku inxitywa yile ndoda, kwaye inenjongo zokuyigqithisela kunyana wayo.

Kutheni siyeka izinto ezililifa kuthi ezithwele iintsikelelo, ukhuselo nonxibelelwano lwethu kunye nabo basizalayo, suka sindwebele ezo zingasondelanga kuthi.

Xa ungena kula maziko okulondoloza le mbali ufika kuwo kukho imikhonto eneempawu zokuba wakhe wahlaba, uhlabela ikhaya elithile.

Uzibuza umbuzo wokuba kutheni bengayazi abantu ukuba kukho izinto ezillifa zekhaya ezithwele ubomi neentsikelelo zabantu belo khaya.

Izingqusho, iinkukho, iimbiza, izitya nezinye izinto zamakhaya ziyalahlwa. Kuko konke oku kulahlwa kwezi zinto zililifa lekhaya, kulahleka imbali nomzila wekhaya.

Iphi idyasi katata wakho? Iphi idyasi katatomkhulu wakho? Eli lelona lifa lisondele kakhulu kuwe, kwaye aba bantu bangakuvuyela ukukubona unxibe izinto ababezinxiba. Kwezinye izizwe iimpahla zomntu obhubhileyo ziyebiwa, zinikwe abantu bekhaya, kwezinye izizwe ziyatshiswa.

Xa kwenzekile ukuba uyifumane idyasi katatomkhulu, katata, kabhuti yigcine kuba lilifa elikugcina unonxibelelwano nabantu bakowenu.

Izinto zala madoda namakhosikazi sithetha ngawo azinamkhondo emakhayeni abo, kuba zinikwa abantu abangakwazi kugcina nakuqwalasela izinto ezililifa kubo.

Owam utata ubhubhe ngo2015, ndazithatha izinto zakhe eziquka iimpahla, ndazigcina. Iidyasi zakhe ezimbini, izilamba zakhe kwakunye neejezi zakhe, ndiva kamnandi ndakuzinxiba kuba zililifa kum.

Kufuneka sohlukane nokuchaza izinto ezililifa kuthi ngokusekelezelwe kwinkcazelo neembono zezinye izizwe, izinto ezililifa kuthi ziqala ngezi zinto zincinci. Iphi idyasi katata wakho, katatomkhulu wakho, ziphi izinto ezililifa kuwe?