Isilumkiso kubafundi ngeziyunguma zePens Down

Umfanekiso Oselugcinweni: Independent Media

IBhodi elawula ukuthengiswa kotywala eMpuma Koloni (Eastern Cape Liquor Board) ikhuphe isilumkiso kubafundi isithi mabazikhwebule kwiziyunguma zokubhiyozela ukugqiba ukubhala iimviwo phantsi kwento abayibiza njengePens Down.

IPens Down sisiyunguma esenziwa ngabafundi, ingakumbi abo bakumabanga aphezulu, xa begqiba kubhala iimviwo zokuphela konyaka.

Ngenxa yezi ziyunguma, imizi yeentselo ide iququzele imisitho emikhulukazi isithi yiPens Down Party.

“Okuqaphelekayo kukuba kwezi ziyunguma, abafundi basebenzisa utywala ngendlela egwenxa eye ibangele ukuba bazibandakanye nokwabelana ngezesondo. Ezi ziyunguma zivame ukwenzekela kwiindawo zikawonkewonke ezifana neelwandle okanye kwimizi yentselo.

“Into exhalabisayo ngoku, kukuba kubaneziphumo ezibi. Ekuqaleni kwalo nyaka, iteksi yatshayisa abafundi ababekwisiyunguma sePens Down KwaZakhele eBhayi, apho kwabhubha abafundi abangamantombazana ababini abakwiminyaka elishumi elinesine,” kutsho isithethi sale Bhodi uMgwebi Msiya.

UMsiya ucele abazali ukuba baqaphele abantwana babo ngeli xesha likaxakeka watsho ememelela nakubathengisi botywala ukuba bahlonele imiyalelo yeelayisenisi zabo, bangathengiseli iintsana utywala.

Xa ubona umnini wevenkile yotywala esenza okukhabanyo nelayisenisi yakhe fowunela iEastern Cape Liquor Board ku: 080 000 0420