Isikolo samantombazana sitshiswe ngenxa yesikhwele

Sitshile esinye sezikolo ezinembali kweli leMpuma Koloni iMount Arthur Girls High emva kwezityholo zokuba abafundi abangamakhwenkwe kwisikolo esikufuphi banesikhwele ngamantombi esi sikolo.

Kutyelelo leqela lephephandaba I’solezwe lesiXhosa kwesi sikolo lincokole nenqununu uVuyisile Mtolo othi akawazi unobangela walo mlilo.

“Okwangoku asimazi unobangela wokutsha kwesikolo, eyona ndawo itshileyo apha lingumbi lokuhlala ootishala neendawo zokugcina iincwadi ezimbini,” uthethe watsho uMtolo.

Ingxelo yenqununu ithi ivuswe ngobusuku ixelelwa ukuba kuyatsha esikolweni, yaza yabiza amapolisa namagosa okucimba umlilo.

“Ukungabikho kwezicima mlilo kulo masipala wase- Malahleni kuphantse kwasifaka engxaki kuba kunyanzeleke ukuba kuphume abantwana besikolo bancedise amapolisa nonogada ukucima,” utsho uMtolo.

Umfundi ofunda eMount Arthur Girls High, nongavumanga kuchazwa uthe: “Sisola ukuba isikolo sethu sitshiswe ngenxa yokuba asifuni kujola nabafundi bezikolo ezikufuphi nalapha.”

Lo mfundi uthi kudala bebona ukuba amakhwenkwe afunda kufuphi nesi sikolo anesincwaso esibaxiweyo ngakubo. “Ebusuku kunzima ukulala kuba ayasinkqonkqozela la makhwenkwe. Asibavumi, ngoku bathi sizenza ngcono,” ubanga ngelitshoyo lo mfundi.

IMouth Arthur Girls High eyasekwa ngo1939 iphakathi kwezikolo ekuvuselelwa indonga zazo phantsi kwephulo elibizwa ngokuba yiHistorical Schools Project.

“Kule nkqubo kamfundisi uNjongonkulu Ndungane wephulo lokuvuselela izikolo nathi sizakuxhamla sizakuvuselelwa nangakumbi isikolo esi, le nto yenzeka kanye sisemlindweni,”uthethe watsho uMtolo.

Umphathiswa wesebe lezomkhosi kweli uNosiviwe Mapisa Nqakula uphakathi kosaziwayo abangcamle kulo mthombo wesi sikolo. “UNosiviwe Mapisa-Nqakula uthumele igqiza le ofisi yakhe apha kuba efuna ukusincedisa kwinkqubo yokuvuselelwa kwesi sikolo, nabanye ke abantu bayasincedisa,”utsho uMtolo.

Othethe egameni labafundi uSiphokazi Vinjwa uthi nabo abanalwazi ngemvelaphi yalo mlilo.

“Sivulelwe ngonogada besithi sibancedise ukucima seza siphethe amapheyile sancedisa, asiyazi ukuba bekuqale kwathini,” utsho uVinjwa. Uthi abaphazamisekanga ezifundweni zabo.

Isebe lemfundo kwisithili saseLady Frere sithi uqikelelwa kwizigidi ezibini zeerandi (R2m) umonakalo owenzeke kwesi sikolo, igosa eliphezulu kweli sebe uAndile Mazwi uyacacisa.

“Xa besiyile phaya sifumanise ukuba litshe lonke igumbi lokuhlala ootishala, kunye neencwadi ezintsha nezindala, ngooetishala abakwishumi elinesihlanu abasebenzisa eligumbi kwanetafile nezitulo ebezilapho,” utsho uMazwi.

Ityala lokutshisa livuliwe kumapolisa aseLady Frere.