Umakhulu wamoyikisa umzukulwana odlwenguliweyo

IGunyabantu lezoTshutshiso lithi okothusayo nokwaba ngumnqa kwityala lendoda egama linguSiyanda Madlebe (47), owadlwengula umzukulwana (9) wenkosikazi athandana nayo, kukuba le nkosikazi athandana nayo nengumakhulu wexhoba, yathi xa ixhoba lixela ngokwenzeke kulo wathi umakhulu makathule kwaye wamgrogrisa nangokuba ukuba uyaqhubekeka ethetha baza kumbulala.

Isithethi seNPA, uLuxolo Tyali, uthi oku kuye kothusa kwaye koyikisa inkundla kuba lo makhulu wasuka wajikela umzukulwana wakhe, ethatha icala lesithandwa sakhe.

UMadlebe ugwetywe ubomi yiNkundla ePhakamileyo yaseBhisho ngoLwesibini kule veki, emva kokufunyanwa enetyala lokudlwengula ixhoba eliselula kakhulu ngokweminyaka.

Ixhoba, umakhulu kwakunye noMadlebe, bebehlala bonke kwilali yaseGxulu kuQoboqobo, oku kwabe kusenzeka phakathi kuka 2018-2019.

UTyali uthi ixhoba belilala kwigumbi lokuphekela, umakhulu kwakunye noMadlebe belala kwelokulala. UMadlebe ebeye ezinzulwini zobusuku achwechwele ixhoba afike alivale umlomo akugqiba alikhulule azenzele kwaye aligrogrise nangokuba uza kulibulala ukuba liyakhala okanye liyaxela.

“SiyiNPA siyasamkela esi sigwebo sinikwe okaMadlebe. Siyabalumkisa ke abazali ekubeni babagade abantwana bangaxhatshazwa ingakumbi ngabo bakufutshane nabo. Kwaye babanike indlebe ngalo lonke ixesha. Okothusayo kukuba umakhulu zange amkholelwe umntwana, wathi uthetha ubuxoki,” utshilo uTyali.

UMadlebe ubanjwe kunyaka ophelileyo emva kokuba ixhoba laye laxela kumama walo olizalayo.

Ngethuba kuqhuba ityala, uMadlebe waphika esithi ityala akanalo, de uAdv Nocwaka Blorweni-Tokota waveza ubungqina bexhoba, obomhlobo wexhoba, obomama wexhoba kwakunye nelikaSajini Candy Gala.