Isazisi sokungena ethaveni

Kumatiletile okuzama ukunqanda iziganeko zabantwana abangaphantsi kweminyaka eyi18 abazonwabisa kwiindawo zentselo, uMasipala oMbaxa iBuffalo City uhlaba ikhwelo kubantu abashishina ngotywala ekubeni babe ngqwabalala kwabo basela okanye bathenga utywala ngelithi baveze izazisi zabo (ID) xa bengena emnyango kwezi ndawo zentselo.

Lo Masipala uthi sele ziqalile ezinye iithaveni kwindawo yaseScenery Park, eMonti ukufuna izazisi kubaseli ngelokujonga ukuba balilungelo na ngokweminyaka ukungena.

“SinguMasipala siyakuncoma esele kwenziwe yenye yeethaveni eseScenery Park esele iqalisile ukusabela kwikhwelo lokufunwa kwezazisi kubaseli. Sitsho kwiishibhini, thaveni kwakunye neeclub nazo zizeke mzekweni. Oku kwakuthi kuncede ekuvaleleni abantwana abangaphantsi kweminyaka esemthethweni bangangeni kwaye nabathunyiweyo bezokuthenga bangathengiselwa. Kanti oku kwakutsho kuncede noosomashishini zikhuseleke ilayisenisi zabo zokuthengisa,”utshilo uSamkelo Ngwenya osisithethi saseBCM.

UNgwenya uthi abanikazi bezi ndawo zentselo mabaqeqeshe oonogada babo ekubeni baqalise ukufuna izazisi kwabo bakrokrelekayo ngeminyaka.

Uthi okunye ngabazali abathuma abantwana ekubeni bayokubathengela utywala babe bebazi ukuba bangaphantsi kweminyaka esemthethweni, uthi oko makuphele.

Kulindeleke ukuba ooceba, amapolisa, uluntu kwakunye neBhodi yabaThengisi boTywala babambe uqeqesho apho kuza kube kuxhotyisanwa ngomakulindeke ekuhlaleni. Okunye ngumba wokuqatshelwa kwamaxesha okuvala ezi ndawo zentselo kwanokujonga ukhuseleko.

Iziphumo zophando malunga nento ebulele abantwana abangama22 Enyobeni eScenery Park ngomhla wama25 kwinyanga ephelileyo azikaphumi.