‘Isebe lezeMpilo liyagula!’

EKAPA: Uphando olwenziwe ngabakwa Treatment Action Campaign (TAC) lufumanise ukuba inkonzo yezempilo kwizibhedlele zasekuhlaleni ayisebenzi.

Olu phando lwenziwe kwiikliniki eziyi-254 elizweni lonke kuquka neziyi-30 zaseNtshona Koloni.

Abantu bebebuzwa imibuzo eyi 23 enxulumene nemeko yabasebenzi, amaxesha okulinda ukuya kucoceko.

I-TAC ithi ifumanise ukuba kwiiklinikhi eziyi 81 abantu balinde ixesha elingapha kweeyure ezimbini phambi kokufumana uncedo.

Ukanti kwi 69 % yezi kliniki kulindwa ixesha elingapha kweyure. Ithi le ngxelo iikliniki eziyi 160 zisemgangathweni kodwa eziyi 81 azinazitulo zokuhlala ngelixa kusalindiweyo.

Iindawo zokulinda kwiikliniki eziyi 202 zicocekile ze kweziyi 48 zibemdaka.

Iikliniki eziyi 247 ezijongwe ngemeko yamagumbi angasese, iTAC ivakalise ukuba i55% inawo amagumbi angasese nangona engekho semgangathweni.

Unobhala weTAC uAnele Yawa, uthi i-122 kweziyi 242 azinawo amagumbi angasese.

“Olu phando lufumanise ukuba abantu abaninzi baxhomekeke kwezi kliniki kodwa abasebenzi banqongophele,” utshilo.

Uthe ezi ziphumo zibonakalisa ukuba inkonzo yezempilo ayisebenzi. Isithethi sesebe lezempilo uMarika Champion uthe iNtshona Koloni iyayamkela le ngxelo.

Uthe nabo belisebe baqhube olwabo uphando lweClient Satisfaction Survey (CSS).

Uthe kolu phando abaluqhube kweyoMsintsi bafumanise ukuba i79 % yeekliniki zicocekile.

U-Champion uvumile ukuba izigulane zilinda ixesha elide nto leyo abangayithandiyo belisebe.

Uthi oku kubangelwa linani elininzi lezigulane.

Uthe i-93% yezikhewu zemisebenzi seyivaliwe. “Soloko sijonga indlela esinokuphuhlisa ngayo ezempilo,” utshilo.

isibhalo@inl.co.za