Isikhululo sosasazo Umhlobo Wenene FM lisela

Le yincwadi evulekileyo endiyibhalela abahlekazi namakhosazana angabaphathi besikhululo sosasazo Umhlobo Wenene FM esikomkhulu laso liseBhayi, nesisasaza ngolwimi lwesiXhosa.

Bhotani, nina zindwalutho ezingafanele kubhubha, endizihloniphe kakhulu kuba nithwele uxanduva lokusasaza nokufundisa isizwe esiNtsundu nezinye izizwe ezinomdla wokwazi ngenkcubeko yabaNtsundu ingakumbi eyamaXhosa.

Imbangi yokuba ndinibhalele le ncwadi ivulekileyo yindima yenu entle eniyibonakalisileyo nivakalisa elubala ukuba anihambisani nobusela bokubiwa kwemisebenzi yabantu. Oku nikubonise ngethuba iimvumi zoMzantsi Afrika zaziqhankqalazela ukubiwa kwemisebenzi yazo yomculo eziyisebenzele nzima ziqamba iingoma, ekuthi ethubeni kuvele amanyangaza asebenzisa ubuchwepheshe bale mihla ayithengise ngexabiso eliphantsi kwizitalato zeli lizwe.

Umba ondiphakamisileyo kukuba nina nihlonipheke ninjalo nithabathe indima yokuncedisa kubusela bokubiwa komsebenzi wam oqulathwe kwincwadi yam ethi, ‘Iziduko Zabantu Abathetha IsiXhosa,’ eyapapashwa ngo2003 nakwezinye iincwadi zam ezingamashumi amathathu ezixoxa ngeminombo yeziduko, amasiko nezithethe ezingezizwe ngezizwe zabaNtsundu eziphume ngo2011.

Obu busela bokuba umsebenzi wam nibenze kwinkqubo yenu ebizwa “UMXHOLO” eniyiqhuba rhoqo ngentseni phakathi evekini eqhutywa ngumsasazi ekuthiwa unamava obizwa ngegama elithi Mnu. Siphiwo Magoda, (ngelishwa umqulunqi okanye umdidiyeli wale nkqubo andimazi).

Obu busela benzeke amatyeli amabini mna ndimamele usasazo lwenu, andiqiniseki ukuba buphelele apho. UMnu. Siphiwo Magoda wenze udliwanondlebe nendoda ayibize nezichaze ngokuba nguMnu. Nkqubela Gqobo, esithi iyingcali yeziduko. Ngokwenene le ndoda iqhubekile kula matyeli isebenzisa ulwazi lwam ngeziduko isasaza emoyeni imana itshintsha iindawo ezincinci.

Kwityeli lokugqibela ndiyimamele, le ndoda inguNkqubela Gqobo ibibizwe nini ukuba ize kuxelela abaphulaphuli benu ngesizwe samaNgutyana esisisizwe samaZotsho kuba kukho isithwalandwe esiliNgutyana esiswelekileyo. Le ndoda ifike yafunda umsebenzi wam opapashiweyo oxoxa ngesizwe samaNgutyana.

Kwakhona nina kumnatha wenu wonxibelelwano ekuthiwa https//m.facebook com/mhlobowenenefm/posts/1776859092367033 le ndoda inguMnu. Nkqubela Gqobo niyayibanga njengomntu wenu onisebenzelayo. Nibhale nathi: UMXHOLO 1: UBUYILE UMBANDELA ONGEMVELAPHI YEZIDUKO NGEENKANUKO ZABAPHULAPHULI. ULAPHA UMNUMZANA GQOBO OYINCUTSHE…

Ndingathanda ukunazisa ukuba uluvo ngokusasazwa kweziduko lwaqalwa ndim kwisikhululo sosasazo esabhangayo iRadio Transkei. Ngenxa yobuchwepheshe bam bokuthutha nokulanda imilibo yabantu bezizwe ngezizwe umsasazi osaphilayo uMnu.N.N. Yapi wandipha isiqhulo esithi, ‘Ingcali yeziduko’. Kwakhona ngowe1999 ukuya kowe2009 ndasabela isimemo kwiziko lenu Umhlobo Wenene FM ndanisasazela iziduko, amasiko nezithethe zabaNtsundu kwinkqubo zenu ezintathu ezi zezi: Twelf Down, Ezemfundo, Ukholo Lwemveli.

Ndiphinde ndabizwa ngabasasazi abangaphambili bale nkqubo yenu ithi, ‘Umxholo,’ ukuba ndize kuphendula ngobukumkani bamaZulu, isizwe samaMfengu, nembali ngeentaba.

Iyandothusa ke ngoku ukuba ningazi ukuba ukuthabathela kuwe uluvo lomntu BUBUSELA obungaphaya obubizwa iPLAGIARISM kwiinkundla zomthetho. Isichazimagama iOxford Advanced Learner’s Dictionary obu bututu nibenzayo ibutolika ngolu hlobo: “To copy another person’s ideas, words or work and pretend that they are your own.”

Le ndoda nide nayinika isiqhulo sam esithi ‘Ingcali Yeziduko’ njengoko umsasazi wenu uMnu. Siphiwo Magoda eyibiza. Ndiza kuba ngubani esam isiqhulo ngoku, okanye ndiza kuba yingcali yantoni? Ngaba umqulunqi/umdidiyeli wale nkqubo ithi ‘Umxholo’ wazi njani ngale ndoda inguNkqubela Gqobo isebenzisa umsebenzi wam kwisikhululo senu?

Ndingathanda ukunazisa ukuba ndichithe izigidi zeerandi ngokwemali yoMzantsi Afrika ndiqokelela lo msebenzi weziduko nina enithe nagqiba ekuthini niwuchithe niwenze owenu ngemini enye. Enide naqwela nixelela ihlabathi ukuba nibuye nengcali yenu.

Ndithanda ukunazisa ukuba ewe lilungelo lakhe nawuphi umntu ukuphanda ngomba awuthandayo kodwa kufuneka evakalise elubala ukuba uphando lwakhe ulwenza njani, kwafuthi izeziphi iingcali esele zikhe zalenza elo linge. Kwaye kufuneka exelile ukuba uza kwahluka kanjani kuzo.

Ndigqibe ekubeni lo mba ndiqale ndinixelele kwiphephandaba uviwe lilizwe njengokuba ndiza kuwusa ezinkundleni zomthetho.