Isikolo se-Autism eBhayi sibhiyozela uthotho lweminyaka sasekwayo

Kulo nyaka isikolo sokuqala saseMpuma Koloni sabaphila nemeko ye-Autism isigulo sabantwana esiphazamisana nengqondo, kubenzima ukunxulumana nabanye abantu, besibhiyozela iminyaka engamashumi amabini ananye.

Sikhulile ukusuka kwisikolo esincinci esinabafundi abathandathu ukuba sibe sisikolo esikhulu esinehostele kunye negumbi leekhomputha.

IQuest ibikade isebenzela kwisakhiwo seCawe esidala xa sasivula iingcango ngo1995, kodwa namhlanje sele kukho isakhiwo esikhulu esiqhuba kuso esi sikolo eSouth End, eBhayi.

Esi sikolo saqala ngenxa yenkxaso yeJeeva Foundation. Eli qumrhu lesisa lathenga isakhiwo sokuqala sesi sikolo eTinarha. Ekukhuleni kwesi sikolo, eli qumrhu liye lathenga isakhiwo esisecaleni kweso besikhona sajikwa saba yihostele enokwazi ukuhlala abanye abafundi.

Esi sikolo ngoku kuphela kwesikolo esixhaswa ngurhulumente eMpuma Koloni esifunda abantwana abaphila ne-autism, abaphakathi kweminyaka emihlanu nelishumi elinesibhozo. Inqununu yesi sikolo uLoitte de Vries uthe: “Iingcango zesi sikolo zivuliwe ngoku ngenxa yamavolontiya amaninzi kunye nabahlali abaxhase esi sikolo ngendlela engummangaliso kwiminyaka edlulileyo.”

Ngonyaka ka2001 esi sikolo saye safudukela eSouth End, kwisakhiweo esidala esiphantsi kwesebe lezemfundo. Namhlanje esi sikolo sinabantwana abangamashumi asibhozo ananye, ootitshala nabancedisi babo abalishumi elinesithathu, oomama abancedisayo abalishumi elinambini.

Inqununu ithi esi sikolo sisa- qhubekeka nokufumana inkxaso esuka kwiJeeva Foundation.

“Oko bebesoloko benathi ukusuka ekuqaleni. Sukela mhla sasisiza kule ndawo intsha, baqhubekekile nokusincedisa ngokusinika ukutya. Baye balungisa nebhasi yethu encinci encedisa ukuthutha abantwana, kwaye bafaka neebhedi ngaphakathi ehostele,” utshilo uDe Vries.

UMunir Jeeva ilungu lengxowa mali yeli qumrhu usityelele esi sikolo kule nyanga wathi abasebenzi benza umsebenzi oncomekayo ngabantwana.

“Aba bantwana kufuneka babonwe kwaye baviwe, kwaye banelungelo kwezemfundo. Esi sikolo sinecebo elihle lokufundisa umntwana ngamnye. Enye into esizingca ngayo esi sikolo kukufundisa iilwimi ezintathu zelizwe loMzantsi Afrika isiXhosa, isiNgesi neAfrikaans nento encomekayo,” utshilo uJeeva. Uwanqwanqwadile namanye amashishini ukuba asixhase esi sikolo.

“Esi sikolo sinegumbi leekhompyutha elafakwa yiMTN Foundation, ngenxa yotyelelo likasekela mpathiswa wesebe lezentlalontle uHenrietta Bogupani Zulu. Olu luhlobo lenxaso enokuthi ifakwe ngamashishini,” utshilo uJeeva.