ISAZISO SAMACIRHA: Umbhiyozo wamasiko nezithethe zakwaNtu

Imbumba yamaNyama Royal Council, iinkosi neenkosazana zomthonyama kwaXhosa ziceba umbhiyozo wenkcubeko, amasiko nezithethe zakwaNtu eThwathwa ngomhla we-24 kweyoMsintsi 2017. IThwathwa ikumgama wekhilomitha ezili-14 xa uphuma edolophini, eBhofolo, ukuya eMpofu kummandla waseMhlangeni phantsi koRhulumente wamakhaya obizwa ngeRaymond Mhlaba Municipality.

Izithethi nezithwalandwe nabantwana Bohlanga, kwisizwe sikaNkosiyamntu, kaMalangana, kaXhosa, ziyakunyathela kwimiba yobukhosi bamaCirha nesiprofeto senyange, imboni yasendulo uNtsikana kaGabha, nomkhombandlela wokubhekisa phambili isizwe njengamaSirayeli ephuma eYiphutha yakudala. Nantso ke Ntozakuthi! Ikhwelo lityala.

Imibuzo: Mfundisi Mbulelo (Aa! Ngubesilo) kaDyibishe, uGqirha Joji kaTsibani (Aa! Ngangezwe) okanye kuDimati Ngcese (Aa! Bovulengwe).Bafumaneka kumnxeba: 0828092162, 0787331067 okanye 0733115457.

Sikhutshwa ngokuGunyaziswa sisiGqeba seMbumba Royal Council.