Ipolisa lidubule

labulala elinye

Ukhala ojongene nokusebenza kwamapolisa (IPID) uphanda ipolisa laseSterkspruit emva kokuba eli polisa lidubule labulala elinye ipolisa ze lashiya elinye lonzakele.

Iingxelo eziphuma kothethela amapolisa ephondo uCol. Sibongile Soci zithi, esi sehlo senzeka kwiveki ephelileyo. USoci uthi la mapolisa ebengekho msebenzini ngethuba lale ngxwaba -ngxwaba. “Ngethuba lale ngxwaba -ngxwaba omnye uConstable uzame ukunqanda kwesi sibini besisilwa kanti kulapho azibizela ukufa kukude kuye.

Umrhanelwa lo uye wakhupha ummpu wadubula kwixhoba labhubha ngoko nangoko ze omnye wamdubula kumzimba ongezantsi noye wasinda emva kokuba ethe wabalekiselwa kwisibhedlele esikufutshane noye wakhutshwa emva kokujongwa umonzakalo kuye,” utshilo uSoci.

USoci uthi umrhanelwa lo obengumdubuli uye wabanjwa nonamashumi amane anesibini ubudala eminyaka nekulindeleke ukuba avele phambi kweenkundla zamatyala aseSterkspruit ngale ntseni yanamhlanje. Ityala livuliwe ngamapolisa nalapho ibutho eliphanda amapolisa ngokwendlela asebenza ngayo (IPID) ephezu kophando sithetha nje. Lo mrhanelwa ujongene namatyala amabini elokuzama ukubulala kwanelokubulala.

Abakulawulo kwisebe lesipolisa kweli phondo bathe bathumela amazwi abo ovelwano kusapho lwexhoba kwizihlobo kwakunye noogxa balo, bekwanqwenelela nogxa wabo othe wasinda ngethuba edutyulwa impilo ekhawulezileyo nengcono.