Iphila ubomi bentshontsho inkwenkwe

Iphila ubom obubuhlungu inkwenkwe eneminyaka elithoba yaseEshowe KwaZulu Natal emveni kokuba ithe yaphulukana nelungu layo langasese kulandela ukoluswa gwenxa.

Usapho lexhoba luyakhala nalo lufuna uncedo nakubani. Kukwakholelwa ukuba nabanye abantwana kwingingqi yabo babekhe bangamaxhoba oku.

Le nkwenkwe isezintlungwini, iyintlekisa nasesikolweni, uyahlekwa ngabanye abantwana. Isebe lezempilo kwela, phondo lithi lizakuncedisana nosapho lwayo.

Isiko lolwaluko lavuselelwa yikumkani yamaZulu uGoodwill Zwelithini ngo2009. Sukela ngoko sele ngapha kwe-6 000 amadoda asele ekwenzile oko.