Isikhwenene somkhuluwa ngumninawa

LiyinenE elithi ukuba abantu bangagaqa bonke kungabikho mntu uhambayo, nabantwana abazalwayo abangeke bahambe, bangagaqa okwabo.

Uninzi lwezinto ezenziwa ngumntwana zizinto azifunda kwabadala, okanye koontanga bakhe abazifunde kwabadala.

Ukuba umntwana uyathuka yazi ukuba kukho apho asive khona eso sithuko.

Umntwana unesigqezu ke ngegama elitsha ngalinye athi alifumane, eyokuba liyathuka ke yeyakho.

Kukho ukubaxwa kwezinto ke kule ndalo yokulinganisa, ingakumbi ngabantu abadala. Ndike ndihleke ndodwa xa ndimamele imiphanga kunomathotholo wam.

Umfundi wemiphanga kunomathotholo wam ilizwi lakhe uyaliguqula. Mangala ke wena ukuba wenzela ukuthini!

Ulinganisa abakhuluwa bakhe ababefunda imiphanga ngaphambi kwakhe. Ndide ndiphoswe zezinye iindawo ezifundwayo kuleyo miphanga ngenxa yokuphazanyiswa koku kulinganisa kwalo mntu ufundayo.

Ndixakwe ukuba linani na elakhe ilizwi engafundi ngalo nje. Abazidubi ke aba bantu ngokukhangela ukuba kwakusenzeka ntoni na kubakhuluwa abo babo ukuze babe bayifunda ngolo hlobo imiphanga kunomathotholo, bayabalinganisa qha. Uya kulithini ke iliwa?

Nqwa noninzi lwamaKhristu. Bayalinganisa abo bantu! Umntu akafuni ukuthandaza ngelizwi lakhe, ufuna ukuba nelizwi elilodwa xa ethandaza.

Ndibe nexhala ke mna ukuba kazi uThixo akayi kuyinika mntu wumbi na loo nto icelwayo kuba ebhidiswa lilizwi.

Ukuthandaza kukucela nokuzithoba nokunqula, kungani na ke ngoku mntu egquka umkhondo ngokuzijika ilizwi xa athandazayo?

Ndihlekiswa libali lokuminxa isifuba kwabashumayeli xa bashumayelayo. Ithi imbali, omnye wabashumayeli abangamavulandlela kuBukristu kweli lizwe waye enesifuba, eminxeka akuthetha kakhulu. Kuthiwa ke wayesithi ngeli xa aminxekileyo angayeki ukushumayela, aqhube eminxeke enjalo, ewutsala kude umxhelo.

Laa khefukhefu wenziwa ngabashumayeli xa bashumayelayo kuthiwa balinganisa owabafundisayo owayenesifuba! Bathi ke bona “bayenyuka” xa besenza loo nto, endingazi nokuba banyukelwa lubefu na ke.

Ubukhwenene obu yintoni na bethuna, ukuba umntu ade alinganise nesigulo esi? Ndiyaxoka na zinkosi?

Hayi, akuxoki mna, kuxoka owandibaliselayo! Abanye ke bathi baminxwa ngumoya, endingaziyo ukuba ngonjani na ke lowo moya kuba awukho onjengawo kwiNcwadi yoBulumko esisikhokelo soBukristu.

NgePasika ndike ndibone abanye abantu belinganisa ukuxhonywa kukaYesu emnqamlezweni, betyethe umnqamlezo omkhulu bekhumbula mhla kwaxhonywa iNkosi. Ndiye ndibe nosizi ke ukuba kukuthini na ukudlalisa ngentlungu eyehlela uMaxhobayakhawuleza.

Kukho nengoma ethi “Akakhali uyabhonga,” nemidlalo eyenziwayo. Kwenye indawo ndike ndabona kubanjwe ithole lembongolo, libhenile kukusindwa yindoda phezu kwalo, kusithiwa kulinganiswa ibali lokungena kweNkosi eNazarethe.

Kuphathwe namahlamvu njengoko kusithiwa iNkosi yoondlalelwa amahlamvu ukungena kwayo apho. Ndizifumana zingamabali ke mna ezi ndawo kwiNcwadi yoBulumko, kungekho nto ithi mazenziwe.

Phaya ekhaya umama ondizalayo lixhegwazana elingasakwaziyo ukuhamba ngenxa yokufa icala, nobudala ke.

Iphelo koobawo, kumfazi wesine katatomkhulu, sisiqhwala esirhuqa umlenze nengalo emenza abengathi ugushe intshontsho. Aba bantwana bam bancinci bayabalinganisa, benze ngabo imidlalo.

Abazali bajonga abantwana abayimizekelo, bafundiswe ngabo ukuba babafuze. Namakrwala akhonjwa kwimizekelo amakalinganise yona, athanjiswa ngamadoda amakawalinganise.

Abaninawa baxhinela ukulinganisa abakhuluwa babo. Kazi ngubani na ke ongesosikhwenene? Ngubani onengqondo ongakufuniyo ukulinganisa izinto ezilungileyo nezibukekayo, ukuba zibukwe nakuye?

Masizikhangelele imizekelo emihle, silinganise yona. Kazi ulinganisa bani na ke wena kuleyo nto uyenzayo?

Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.