Isikolo sase-EFATA sikhuthaza ukuthetha ngezandla

Isikolo sabantu abangaboniyo nabangevayo,  i-Efata,  iyivule le nyanga yabantu abangevayo ngeendlebe,  ngenkqubo yokupapasha ulwazi kwimiba echaphazela iindlela zokunxibelelana ngezandla.

Kumsitho obubanjelwe kwesi sikolo, kuthe kwakhanyiselwa abazali nabanye abathathi nxaxheba ngokubaluleka kokufunda ukuthetha ngezandla nokuhlalisana ngenzolo nabo bakule meko.

 Lo msitho,  nobuququzelelwe nguSamkelo Ngewu, usingathwe ngeenjongo zokucela umngeni kubazali abakhulisa abantwana abangevayo ngeendlebe ukuba bafunde baze bafundise abo babangqongileyo ngokubaluleka kokuzinikela ekufuneni ulwazi ngolu hlobo lonxibelelwano.

 OkaNgewu,  nonamava okukhulisa umntwana okule meko uthe, naye ukhe wafikelela kwixa lokubanomva-ndedwa wokuzibona enoxanduva lokwamkela aze omeleze umntana wakhe nokufunda ukunxibelelana naye, nto leyo ibalekwayo namhla ngabazali neenkokheli zasekuhlaleni. 

Uthe abanye abafuni nokuva ngokufunda olu nxibelelwano ngenxa yokuba behleli ethembeni lokuba abasayi kuze badibane noku.

UNomveliso Mnyayiza ongomnye wabasebenzi abaqeqeshelwe ukunikeza iingcebiso nokukhathalela abantwana kwela ziko uthe, “Abazali baye bafumane uxinizelelo olungummangaliso xa bebikelwa oku ngoogqirha, kodwa kubalulekile ukuba bahlale beyiqonda into yokuba oyena mntu uva uxinizelelo ngakumbi ngumntwana lo unesiphene, ngoko ke umzali unendima ekufuneka eyidlalile. 

Umntwana uzalwa engenanto ayaziyo, elindele kubazali ukuba bamnike yonke inkuthazo ngobomi engekade afikelele koontanga bakhe esikolweni nasezitalatweni abazakumxelela ukuba akanako”. 

Waleke ngelithi, “Amaphupha avamise ukutshabalala, nto leyo idalwa kukuba abazali abakwazi nokubafunda ukuba bathanda, bengathandi ntoni ngenxa yokungafuni ukufunda unxibelelwano lwezandla.

 Yazini ukuba banemizwa efana ncakasana neyabo bavayo, ke ngoko mabanikwe ingqwalasela bahoywe ngenkathalo. Omnye wemikhwa ebalaseleyo ngowokulwisana kwabazali omnye ekhomba omnye elisweni emsola ngesizalo sakowabo esikhokelele koku, endaweni yokufuna iingcebiso zokuqhubela umntwana kwikamva eliqaqambileyo.

Iqela eliphuma kwicala labangevayo lenze umboniso weqonga onomyalezo othi, “Simameleni, nisixabise kwaye nisikhathalele nje 
ngabanye abantwana”. 

Abazali babongoze ukuba iinkqubo ezifundisa uluntu ngokwamkela abo bakwezi meko zifikelele nasemaphandleni apho baye bazive bebekelwe bucala, kungekho mntu wenza zinzame zokukwazi ukufunda ukunxibelelana nabo. 
Esi sikolo sase-eFata sahlulwe kubini: licala labangaboniyo nelabangevayo ngeendlebe, kodwa inqununu inye, kanye ngenxa yesi sizathu abasebenzi becala labangevayo babonakele benesikhalo nabathe basidiza bucala besithi, minyaka le inqununu ikhethwa kwicala labangaboniyo, kwaye lo nto yenza ukuba icala labangevayo licalu-calulwe  kwaye lingafumani ngqwalasela kwimiba yentlalo entle. Bathe olona ncedo kwimiba yeengcebiso, ulwazi kunye nemisitho enemfundiso balufumana kwiYunivesithi yaseWits, kuba izinikele ekubancediseni nasekuthatheni abantwana babo, kodwa nalapho kuye kunyanzeleke ukuba bazenzele imigudu yokunxulumana nabo ziqu bengafumani nkxaso ibonakalayo kubaphathi beli ziko. 

Omnye wemiba ekugxininiswe kuyo ngowokoluswa kwabo emakhaya kungakhange kwenziwe malinge okuba kufunyanwe itoliki ezakuthi ibenze babenolwazi ngoko kwenziwa kubo, oonontlalo-ntle bathe oku kukunyhashwa kwamalungelo abo bachaphazelekayo kwaye kungade kuthathwe amanyathelo aqatha ngokuchasene nabenzi boku.