Isagxekwa nangona izichithile izityholo iNPA

Untloko yeGunyabantu lezotshutshiso uShaun Abrahams. Umfanekiso: IOL

Ziya zikhula izigxeko ngakwintloko yeGunyabantu
lezoTshutshiso kweli uShaun Abrahams, nangona elichithile ityala
ngakumphathiswa wezemali uPravin Gordhan, nabemangalelwe nabo uIvan Pillay
kwakunye noOupa Magashula. 

Esi sithathu besibekwe amatyala obuqhetseba
oboyanyaniswa nomhlalaphantsi wangaphambi kwexesha kaPillay liGunyabantu
lezoTshutshiso. 

U-Abrahams wafumana ukugxekwa emva kokuvakalisa ezi zityholo ngelithi ezi zityholo
azinasihlahla, kwaye liyelekenqe lezopolitiko lokususa uGordhan njengomphathiswa wezemali eliphekwe ngumongameli weli uJacob Zuma namahlakani
akhe. UGordhan ungene kwesi sihlalo ngaphandle kwentando kaZuma, emva kokuba imalike zakukhaba ukubekwa kukaDes van Rooyen njengomphathiswa wezemali kweyoMnga kunyaka ophelileyo.

Ukususela oko wathi wangena kwesi sikhundla uGordhan uzifumene etshutshiswa libutho looKhestshe ngezityholo zokuseka ibutho lophando ngethuba engumkomishinana kwaSARS. Eli butho belityholwa ngokophula umthetho.

Emva kokungafumani bungqina boneleyo bokuba uGordhan atshutshiswe ooKhetshe baveze ezi zityholo ziphinde zarhoxiswa ngale ntsasa.

Ngale ntsasa uAbrahams uvakalise ukuba uyazichitha ezi zityholo emva kokwaneliseka
ziingxoxo zokubonisana ebenazo noMagashula, kwakunye noPillay. 

Usamkela esi sigqibo umbutho wabucala iFreedom Under law, ugxeke uAbrahams ngelithi iNPA ityabeke uGordhan, uPillay,
noMagashula ngamatyala ingakhange ifumane eyona njongo yolwaphulo mthetho kwinyathelo lokunika uPillay umhlalaphantsi ngaphambi kwexesha. 

UJohan Kriegler obethethela iFUL uthe, “Bendicinga
ukuba uAbrahams uzakuthatha eli thuba axolise, avume ukuba iNPA yenze impazamo,
kwaye iyaxolisa ngomonakalo awenzeke ngenxa yesigqibo sayo.”

Namaqela aphikisayo aquka iDA, neEFF, neIFP akhwele
ezehlela kwiNPA naku Abrahams. 

Inkokeli yeDA uMmusi Maimane uthe lo ka-Abrahams
usetyenziswa ngutsotsi ombeke kwesa sikhundla. “Wabekwa ngengentloko yeNPA
ngutsotsi onguJacob Zuma, ngoku ulwa amadabi kaZuma,” utshilo uMaimane. 

Kwealayo
icala iEFF ithi makaphulukane nelungelo lobuqondisi (advocate) uAbrahams. Igxelo
ekhutshwe ngulo mbutho ithi, “Isenzo sika-Abrahams siyaphikisana
nomgaqo-siseko, kwaye akakufanele ukuxelenga njenge advocate.” 

Ukanti
izicwangciso zamaqela ezopolitiko nawasekuhlaleni zokubamba umngcelele ePitoli
siseza kuqhubeka.